IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Genesis 28:20
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 20 Wabhambathisa ngesibhambathiso+ uYakobi, esithi: “Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina ngokuqinisekileyo kuyo le ndlela ndiyihambayo, waza ngokuqinisekileyo wandinika isonka sokudla nezambatho zokunxiba+

  • Numeri 30:2
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 2 Xa athe umntu wenza isibhambathiso+ kuYehova okanye wafunga isifungo+ sokuwubopha ngesibhambathiso sokuzila+ umphefumlo wakhe, makangalaphuli ilizwi lakhe.+ Makenze ngokwako konke okuphume emlonyeni wakhe.+

  • Duteronomi 23:21
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 21 “Xa uthe wabhambathisa isibhambathiso kuYehova+ uThixo wakho, uze ungacothi ukusifezekisa,+ ngokuba uYehova uThixo wakho uya kusifuna kuwe, kuze ngenene oko kube sisono kuwe.+

  • 1 Samuweli 1:11
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 11 Wahlabela mgama wenza isibhambathiso+ wathi: “Owu Yehova wemikhosi, ukuba nakanjani na uthe wayikhangela inkxwaleko yekhobokazana lakho+ waza okunene wandikhumbula,+ ungalilibali ikhobokazana lakho uze okunene ulinike ikhobokazana lakho inzala eyinkwenkwe, ndiza kuyinikela kuYehova yonke imihla yobomi bayo, nencakuba ayiyi kufika entlokweni yayo.”+

  • INtshumayeli 5:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Xa sukuba ubhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuthingaza ukusifezekisa,+ ngokuba akayoliswa ziziyatha.+ Oko ukubhambathisileyo, kufezekise.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share