-
Hezekile 22:20-22IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
20 Njengokuba isilivere nekopolo nentsimbi nelothe nenkcenkce ziqokelelwa zifakwe eziko ukuze zifuthwe ngomlilo zize zinyibilike, nam ndiza kuniqokelela ngomsindo nokucaphuka kwam, yaye ndiza kunifutha ndininyibilikise.+ 21 Ndiza kuniqokelela ndize ndinifuthe ngomlilo womsindo wam,+ ibe niza kunyibilikela phakathi kwayo.+ 22 Njengokuba kunyibilikiswa isilivere eziko, nani niza kunyibilikiswa phakathi kwayo; ibe niza kutsho nazi ukuba mna Yehova, ndiwukhuphele kuni umsindo wam.’”
-