21 Yaza ingelosi kaYehova yolula incam yomsimelelo owawusesandleni sayo, yachukumisa inyama namaqebengwana angenagwele, kwaza kwaphuma umlilo eliweni elo, wayidla inyama namaqebengwana angenagwele.+ Ke yona ingelosi kaYehova, yathi shwaka phambi kwakhe.