-
2 Samuweli 5:19-21IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 UDavide wabuza kuYehova+ esithi: “Ndinyuke na ndiyokulwa namaFilisti? Uza kuwanikela kum?” UYehova wathi kuDavide: “Nyuka, kuba nakanjani ndiza kuwanikela kuwe amaFilisti.”+ 20 Ngoko uDavide weza eBhahali-peratsim, wawaxabela apho. Wathi: “UYehova ugqobhoze phakathi kweentshaba zam+ phambi kwam, njengokugqobhoza kwamanzi.” Yiloo nto wayibiza loo ndawo ngokuba yiBhahali-peratsim.*+ 21 AmaFilisti azishiya apho izithixo zawo, waza uDavide namadoda akhe bazithatha bemka nazo.
-