Mateyu 8:28 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 28 Akufika ngaphesheya, kwilizwe lamaGadara,+ wahlangatyezwa ngamadoda amabini aneedemon+ ephuma phakathi kwamangcwaba enkumbulo, enobundlobongela ngokungaqhelekanga, kangangokuba kwakungekho bani wayenesibindi sokudlula ngaloo ndlela. Luka 8:26 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 26 Bamisa elunxwemeni kwilizwe lamaGerasa, elikwicala elimelene nelaseGalili.+
28 Akufika ngaphesheya, kwilizwe lamaGadara,+ wahlangatyezwa ngamadoda amabini aneedemon+ ephuma phakathi kwamangcwaba enkumbulo, enobundlobongela ngokungaqhelekanga, kangangokuba kwakungekho bani wayenesibindi sokudlula ngaloo ndlela.