11 USolomon wayinyusa intombi kaFaro+ yaphuma kwisiXeko sikaDavide+ wayisa endlwini awayeyakhele yona,+ kuba wathi: “Nangona ingumfazi wam, ayifanele ihlale endlwini kaDavide ukumkani wakwaSirayeli, kuba iindawo eyeza kuzo ityeya kaYehova ziyinto engcwele.”+