12 Ndaza ndavuka ebusuku, ndikunye namadoda ambalwa, kwaye andizange ndixelele mntu+ oko uThixo wam wayekufake entliziyweni yam ukuba ndikwenzele iYerusalem,+ yaye kwakungekho silwanyana sasekhaya sasikunye nam ngaphandle kwesilwanyana sasekhaya endandikhwele kuso.