IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • Mateyu 14:23
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 23 Akuba ezindulule izihlwele, wenyuka waya entabeni yedwa ukuze athandaze.+ Kwahlwa eyedwa khona apho.

  • Marko 6:45
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 45 Yaye, ngaphandle kokulibazisa, wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bakhwele isikhephe baze bahambe phambili baye kunxweme olungaphesheya ngaseBhethesayida, ngoxa yena ngokwakhe wayendulula isihlwele.+

  • Yohane 17:16
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 16 Abayonxalenye yehlabathi,+ kanye njengoko nam ndingeyonxalenye yehlabathi.+

  • Yohane 18:36
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 36 UYesu waphendula wathi:+ “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.+ Ukuba ubukumkani bam bebuyinxalenye yeli hlabathi, abalindi bam bebeya kulwa+ ukuze ndinganikelwa kumaYuda. Kodwa ubukumkani bam abusuki kulo mthombo.”

  • Yakobi 1:27
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 27 Unqulo oluhlambulukileyo+ nolungadyobhekanga+ ngokwembono kaThixo noBawo wethu lulo olu: ukuvelela iinkedama+ nabahlolokazi+ embandezelweni yabo,+ nokuzigcina ungenabala+ kulo ihlabathi.+

  • Yakobi 4:4
    INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele
    • 4 Bakrexezikazindini,+ anazi na ukuba ubuhlobo kunye nehlabathi bubutshaba kunye noThixo?+ Nabani na, ke ngoko, ofuna ukuba ngumhlobo+ wehlabathi uzenza utshaba lukaThixo.+

Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
Log Out
Log In
  • IsiXhosa
  • Share
  • Zikhethele
  • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
  • Imiqathango
  • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
  • Privacy Settings
  • JW.ORG
  • Log In
Share