IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • nwt Hoseya 1:1-14:9
  • Hoseya

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Hoseya
  • IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
Hoseya

HOSEYA

1 Eli lilizwi likaYehova elafika kuHoseya* unyana kaBheri ngemihla kaUziya,+ kaYotham,+ ka-Ahazi+ noHezekiya,+ ookumkani bakwaYuda,+ nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli. 2 Xa uYehova waqalisa ukuthetha esebenzisa uHoseya, wathi uYehova kuye: “Hamba, uyokuzithathela umfazi othengisa ngomzimba* nabantwana abafumene ngokuthengisa ngomzimba,* kuba ilizwe liyeke ngokupheleleyo ukulandela uYehova+ ngenxa yokuthengisa ngomzimba.”*

3 Ngoko watshata uGomere intombi kaDibhelayim, wakhulelwa waza ekuhambeni kwexesha wamzalela unyana.

4 Emva koko uYehova wathi kuHoseya: “Mthiye igama elinguYizereli,* kuba kwixesha nje elincinci ndiza kuyiphendulisa indlu kaYehu+ ngenxa yokuchitha kwayo igazi laseYizereli, ibe ndiza kuluphelisa ulawulo lwendlu kaSirayeli.+ 5 Ngaloo mini ndiza kusaphula isaphetha sikaSirayeli eNtlanjeni* yaseYizereli.”

6 Waphinda wakhulelwa, wazala intombi. Wathi uThixo kuHoseya: “Yithiye igama elinguLo-ruhama,* kuba andizukuphinda ndiyenzele nceba+ indlu kaSirayeli, ngenxa yokuba ndiza kuyigxotha.+ 7 Kodwa ndiza kuyenzela inceba indlu kaYuda,+ ibe ndiza kuyisindisa ngoYehova uThixo wayo;+ kodwa andizukuyisindisa ngesaphetha okanye ngekrele okanye ngemfazwe, ngamahashe okanye ngabakhweli-mahashe.”+

8 Emva kokuba elumle uLo-ruhama, wakhulelwa wazala unyana. 9 Ngoko uThixo wathi: “Mthiye igama elinguLo-ami,* kuba nina aningobantu bam, nam andizukuba ngowenu.

10 “Inani labantu* bakwaSirayeli liza kuba njengesanti yolwandle engenakulinganiswa okanye ibalwe.+ Kwindawo ekwakusithiwa kubo, ‘Aningobantu bam,’+ kuza kuthiwa kubo, ‘Ningoonyana boThixo ophilayo.’+ 11 Ibe oonyana bakaYuda nabakaSirayeli baza kuqokelelana baze bamanyane,+ yaye baza kuzimisela intloko enye baze banyuke baphume kwelo lizwe, kuba iza kuba nkulu imini yaseYizereli.+

2 “Yithi kubazalwana bakho, ‘Bantu bam!’*+

Uze uthi koodadewenu, ‘Mfazi owenzelwe inceba!’*+

 2 Mmangaleleni umama wenu; mmangaleleni,

Kuba akangomfazi wam,+ nam andiyondoda yakhe.

Ufanele ayeke ukuthengisa ngomzimba*

Nokukrexeza* okuphakathi kwamabele akhe,

 3 Okanye ndiza kumhluba abe ze ndize ndimenze abe njengemini awazalwa ngayo,

Ndimthobe abe ngumhlaba ongenamanzi,

Ndize ndimbulale ngonxano.

 4 Andizukuba nanceba koonyana bakhe,

Kuba wabafumana ngokuthengisa ngomzimba.*

 5 Kuba umama wabo uye wathengisa ngomzimba.*+

Umama wabo wenze ihlazo,+ kuba uthe,

‘Ndiza kuya kwizithandwa zam,+

Ezindinika isonka namanzi,

Uboya nelinen, ioli nesiselo.’

 6 Ngoko ke indlela yakhe ndiza kuyibeka isihlahla sameva;

Ndiza kumrhangqa ngodonga lwamatye,

Ukuze angakwazi ukuhamba ngeendlela zakhe.

 7 Uza kuzileqa izithandwa zakhe, kodwa akazukuzifumana;+

Uza kuzikhangela, kodwa akazukuzifumana.+

Emva koko uza kuthi, ‘Ndiza kubuyela kwindoda yam yokuqala,

Kuba kwakubhetele ngokuya kunangoku.’+

 8 Akaqondanga ukuba ndim owamnika iinkozo,+ iwayini entsha neoli,

Nokuba ndim owamnika isilivere eninzi,

Negolide, abaye bayisebenzisa kuBhahali.+

 9 ‘Ndiza kubuya ke ndizokuthatha iinkozo zam ngexesha lazo

Newayini yam entsha ngexesha layo,+

Ndiboxuthe uboya bam nelinen yam yokogquma ubuze bakhe.

10 Ngoku ndiza kubutyhila ubuze bakhe ekuhleni, zijongile izithandwa zakhe,

Ibe akukho ndoda iza kumsindisa esandleni sam.+

11 Lonke uvuyo lwakhe ndiza kuluphelisa,

Amatheko akhe,+ ukuthwasa kweenyanga zakhe, iisabatha zakhe nawo onke amaxesha akhe amatheko.

12 Ndiza kuyitshabalalisa imithi yakhe yeediliya nemithi yakhe yamafiya,* athe ngayo:

“Zindibhatale ngayo izithandwa zam.”

