Eksodus 1:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 Kodwa okukhona babebacinezela, kokukhona babesanda yaye kokukhona babesasazeka ngokubanzi, kangangokuba bagubha lunkwantyo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.+ Eksodus 23:27 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 27 “Ndiya kuzithumela phambi kwakho izothuso zam,+ ndibavusele isiphithiphithi bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele umva.+ Duteronomi 11:25 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 25 Akukho mntu uya kumelana ngokuqinileyo nani.+ UYehova uThixo wenu uya kubenza bankwantye nini yaye banoyike bonke abasezweni+ eniya kunyathela kulo, kanye njengoko enithembisile. Yoshuwa 2:9 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 9 Lathi kumadoda lawo: “Ndiyazi ukuba uYehova ngokuqinisekileyo uza kuninika eli lizwe,+ nokuba sifikelwe kukothuka ngenxa yenu,+ nokuba bonke abemi belizwe batyhafe iintliziyo ngenxa yenu.+ INdumiso 14:5 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 5 Apho bazaliswa lunkwantyo olukhulu,+Kuba uYehova uphakathi kwesizukulwana sabangamalungisa.+
12 Kodwa okukhona babebacinezela, kokukhona babesanda yaye kokukhona babesasazeka ngokubanzi, kangangokuba bagubha lunkwantyo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.+
27 “Ndiya kuzithumela phambi kwakho izothuso zam,+ ndibavusele isiphithiphithi bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele umva.+
25 Akukho mntu uya kumelana ngokuqinileyo nani.+ UYehova uThixo wenu uya kubenza bankwantye nini yaye banoyike bonke abasezweni+ eniya kunyathela kulo, kanye njengoko enithembisile.
9 Lathi kumadoda lawo: “Ndiyazi ukuba uYehova ngokuqinisekileyo uza kuninika eli lizwe,+ nokuba sifikelwe kukothuka ngenxa yenu,+ nokuba bonke abemi belizwe batyhafe iintliziyo ngenxa yenu.+