Genesis 13:8 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 8 Ngoko ke uAbram wathi kuLote:+ “Makungabikho ngxabano kaloku, phakathi kwam nawe naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho, kuba siyazalana.+ Genesis 45:24 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 24 Wabandulula ke abantakwabo, bahamba. Noko ke, wathi kubo: “Nize ningaxabani endleleni.”+ Yohane 13:35 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 35 Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.”+ Yohane 17:21 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 21 ukuze bonke babe banye,+ kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe,+ ukuze nabo bamanyane nathi,+ ukuze ihlabathi libe nokukholelwa ukuba ndithunywe nguwe.+ Kolose 3:14 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 14 Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando,+ kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.+ Hebhere 13:1 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Uthando lwenu lobuzalwana maluqhubeke.+
8 Ngoko ke uAbram wathi kuLote:+ “Makungabikho ngxabano kaloku, phakathi kwam nawe naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho, kuba siyazalana.+
21 ukuze bonke babe banye,+ kanye njengoko wena, Bawo, umanyene nam yaye nam ndimanyene nawe,+ ukuze nabo bamanyane nathi,+ ukuze ihlabathi libe nokukholelwa ukuba ndithunywe nguwe.+
14 Ke, phezu kwazo zonke ezi zinto, yambathani uthando,+ kuba lungumxokelelwane ogqibeleleyo womanyano.+