Ndiza kuyijika ibe lihlathi,

Yaye iza kuqwengwa zizilwanyana zasendle.

13 Uza kundixelela ukuba kwakutheni ukuze abingelele kwimifanekiso kaBhahali,+

Xa wayezihombise ngeeringi nezihombo zakhe waza warhorhozela emva kwezithandwa zakhe,

Wandilibala mna,’+ utsho uYehova.

14 ‘Ngoko ndiza kumcenga,

Ndiza kumsa entlango,

Ndithethe ukuze ndimchukumise intliziyo.

15 Ukususela ngelo xesha ukuya phambili, ndiza kumnika amasimi akhe eediliya,+

Ndimnike neNtlambo YaseAkore*+ ibe yigeyithi yethemba.

Apho uza kundiphendula ngendlela awayendiphendula ngayo xa wayesemtsha,

Kanye njengemini awaphuma ngayo kwilizwe laseYiputa.+

16 Ngaloo mini,’ utsho uYehova,

‘Uza kundibiza ngokuthi myeni Wam, ibe uza kuyeka ukundibiza ngokuthi mnini Wam.’*

17 ‘Ndiza kuwasusa amagama emifanekiso kaBhahali emlonyeni wakhe,+

Yaye awazukukhunjulwa amagama ayo.+

18 Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+

Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+

Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+

Yaye ndiza kubakhusela.+

19 Ndiza kukungeja* ndimanyane nawe ngonaphakade,

Ndiza kukungeja* ngobulungisa nangokusesikweni,*

Ngothando olungagungqiyo nenceba.+

20 Ndiza kukungeja ngokuthembeka,

Yaye uza kumazi ngokuqinisekileyo uYehova.’+

21 ‘Ngaloo mini ndiza kuphendula,’ utsho uYehova,

‘Ndiza kuwaphendula amazulu,

Yaye wona aza kuphendula umhlaba.+

22 Umhlaba uza kuphendula iinkozo, iwayini neoli;

Zona ziza kumphendula uYizereli.*+

23 Ndiza kumtyala njengembewu yam emhlabeni,+

Yaye ndiza kuba nenceba kulowo ungenzelwanga nceba;*

Ndiza kuthi kwabo bangengobantu bam:* “Ningabantu bam,”+

Bona baza kuthi: “UnguThixo wam.”’”+

3 Emva koko uYehova wathi kum: “Phinda umthande umfazi othandwa yenye indoda nokrexezayo,*+ njengokuba uYehova ewathanda amaSirayeli+ ngoxa esiya kwabanye oothixo+ ethanda nezonka zerasintyisi.”*

2 Ngoko ndamthenga ngamaqhosha esilivere ayi-15, nangehomere* enehafu yerhasi. 3 Ndaza ndathi kuye: “Uza kuhlala ungowam ixesha elide. Uze ungathengisi ngomzimba,* futhi ungalali nenye indoda; nam andizukulala nawe.”

4 Kuba amaSirayeli aza kuhlala ixesha elide engenakumkani,+ engenankosana, engenambingelelo, engenantsika, engenaefodi+ nazithixo zekhaya.+ 5 Emva koko amaSirayeli aza kubuya aze amfune uYehova uThixo wawo,+ noDavide ukumkani wawo,+ yaye ekupheleni kwemihla,+ aza kuza kuYehova engcangcazela efuna ukulunga kwakhe.

4 Liveni ilizwi likaYehova, bonyana bakaSirayeli,

Kuba uYehova ubabeka ityala abemi beli lizwe,+

Kuba ayikho inyaniso nothando olungagungqiyo nokwazi uThixo kweli lizwe.+

 2 Ukufunga into engekhoyo, ukuxoka,+ ukubulala,+

Ubusela nokukrexeza*+ kugqugqisile,

Negazi lichithwa lichithiwe.+

 3 Kungenxa yoko le nto eli lizwe liza kuzila+

Naye wonke umntu ohlala kulo eza kuphelelwa;

Izilwanyana zasendle neentaka zezulu,

Kwaneentlanzi zaselwandle ziza kutshabalala.

 4 “Kodwa ke, makungabikho mntu ulwa nomnye okanye ukhalimela omnye,+

Kuba abantu bakho baziphethe njengabantu abalwa nombingeleli.+

 5 Ngoko uza kukhubeka emini emaqanda,

Nomprofeti uza kukhubeka kunye nawe, ngokungathi kusebusuku.

Yaye ndiza kumvala umlomo* umama wakho.

 6 Abantu bam baza kuvalwa umlomo, kuba abazi nto.

Ekubeni ululahlile ulwazi,+

Nam ndiza kukulahla uze uyeke ukuba ngumbingeleli wam;

Ekubeni uwulibele umthetho* kaThixo wakho,+

Ndiza kubalibala noonyana bakho.

 7 Okukhona babesanda, kokukhona babendona.+

Uzuko lwabo ndiza kulutshintsha lube lihlazo.*

 8 Bazityebisa ngesono sabantu bam,

Banyolukela isiphoso sabo.

 9 Into eza kwenzeka ebantwini iza kwenzeka nakubabingeleli;

Ndiza kubaphendulisa ngenxa yeendlela zabo,

Ibe ndiza kubabuyekeza ngenxa yezenzo zabo.+

10 Baza kutya, kodwa banganeli.+

Baza kuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo,* kodwa abazukwanda,+

Kuba abamboneli ntweni uYehova.

