26 Waza uYoshuwa wenza isifungo ngelo xesha, esithi: “Uqalekisiwe phambi koYehova umntu oya kusuka asakhe esi sixeko, iYeriko kanye. Uya kuphulukana nezibulo lakhe ngokubeka isiseko saso, yaye uya kuphulukana noyena mncinane wakhe ngokumisa iingcango zaso.”+