IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • 2 Kronike 26:15
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 15 Ngapha koko, wenza oomatshini bemfazwe eYerusalem, wayila iinjineli, ukuba zibe phezu kweenqaba+ naphezu kweembombo, ukutola ngamatolo namatye amakhulu. Ngenxa yoko udumo lwakhe+ lwaya kufikelela kude, kuba wancedwa ngokumangalisayo de womelela.

  • INtshumayeli 9:14
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 14 Kwakukho isixeko esincinane, yaye sasinabantu abambalwa; kwaza kwafika kuso ukumkani omkhulu, wasingqonga waza wakha nxamnye naso amagwiba amakhulu.+

  • Isaya 37:33
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 33 “‘Ngoko ke utsho uYehova wemikhosi ngokuphathelele ukumkani waseAsiriya ukuthi:+ “Akayi kungena kwesi sixeko,+ engayi kutola notolo apho, okanye eze enekhaka, okanye asibiyele ngomsele wokungqinga.”’+

  • Yeremiya 6:6
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 6 Kuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi: “Gawulani imithi+ nize niyifumbele iYerusalem umsele wokungqinga.+ Isisixeko esimele siphenduliswe.+ Yingcinezelo kuphela phakathi kwaso.+

  • Hezekile 17:17
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 17 Yaye ngomkhosi omkhulu wamajoni nangenkitha yebandla uFaro akayi kumenza aphumelele emfazweni,+ ngokumisa umsele wokungqinga nangokwakha udonga lokungqinga, ukuze anqumle imiphefumlo emininzi.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share