11 Ukuthengisa ngomzimba,* iwayini endala newayini entsha

Zisusa umnqweno wokwenza izinto ezilungileyo.*+

12 Abantu bam babuzisa kwizithixo zabo ezenziwe ngomthi,

Benza yonke into abayixelelwa yintonga yabo;*

Kuba ukuthanda kwabo ukuthengisa ngomzimba* kuyabalahlekisa,

Yaye ngokuthengisa kwabo ngomzimba* abavumi ukuzithoba kuThixo wabo.

13 Babingelela phezu kweentaba,+

Naphezu kweenduli baqhumisa umbingelelo,

Phantsi kwemithi yom-oki, eyestorakisi nayo yonke imithi emikhulu,+

Kuba imnandi imithunzi yayo.

Yiyo le nto iintombi zenu zithengisa ngomzimba*

Noomolokazana benu bekrexeza.*

14 Andizukuziphendulisa iintombi zenu ngenxa yokuthengisa kwazo ngomzimba,

Noomolokazana benu ngenxa yokukrexeza* kwabo.

Kuba amadoda emka nabafazi abathengisa ngomzimba,

Aze abingelele kunye nabafazi abathengisa ngomzimba etempileni;

Isizwana esinjalo, esingaqondiyo+ siza kutshatyalaliswa.

15 Nangona uthengisa ngomzimba, wena Sirayeli,+

Makangabi natyala uYuda,+

Sanukuya eGiligali,+ okanye eBhete-aven,+

Yaye ningafungi nithi, ‘Ephila nje uYehova!’+

16 Kuba uSirayeli uye wanenkani+ okwemazi yenkomo.

Ngaba ke uYehova uza kumalusa njengetakane legusha eliyinkunzi kwidlelo elivulekileyo?*

17 UEfrayim uthe nca kwizithixo.+

Myekeni!

18 Buthi busakuphela utywala babo,*

Baqalise ukuziphatha kakubi ngendlela eyothusayo.*

Abalawuli bakhe balithanda* gqitha ihlazo.+

19 Umoya uza kumka naye ngamaphiko awo.

Yaye baza kuba neentloni ngemibingelelo yabo.”

5 “Mamelani babingeleli,+

Yhini ndlu kaSirayeli, mamela,

Mamela nawe ndlu kakumkani,

Kuba nibaliwe kumgwebo;

Kuba nisisirhintyelo eMizpa

Nomnatha owanekwe eTibhore.+

 2 Abo bandishiyayo* baye bathi chatha* ekubulaleni ngenkohlakalo,

Yaye ndiyabalumkisa* bonke.

 3 Ndiyamazi uEfrayim,

Yaye uSirayeli akafihlekanga kum.

Kuba wena Efrayim uye waziphatha kakubi ngendlela eyothusayo;*

USirayeli uye wazingcolisa.+

 4 Izenzo zabo azibavumeli babuyele kuThixo wabo,

Kuba bathanda ukuthengisa ngomzimba,*+

Yaye abamboneli ntweni uYehova.

 5 Ukuba nekratshi kukaSirayeli kuyammangalela;+

USirayeli noEfrayim baye bakhubeka kwisiphoso sabo.

Ibe uYuda ukhubeke kunye nabo.+

 6 Bahambe bekhangela uYehova bekunye nomhlambi wabo weegusha noweenkomo,

Kodwa khange bamfumane.

Uye wabashiya.+

 7 Baye bamlahla uYehova,

Kuba+ baye bazala oonyana abangekho mthethweni.

Ngoku baza kuqwengwa kunye nezabelo zabo* ngenyanga nje enye.

 8 Vuthelani uphondo+ eGibheya, ixilongo eRama!+

Hlabani umkhosi eBhete-aven,+ emva kwakho Bhenjamin!

 9 Owu Efrayim, uza kuba yinto eyoyikekayo ngemini yokohlwaywa.+

Ndiyenze yaziwa into eza kwenzeka kwizizwe zakwaSirayeli.

10 Iinkosana zakwaYuda zifana nabo babhekelisa umda.+

Umsindo wam ndiza kuwugalela kubo njengamanzi.

11 UEfrayim ucinezelwe, utyunyuzwe ngomgwebo,

Kuba wayezimisele ukulandela utshaba lwakhe.+

12 Ndandifana nenundu* kuEfrayim

Njengokubola kwindlu kaYuda.

13 Xa uEfrayim wabona isifo sakhe, noYuda isilonda sakhe,

UEfrayim waya kwiAsiriya+ waza wathumela umyalezo kukumkani omkhulu.

Kodwa akakwazanga kukuphilisa,

Akakwazanga kusinyanga isilonda sakho.

14 Ndiza kuba njengengonyama kuEfrayim,

Nanjengengonyama enamandla* kwindlu kaYuda.

Mna ndiza kubadlavula babe ziziqwenga ndize ndimke;+

Ndiza kubasusa, yaye akukho mntu uza kubasindisa.+

15 Ndiza kuhamba ndibuyele endaweni yam de bayifumane imiphumo yetyala labo,

Emva koko baza kufuna uncedo lwam.*+

Xa besentlungwini, baza kundifuna.”+

6 “Yizani, sibuyele kuYehova,

Kuba usidlavule,+ kodwa uza kusiphilisa.

Usibethile, kodwa uza kuwabopha amanxeba ethu.

