16 Athi umntu lowo akuthi kuye: “Mabaqiniseke ukuba kuqhunyiswe ngamanqatha kuqala.+ Wandule ke uzithabathele nakuphi na oko umphefumlo wakho ukunqwenelayo,”+ okunene ke yena athi: “Hayi, koko ufanele undinike ngoku; yaye, ukuba akundiniki, kuya kufuneka ndiyithabathe ngamandla!”+