14 Xa bona, ababingeleli, bengenile, abayi kuphuma kwindawo engcwele baye entendelezweni engaphandle, kodwa baya kubeka izambatho zabo abalungiselela ngazo ngokwesiko,+ kuba ziyinto engcwele. Baya kwambatha ezinye izambatho,+ bamele ke basondele koko kunento yokwenza nabantu.”