 2 Uza kusivusa emva kweentsuku ezimbini.

Ngosuku lwesithathu uza kusiphakamisa,

Yaye siza kuphila phambi kwakhe.

 3 Siza kumazi, kuba siza kube sizimisele ukumazi uYehova.

Ukuphuma kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.

Uza kuza kuthi njengokugalela kwemvula,

Njengemvula yasentwasahlobo emanzisa umhlaba.”

 4 “Ndikuthini na Efrayim?

Ndikuthini na Yuda?

Kuba uthando lwakho* lufana namafu akusasa

Lufana nombethe onyamalala msinya.

 5 Yiloo nto ndiza kubaxabela ndisebenzisa abaprofeti;+

Ndiza kubabulala ngamazwi omlomo wam.+

Ibe ukugwetywa kwenu kuza kukhazimla njengokukhanya.+

 6 Kuba ndivuyiswa kukuthandwa ngokungagungqiyo,* kungekhona yimibingelelo,

Nokwaziwa kukaThixo, endaweni yeminikelo etshiswa ngokupheleleyo.+

 7 Kodwa bona, njengabantu nje, basaphule isivumelwano.+

Baye bandijikela apho.

 8 IGiliyadi yidolophu yabenzi-bubi,+

Egcwele ligazi.+

 9 Ababingeleli bafana nemigulukudu elalele indoda.

Babulala abantu endleleni eya kwaShekem,+

Kuba izenzo zabo zilihlazo.

10 Ndibone inyala endlini kaSirayeli.

UEfrayim uthengisa ngomzimba* apho;+

USirayeli uzingcolisile.+

11 Ngaphezu koko, wena Yuda, ubekelwe ixesha lokuvuna,

Xa ndibuyisa abantu bam abathinjiweyo.”+

7 “Xa kanye ndimphilisa uSirayeli,

Isono sikaEfrayim siyabhenceka,+

Nezinto ezimbi zaseSamariya.+

Kuba bayaxoka;+

Amasela ayaqhekeza nemigulukudu iyagqugqisa ngaphandle.+

 2 Kodwa abatsho ezintliziyweni zabo ukuba ndiza kuzikhumbula zonke izinto ezimbi abazenzayo.+

Ngoku izenzo zabo zibangqongile;

Ziphambi kobuso bam.

 3 Bayamvuyisa ukumkani ngezinto ezimbi abazenzayo,

Neenkokheli ngokuxoka kwabo.

 4 Bonke bangabakrexezi,*

Batshiseka okweziko elivuthayo libaswa ngumbhaki,

Oyekayo ukukhwezela emva kokuxova intlama ide inyuke.

 5 Ngemini kakumkani wethu, iinkosana ziye zagula,

Zinomsindo ngenxa yewayini.+

Ukumkani uzimanyanise nabantu abasileyo.

 6 Kuba beza beneentliziyo ezivutha okweziko.*

Umbhaki ulala ubusuku bonke;

Kusasa iziko livutha njengomlilo odangazelayo.

 7 Bonke batshisa okweziko,

Yaye bayabaqwenga abalawuli* babo.

Ookumkani babo bonke bawile;+

Akukho namnye kubo ondibizayo.+

 8 UEfrayim uxubana neentlanga.+

UEfrayim unjengesonka esirawundi esingaphethulwanga.

 9 Abasemzini bawadle bawagqiba amandla akhe,+ kodwa akayazi loo nto.

Neenwele zakhe zijike zamhlophe, kodwa yena akayiboni loo nto.

10 Ikratshi likaSirayeli limmangalele,+

Kodwa akabuyelanga kuYehova uThixo wakhe,+

Phezu kwayo yonke loo nto, akakhange amfune.

11 UEfrayim ufana nehobe elimathileyo, elingasebenzisi ngqondo.*+

Ucele uncedo eYiputa;+ uye eAsiriya.+

12 Nokuba uya phi uEfrayim, ndiza kuwuphosa phezu kwakhe umnatha wam.

Ndiza kumhlisa okweentaka zezulu.

Ndiza kumqeqesha ngokwesilumkiso asinikiweyo.+

13 Uza kuthi shu kuba undibalekile!

Uza kutshatyalaliswa kuba undonile!

Bendikulungele ukumkhulula, kodwa uxoke ngam.+

14 Khange acele uncedo kum ngentliziyo yakhe yonke,+

Nangona ebeqhubeka ekhala kabuhlungu kwiibhedi zakhe.

Ebezisika ukuze afumane iinkozo newayini entsha;

Undijikele.

15 Nangona bendimqeqesha, ndisomeleza neengalo zakhe,

Akandifuni, undicebela izinto ezimbi.

16 Utshintshile, kodwa akayanga kwinto engcono;*

Ebengathembekanga oku kwesaphetha esityeketyeke.+

Iinkosana zakhe ziza kuwa ngekrele ngenxa yolwimi lwazo oludelelayo.

Ngenxa yoku uEfrayim uza kuba yinto yokugezelwa kwilizwe laseYiputa.”+

8 “Vuthela uphondo!+

Kukho oza njengokhozi ezokulwa nendlu kaYehova,+

Kuba baye basophula isivumelwano sam,+ baza bawophula umthetho wam.+

 2 Bakhala kum besithi, ‘Owu Thixo wethu, thina maSirayeli siyakwazi.’+

 3 AmaSirayeli ayilahlile into elungileyo.+

Mawaleqwe lutshaba.

