IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • INdumiso 37:26
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 26 Imini yonke uyababala yaye uyabolekisa,+

      Ngoko inzala yakhe imele ifumane iintsikelelo.+

  • INdumiso 112:5
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    •  5 Ulungile umntu obabalayo,+ abolekise.+

      י [Yohdh]

      Uxhasa imicimbi yakhe ngokusesikweni.+

  • IMizekeliso 3:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Musa ukwala nokulungileyo kwabo kuselungelweni labo ukukufumana,+ xa kusemandleni esandla sakho ukukwenza.+

  • IMizekeliso 14:31
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 31 Oqhatha osweleyo uyamngcikiva uMenzi wakhe,+ kodwa obabala ihlwempu uyamzukisa.+

  • Luka 6:35
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 35 Ngokwahlukileyo koko, qhubekani nizithanda iintshaba zenu yaye nisenza okulungileyo, nibolekisa+ ngaphandle kwenzala, ningathembe kubuyiselwa nantoni na; kwaye umvuzo wenu uya kuba mkhulu, yaye niya kuba ngoonyana bOyena Uphakamileyo,+ ngenxa yokuba unobubele+ kwabo bangenambulelo nabangendawo.

  • IZenzo 11:29
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 29 Ngoko abo babengabafundi bazimisela, ngamnye kubo kangangoko wayenako,+ ukuthumela ulungiselelo lwamancedo+ kubazalwana ababehlala kwelakwaYuda;

  • 1 Timoti 6:18
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 18 mabenze okulungileyo,+ batyebe emisebenzini emihle,+ bangagogotyi lutho, balungele ukwabelana,+

  • 1 Yohane 3:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Kodwa nabani na onezinto zokuxhasa ubomi+ zeli hlabathi aze abone umzalwana wakhe eswele,+ kodwa azivalele iimfesane zakhe kuye,+ lungathini na ukuhlala kuye uthando lukaThixo?+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share