17 “Umoya wam waphulwe,+ imihla yam icinyiwe;
Indawo yam isemangcwabeni.+
2 Ngokuqinisekileyo ndenziwa intlekisa,+
Yaye iliso lam lihlala phakathi kokuziphatha kwabo ngemvukelo.
3 Nceda, ubeke isibambiso sam kuwe.+
Ngubani omnye okhoyo oya kuxhawulana+ nam njengesiqinisekiso?
4 Kuba intliziyo yabo uyivalile ekubeni nengqiqo.+
Kungenxa yoko le nto ungabaphakamisiyo.
5 Unokuxelela abalingane ukuba bathabathe izabelo zabo,
Kodwa amehlo oonyana bakhe aya kuphelelwa.+
6 Yaye undibeke njengomzekelo+ kwizizwana,
Ukuze ndibe ngumntu ekutshicelwa ebusweni bakhe.+
7 Iliso lam linorhatyazo ngenxa yokukhathazeka+
Yaye onke amalungu am afana nesithunzi.
8 Abantu abathe tye bakujonga oku bethe manga,
Kwanalowo umsulwa uyavuseleleka ngenxa yomwexuki.
9 Lowo ulilungisa uqhubeka ebambelele nkqi endleleni yakhe,+
Yaye amandla alowo unezandla ezihlambulukileyo+ aqhubeka esanda.+
10 Noko ke, ngamana nonke madoda ningaqhubeka. Ngoko ncedani nize,
Ekubeni ndingafumani namnye ulumkileyo phakathi kwenu.+
11 Imihla yam idlule,+ amacebo am aqhawulwe,+
Iminqweno yentliziyo yam.
12 Ubusuku baqhubeka bebubekela imini:+
‘Ukukhanya kusondele ngenxa yobumnyama.’
13 Ukuba ndiqhubeka ndilindile, iShiyol iba yindlu yam;+
Isingqengqelo sam kuya kufuneka ndisandlale ebumnyameni.+
14 Kuya kufuneka ndimemeze umhadi+ ndithi, ‘Ungubawo!’
Kwimpethu ndithi,+ ‘Mama nodade wethu!’
15 Ngoko, liphi na ithemba lam?+
Yaye ithemba lam—ngubani na olibonayo?
16 Baya kuhla baye kwimivalo yeShiyol,
Xa thina, sonke, simele sihle siye eluthulini.”+