 4 Aye azibekela ookumkani ngaphandle kwam.

Aye azibekela iinkokheli, kodwa andizamkelanga.

Aye azenzela izithixo ngesilivere negolide,+

Nto leyo eye yawatshabalalisa.+

 5 Ithole lenu lenkomo liye lalahlwa maSamariya.+

Niyandicaphukisa.+

Kuza kude kube nini ningakwazi ukuba msulwa?*

 6 Kuba livela kwaSirayeli.

Lenziwe ngumkhandi olichule, yaye alingoThixo;

Liza kuba ziingceba ithole laseSamariya.

 7 Utyala umoya,

Yaye uza kuvuna isaqhwithi.+

Akukho ndiza zivelisa nkozo.+

Akukho hlumelo livelisa mgubo wokuxova.

Ukuba ikho into evelisiweyo, abasemzini* baza kuyiginya.+

 8 USirayeli uza kuginywa.+

Ngoku uza kuba phakathi kweentlanga,+

Njengesitya esingafunwayo.

 9 Kuba unyuke waya eAsiriya,+ njengedonki yasendle ehamba yodwa.

UEfrayim uqeshe izithandwa zakhe.+

10 Nangona eye waziqesha phakathi kweentlanga,

Ngoku ndiza kumqokelela ndawonye;

Uza kuqalisa ukuba sentlungwini+ ngenxa yomthwalo obekwe ngukumkani naziinkokheli.

11 Kuba uEfrayim uzongezile izibingelelo ukuze one.+

Uye wanezibingelelo ezimenze wona.+

12 Ndambhalela imithetho* emininzi,

Kodwa iye yajongwa njengento engaqhelekanga.+

13 Ubingelela izipho kum, aze ayitye inyama,

Kodwa uYehova akazithandi ezo zinto.+

Ngoku uza kusikhumbula isiphoso sakhe aze amohlwaye ngezono zakhe.+

Uye wabuyela* eYiputa.+

14 USirayeli umlibele uMenzi wakhe,+ wakha iitempile,+

NoYuda wakhe izixeko ezikhuselekileyo ezingakumbi.+

Kodwa ndiza kuthumela umlilo kwizixeko zakhe,

Yaye uza kuziqwenga iinqaba zesixeko ngasinye.”+

9 “Sukuvuya Sirayeli.+

Sukonwaba njengezizwana.

Kuba ngenxa yokuba uthengisa ngomzimba* uye wemka kuThixo wakho.+

Uye wathanda umvuzo wokuthengisa ngomzimba kuwo onke amabala okubhula iinkozo.+

 2 Kodwa ibala lokubhula nesixovulelo sewayini azizukumondla uSirayeli,

Newayini entsha iza kumphoxa.+

 3 Akazukuqhubeka ehlala elizweni likaYehova;+

Kunoko uEfrayim uza kubuyela eYiputa,

Ibe uza kutya izinto ezingcolileyo eAsiriya.+

 4 Abazukuqhubeka begalelela uYehova iminikelo yewayini.+

Akazukuyithanda imibingelelo yabo.+

Bafana nesonka sokuzila;

Bonke abo basityayo baza kuzingcolisa.

Kuba isonka sabo sesabo bodwa;

Asizukungena endlini kaYehova.

 5 Niza kwenza ntoni ngemini yokudibana kwenu,*

Ngemini yetheko likaYehova?

 6 Kuba jonga! kuza kufuneka babaleke ngenxa yokutshatyalaliswa kwelizwe.+

IYiputa iza kubaqokelela,+ neMemfis iza kubangcwaba.+

Izinto zabo ezixabisekileyo zesilivere ziza kudliwa ngamarhawu,*

Ibe kuza kubakho amatyholo anameva ezintenteni zabo.

 7 Iyeza imihla yokugwetywa,+

Iyeza imihla yokuhlawuliswa,

Ibe uSirayeli uza kuyazi.

Umprofeti wakhe uza kuba sisidenge, nomntu ophefumlelweyo uza kuphambana;

Ngenxa yobuninzi besiphoso sakho, nawe ucatshukelwa kakhulu.”

 8 Unogada+ wakwaEfrayim wayenoThixo wam.+

Kodwa ngoku zonke iindlela zabaprofeti bakhe+ zinjengesabatha sombambisi weentaka;

Kukho inzondo endlini kaThixo wakhe.

 9 Bangene nzulu ekonakaliseni, njengakwimihla yaseGibheya.+

Uza kusikhumbula isiphoso sabo aze abohlwaye ngezono zabo.+

10 “USirayeli ndamfumana njengokufumana iidiliya entlango.+

Ukubabona kwam ookhokho benu, babenjengamafiya* okuqala emthini wawo.

Kodwa basuka baya kuBhahali wasePehore;+

Bazinikela kwinto elihlazo,*+

Benyanyeka njengale nto bayithandayo.

11 UEfrayim ubhabha emke okwentaka;

Akukho mntu uzalayo, ukhulelwayo nokhawulayo.+

12 Nokuba bangade bakhulise abantwana,

Baza kufa de kungabikho nenye indoda,+

Baza kuthi shu xa ndibashiya!+

13 UEfrayim owayetyalwe edlelweni, wayefana neTire kum;+

Kodwa ngoku uEfrayim ufanele azise oonyana bakhe ukuze babulawe.”

14 Owu Yehova, khawubanike le nto ibafaneleyo;

Isibeleko esikhupha isisu namabele omileyo.

