20 Bandula ke abantu bakhwaza, kusakuvuthelwa izigodlo.+ Ekuveni kwabo isandi sesigodlo baqalisa ukukhwaza behlaba umkhosi, lwaza udonga lwawa bhuma phantsi.+ Emva koko abantu benyuka baya esixekweni, ngamnye waya ngqo phambi kwakhe, baza basithimba isixeko.