21 Ekufikeni kukaRehobhoham eYerusalem,+ ngoko nangoko wahlanganisa yonke indlu kaYuda nesizwe sikaBhenjamin,+ amadoda omeleleyo okulwa imfazwe nabalaseleyo alikhulu elinamashumi asibhozo amawaka, ukuba alwe nendlu kaSirayeli, ukuze abuyisele ubukumkani kuRehobhoham unyana kaSolomon.