15 “Konke ukona kwabo kwakuseGiligali,+ kuba ndabacaphukela apho.

Ndiza kubagxotha endlini yam ngenxa yezinto ezingcolileyo abazenzayo.+

Ndiza kuyeka ukubathanda;+

Zonke iinkokheli zabo zinenkani.

16 UEfrayim uza kuxatyelwa.+

Iingcambu zakhe ziza koma, ibe akazukuvelisa siqhamo.

Nokuba angade azale, ndiza kuyibulala loo nzala yakhe ayithandayo.”

17 UThixo wam uza kumlahla,

Kuba akakhange ammamele,+

Ibe uza kuba yimbacu ezintlangeni.+

10 “USirayeli ngumthi weediliya ontshwencayo* ovelisa isiqhamo sawo.+

Ngokuya zisanda iziqhamo zakhe, zanda ngakumbi nezibingelelo zakhe;+

Ngokuya uchuma umhlaba wakhe, ziya zisiba ntle neentsika zakhe ezingcwele.+

 2 Intliziyo yakhe iyaqhatha;*

Ngoku baza kufunyaniswa benetyala.

Kukho umntu oza kuqhekeza izibingelelo zakhe, aze atshabalalise iintsika zakhe.

 3 Baza kuthi, ‘Asinakumkani,+ kuba siye asamoyika uYehova.

Ibe yintoni esinokuyenzelwa ngukumkani?’

 4 USirayeli uthetha izinto ezingekhoyo, ufunga ubuxoki,+ ibe wenza izivumelwano;

Ngoko isigwebo esiphuma apho sinjengokhula olunetyhefu kwiifolo zasendle.+

 5 Abahlali baseSamariya bayasoyikisela isithixo sabo esilithole saseBhete-aven.+

Abantu baso baza kusizilela,

Kwanababingeleli bothixo wabo wasemzini ababekade besivuyela,

Kuba siza kumka kubo siye ekuthinjweni.

 6 Siza kusiwa eAsiriya njengesipho kukumkani omkhulu.+

UEfrayim uza kuhlaziswa,

NoSirayeli uza kuba neentloni kuba emamele icebiso laso.+

 7 Nakanjani iSamariya nokumkani wayo iza kutshatyalaliswa,*+

Njengesetyana elaphuliweyo phezu kwamanzi.

 8 Iindawo eziphakamileyo zaseBhete-aven+ ezonisa uSirayeli,+ ziza kutshatyalaliswa.+

Ameva neenkunzane ziza kuhluma ezibingelelweni zakhe.+

Abantu baza kuthi ezintabeni, ‘Sigqumeleleni!’

Nakwiinduli, ‘Siweleni!’+

 9 “Ukususela kwiintsuku zaseGibheya wonile+ Sirayeli.

Awuzange utshintshe.

Imfazwe ayizange ibatshayele oonyana abangalunganga eGibheya.

10 Ndiza kubaqeqesha xa ndithanda.

Yaye izizwana ziza kubapakanyela,

Xa berhuqiswa iziphoso zabo ezibini.*

11 UEfrayim wayelithokazi eliqeqeshiweyo elalithanda ukubhula,

Ngoko intamo yakhe entle ndiyifake edyokhweni.

Ngoku kukho endiza kumkhwelisa* kuEfrayim.+

UYuda uza kulima; uYakobi am-erhele.

12 Zityalele imbewu ngobulungisa, uze uvune uthando olungagungqiyo.

Zilimele umhlaba olimekayo+

Ngoxa lisekho ixesha lokumfuna uYehova,+

De azokuninika umyalelo wobulungisa.+

13 Nilime ububi.

Nivune ukungalungi.+

Ibe nitye isiqhamo sobuxoki,

Ngobuninzi bamagorha enu.

14 Baza kujikelwa abantu bakho,

Izixeko zakho ezikhuselekileyo ziza kutshatyalaliswa,+

Njengokutshatyalaliswa kwendlu ka-Arbhele nguShalman,

Ngomhla wedabi, xa oomama badlakazwa kunye neentsana zabo.

15 Ezi zinto ziza kwenziwa kuwe Bheteli,+ ngenxa yezinto ezimbi kangaka ozenzayo.

Ukumkani wakwaSirayeli uza kutshatyalaliswa kwakusasa.”+

11 “Xa uSirayeli wayeyinkwenkwana, ndamthanda,+

Ibe ndathi unyana wam makabuye eYiputa.+

 2 Okukhona babembiza,*

Kokukhona wayesimka kubo.+

Waqhubeka ebingelela kwimifanekiso kaBhahali+

Waqhumisa kwimifanekiso eqingqiweyo.+

 3 Kodwa ndim owamfundisa ukuhamba uEfrayim,+ ndamfunqula;+

Yaye akazange avume ukuba ndimphilisile.

 4 Ndamtsala ngeentambo zobubele,* ngeentambo zothando;+

Kuye ndandinjengomntu osusa idyokhwe entanyeni yakhe,

Yaye ndathantamisa xa ndandinika ngamnye ukutya.

 5 Akazukubuyela kwilizwe laseYiputa, kodwa iAsiriya iza kuba ngukumkani wakhe,+

Kuba walile ukubuyela kum.+

 6 Ikrele liza kugqugqisa kwizixeko zakhe+

Lize ligqibe imivalo yakhe, limqwenge ngenxa yamaqhinga akhe.+

 7 Abantu bam bakhetha ukungathembeki kum.+

Nangona bebabizela phezulu,* akukho namnye ophakamayo.

