INdumiso 104:15 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 15 Newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali,+Ukukhazimlisa ubuso ngeoli,+Nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.+ IMizekeliso 31:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Isiselo esinxilisayo, sinikeni otshabalalayo+ newayini yinikeni abo bamphefumlo ukrakra.+ INtshumayeli 2:3 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 3 Ndakhangela entliziyweni yam ukuba ndichwayitise inyama yam ngewayini,+ ngoxa ndandiyikhokela ngobulumko intliziyo yam,+ kwanangokubamba ubuyatha de ndakubona oko kulungileyo bakwenzileyo oonyana babantu phantsi kwamazulu ngenani lemihla yobomi babo.+ INtshumayeli 10:19 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 19 Isonka sibenza bahleke abasebenzi, yaye iwayini ibenza bube nemihlali ubomi;+ kodwa kuzo zonke izinto yimali ethethayo.+
15 Newayini eyenza intliziyo yomntu ofayo ibe nemihlali,+Ukukhazimlisa ubuso ngeoli,+Nesonka sokuxhasa intliziyo yomntu ofayo.+
3 Ndakhangela entliziyweni yam ukuba ndichwayitise inyama yam ngewayini,+ ngoxa ndandiyikhokela ngobulumko intliziyo yam,+ kwanangokubamba ubuyatha de ndakubona oko kulungileyo bakwenzileyo oonyana babantu phantsi kwamazulu ngenani lemihla yobomi babo.+
19 Isonka sibenza bahleke abasebenzi, yaye iwayini ibenza bube nemihlali ubomi;+ kodwa kuzo zonke izinto yimali ethethayo.+