Eksodus 23:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 Uze wenze nomthendeleko wentlahlela yesivuno soko ukusebenzileyo,+ wakuhlwayela entsimini;+ nomthendeleko wokuhlanganisa ngasekupheleni konyaka, ekuhlanganiseni kwakho oko ukusebenzileyo entsimini.+ Numeri 29:12 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 12 “‘Yaye ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesixhenxe+ nifanele nibe nendibano engcwele.+ Nize ningenzi naluphi na uhlobo lomsebenzi onzima,+ yaye nimele nibhiyozele umthendeleko kuYehova iintsuku ezisixhenxe.+ Duteronomi 16:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 “Uze ubhiyozele umthendeleko weminquba+ iintsuku zibe sixhenxe ekubutheni kwakho esandeni sakho nasesixovulelweni sakho seoli nesewayini. Ezra 3:4 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 4 Baza benza umthendeleko weminquba+ njengoko kubhaliwe,+ ngemibingelelo etshiswayo usuku nosuku ngokwenani ngokommiselo woko kwakufanele suku ngalunye.+ Nehemiya 8:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Ngoko zafumana kubhaliwe emthethweni ukuba uYehova wayeyalele ngoMoses+ ukuba oonyana bakaSirayeli bahlale eminqubeni+ ebudeni bomthendeleko ngenyanga yesixhenxe,+ Zekariya 14:16 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 16 “Kuya kuthi ke, ngokubhekisele kuye wonk’ ubani oseleyo kuzo zonke iintlanga ezingenela iYerusalem,+ anyuke iminyaka ngeminyaka+ aye kuqubuda kuKumkani,+ uYehova wemikhosi,+ nokuya kubhiyozela umthendeleko weminquba.+ Yohane 7:2 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 2 Noko ke, umthendeleko wamaYuda, umthendeleko weminquba,+ wawukufuphi.
16 Uze wenze nomthendeleko wentlahlela yesivuno soko ukusebenzileyo,+ wakuhlwayela entsimini;+ nomthendeleko wokuhlanganisa ngasekupheleni konyaka, ekuhlanganiseni kwakho oko ukusebenzileyo entsimini.+
12 “‘Yaye ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesixhenxe+ nifanele nibe nendibano engcwele.+ Nize ningenzi naluphi na uhlobo lomsebenzi onzima,+ yaye nimele nibhiyozele umthendeleko kuYehova iintsuku ezisixhenxe.+
13 “Uze ubhiyozele umthendeleko weminquba+ iintsuku zibe sixhenxe ekubutheni kwakho esandeni sakho nasesixovulelweni sakho seoli nesewayini.
4 Baza benza umthendeleko weminquba+ njengoko kubhaliwe,+ ngemibingelelo etshiswayo usuku nosuku ngokwenani ngokommiselo woko kwakufanele suku ngalunye.+
14 Ngoko zafumana kubhaliwe emthethweni ukuba uYehova wayeyalele ngoMoses+ ukuba oonyana bakaSirayeli bahlale eminqubeni+ ebudeni bomthendeleko ngenyanga yesixhenxe,+
16 “Kuya kuthi ke, ngokubhekisele kuye wonk’ ubani oseleyo kuzo zonke iintlanga ezingenela iYerusalem,+ anyuke iminyaka ngeminyaka+ aye kuqubuda kuKumkani,+ uYehova wemikhosi,+ nokuya kubhiyozela umthendeleko weminquba.+