 8 Ndingathini ukukuncama, Efrayim?+

Ndingathini ukukunikezela, Sirayeli?

Ndingathini ukukuphatha njengeAdima?

Ndingathini ukukwenza ube njengeTsebhoyim?+

Intliziyo yam itshintshile;

Kwangaxeshanye, usizi lwam luyavutha.+

 9 Andizukuwukhupha umsindo wam.

Andizukuphinda ndimtshabalalise uEfrayim,+

Kuba ndinguThixo andingomntu,

Lowo Ungcwele phakathi kwakho;

Yaye andizukukuhlasela ndinomsindo.

10 Uza kuhamba emva koYehova, yaye uza kugquma njengengonyama;+

Xa egquma, oonyana bakhe baza kungcangcazela bevela entshona.+

11 Uza kungcangcazela oku kwentaka xa ephuma eYiputa,

Njengehobe liphuma kwilizwe laseAsiriya;+

Yaye ndiza kumhlalisa ezindlini zakhe,” utsho uYehova.+

12 “UEfrayim undingqonge ngobuxoki,

Yaye indlu kaSirayeli indingqonge ngokuqhatha.+

Kodwa uYuda usahamba noThixo,

Ibe uthembekile kuLowo Ungcwele.”+

12 “UEfrayim utya umoya.

Uleqa umoya wasempuma imini yonke.

Wandisa ukuxoka nobundlobongela.

Wenza isivumelwano neAsiriya,+ ibe usa ioli eYiputa.+

 2 UYehova umbeka ityala uYuda;+

Uza kumphendulisa uYakobi ngeendlela zakhe,

Ibe uza kumbhatalisa ngokwezenzo zakhe.+

 3 Esesiswini wabamba umntakwabo esithendeni,+

Ibe ngamandla akhe wajijisana noThixo.+

 4 Waqhubeka ejijisana nengelosi waza woyisa.

Walila waza wacela inceba.”+

UThixo wamfumana eBheteli, ibe wathetha nathi apho.+

 5 UYehova uThixo wemikhosi,+

UYehova ligama akhunjulwa ngalo.*+

 6 “Ngoko buyela kuThixo wakho,+

Hlala unothando olungagungqiyo nobulungisa,+

Yaye hlala uthembele kuThixo wakho.

 7 Kodwa esandleni sikasomashishini kukho isikali esiqhathayo;

Uyawathanda amaqhinga.+

 8 UEfrayim uhlala esithi, ‘Ndibe sisityebi nyhani;+

Ndifumene ubutyebi.+

Ibe kuko konke ukubulaleka kwam, akukho nto imbi okanye sono baza kusifumana.’

 9 Kodwa ndinguYehova uThixo wakho ukususela kwilizwe laseYiputa.+

Ndiza kuphinda ndikwenze uhlale ezintenteni

Njengakwimihla yexesha elimisiweyo.*

10 Ndathetha nabaprofeti,+

Ndayandisa imibono yabo,

Ndenza nemizekelo ndisebenzisa abaprofeti.

11 Abantu baseGiliyadi bayaqhatha*+ ibe bayaxoka.

EGiligali babingelele ngeenkunzi zeenkomo.+

Nemibingelelo yabo injengemfumba yamatye kwimisinga yasendle.+

12 UYakobi wabalekela kwilali* yaseAram,*+

USirayeli+ wasebenza apho efuna umfazi,+

Yaye ngenxa yomfazi walusa iigusha.+

13 Esebenzisa umprofeti uYehova wakhupha uSirayeli eYiputa,+

Ibe wagadwa ngumprofeti.+

14 UEfrayim umcaphukisa kakhulu+ uThixo;

Ityala legazi lihleli kuye;

INkosi yakhe iza kumbhatalisa ngehlazo alenzileyo.”+

13 “Xa ethetha uEfrayim, abantu babengcangcazela;

Wayemkhulu kwaSirayeli.+

Kodwa waba netyala ngenxa kaBhahali+ waza wafa.

 2 Ngoku wongeza kwisono sakhe,

Wenza imifanekiso yesinyithi ngesilivere yakhe;+

Wenza izithixo ngobuchule, wenza wonke umsebenzi wabakhandi.

Uthi kuzo, ‘Abantu ababingelelayo mabaphuze amathole.’+

 3 Ngoko uza kufana namafu asekuseni,

Nombethe okhawuleza uthi shwaka,

Umququ ophetshethwa sisaqhwithi kwibala lokubhula,

Nomsi ophuma kumngxuma wophahla.

 4 Kodwa ndaba nguYehova uThixo wakho ukususela ezweni laseYiputa;+

Wawungazi Thixo ngaphandle kwam,

Futhi akukho msindisi ngaphandle kwam.+

 5 Ndakwazi kwasentlango,+ kwilizwe elomileyo.

 6 Wanela ngamadlelo akhe,+

Wanela yaza yaphakama intliziyo yakhe.

Wandilibala.+

 7 Ndiza kuba njengengonyama kuye,+

Njengehlosi elilalele ixhoba endleleni.

 8 Ndiza kumhlasela njengebhere elilahlekelwe ngamathole alo,

Ndiza kumkrazula isifuba.*

Ndiza kumqwenga njengengonyama;

Irhamncwa liza kumdlakaza.

