2 Ngokuqinisekileyo ndiya kuzihlanganisela emfazweni zonke iintlanga nxamnye neYerusalem;+ isixeko okunene siya kuthinjwa+ nezindlu ziphangwe, abafazi bona baya kudlwengulwa.+ Nesiqingatha sesixeko simele siye ekuthinjweni;+ kodwa ke bona abantu abaseleyo,+ abayi kunqunyulwa esixekweni.+