IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 1 Kronike 15:28
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 28 Yaye onke amaSirayeli ayenyusa ityeya yomnqophiso kaYehova ngemikhwazo yovuyo+ nesandi sesigodlo+ namaxilongo+ namacangci,+ edlala ngokuvakalayo imirhubhe neehadi.+

  • 2 Kronike 5:12
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 12 abaLevi+ ababeziimvumi kubo bonke, abangaba, abakwa-Asafu,+ abakwaHeman+ abakwaYedutun+ naboonyana babo nababantakwabo ababembeswe ngelaphu elicikizekileyo bephethe amacangci+ nemirhubhe+ neehadi,+ bema ngasempuma esibingelelweni kunye nababingeleli belikhulu elinamashumi amabini bekhalisa amaxilongo;+

  • 2 Kronike 7:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Ababingeleli+ babemi kwizigxina ababesebenza kuzo, nabaLevi+ bephethe izixhobo zengoma+ kaYehova awazenzayo uDavide+ ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, “kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo,” ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo; nababingeleli babekhalisa amaxilongo+ ngokuvakalayo phambi kwabo, ngoxa onke amaSirayeli ayemile.

  • Ezra 3:10
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 10 Xa abakhi babeka isiseko+ setempile kaYehova, ababingeleli bekwizinxibo zasemthethweni,+ benamaxilongo,+ nabaLevi oonyana baka-Asafu,+ benamacangci,+ bema ukuze badumise uYehova ngokolwalathiso+ lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share