 9 Liza kukutshabalalisa Sirayeli,

Ngenxa yokuba undijikele, ujikele umncedi wakho.

10 Uphi ke ngoku ukumkani wakho; angakusindisi nje kuzo zonke izixeko zakho,+

Nabalawuli* bakho, abo wathi ngabo,

‘Ndinike ukumkani neenkosana’?+

11 Ndakunika ukumkani ndinomsindo,+

Ibe ndiza kumsusa ndinomsindo.+

12 Isiphoso sikaEfrayim sisongelwe;*

Isono sakhe sigciniwe.

13 Uza kufikelwa ziintlungu zenimba.

Kodwa ungumntwana osisidenge;

Kuba xa kufuneka ezelwe, akaveli.

14 Ndiza kumkhulula emandleni engcwaba;*

Ndiza kumsindisa ekufeni.+

Aphi na amandla akho, Kufa okubangela intlungu?*+

Kuphi na ukutshabalalisa kwakho ngcwaba?+

Amehlo am awazukuba nalusizi.

15 Nokuba angachuma phakathi kweengcongolo,

Uza kufikelwa ngumoya wasempuma, umoya osuka kuYehova.

Usuka ngasentlango usiza komisa iqula nomthombo wakhe.

Uza kuboxutha bonke ubutyebi bakhe.+

16 ISamariya iza kubekwa ityala+ kuba imjikele uThixo wayo.+

Iza kuwa likrele.+

Abantwana bayo baza kudlakazwa,

Nabafazi bayo abakhulelweyo baza kuqhaqhwa.”

14 “Buyela kuYehova uThixo wakho Sirayeli,+

Kuba isono sakho sikukhubekisile.

 2 Buyela kuYehova nala mazwi,

Yithi kuye, ‘Sixolele isono sethu,+ uze wamkele okulungileyo,

Yaye siza kunikela indumiso yemilebe yethu+ njengamathole eenkomo.*

 3 IAsiriya ayizukusisindisa.+

Asizukukhwela mahashe,+

Yaye asizukuphinda sithi, “Owu Thixo wethu!” kwinto eyenziwe zizandla zethu,

Kuba kungenxa yakho le nto umntwana ongenatata enzelwe inceba.’+

 4 Ndiza kukunyanga ukungathembeki kukaSirayeli.+

Ndiza kumthanda ngokusuka entliziyweni,*+

Kuba ndiyekile ukuba nomsindo.+

 5 Ndiza kuba njengombethe kuye;

Uza kutyatyamba njengenyibiba,

Azimilisele iingcambu zakhe njengemithi yaseLebhanon.

 6 Amasetyana akhe aza kunaba,

Ubukhulu bakhe buza kuba njengobomthi womnquma,

Nevumba lakhe elimnandi libe njengelaseLebhanon.

 7 Uza kuphinda ahlale emthunzini wakhe.

Uza kulima ukutya okuziinkozo aze aqhame njengomthi weediliya.+

Uza kuduma njengewayini yaseLebhanon.

 8 UEfrayim uza kuthi, ‘Ndisenantoni yakwenza nezithixo?’+

Ndiza kuphendula ndize ndimkhusele.+

Ndiza kuba njengomthi ochumileyo wejunipha.

Siza kufumaneka kum isiqhamo sakho.”

 9 Ngubani na osisilumko? Makaziqonde ezi zinto.

Ngubani na oqaphelayo? Makazazi.

Kuba iindlela zikaYehova zilungile,+

Yaye amalungisa aza kuhamba ngazo;

Kodwa aboni baza kukhubeka kuzo.

Igama elishunqulelweyo likaHoshaya, elithetha ukuthi “Usindiswe NguYa; UYa Usindisile.”

Okanye “oziphethe kakubi ngesondo.”

Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “yokuziphatha kakubi ngesondo.”

Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”

Okanye “eThafeni.”

Othetha ukuthi “Ongenzelwanga Nceba.”

Othetha ukuthi “Abangobantu Bam.”

Ngokoqobo, “loonyana.”

Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:9.

Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:6.

Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “yamakhiwane.”

Okanye “neThafa LaseAkore.”

Okanye “Bhahali wam.”

Okanye “kukugana.”

Okanye “kukugana.”

Okanye “nangobulungisa.”

Othetha ukuthi “UThixo Uza Kutyala Imbewu.”

Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:6.

Funda umbhalo osemazantsi kaHos 1:9.

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Oko kukuthi, ezo zisetyenziswa kwiinkonzo zobuxoki.

Ihomere yayilingana ne-220 L. Funda Isihlomelo B14.

Okanye “ungaziphathi kakubi ngesondo.”

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Okanye “ndiza kumtshabalalisa.”

Okanye “umyalelo.”

Okanye kusenokwenzeka, “Balahle uzuko lwam bathatha ihlazo.”

Okanye “Baza kuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; Baza kuthengisa ngomzimba.”

Okanye “Ukuziphatha kakubi ngesondo.”

Ngokoqobo, “Zisusa intliziyo.”

Okanye “yintonga yothixo wabo.”

Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “ngokuziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “ziziphatha kakubi ngesondo.”

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Ngokoqobo, “kwindawo evulekileyo?”

Okanye “Ithi isakuphela ibhiya yabo yengqolowa.”

Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo, besenza ukungcola; ukuthengisa ngomzimba.”

Ngokoqobo, “Amakhaka akhe alithanda.”

Okanye “bandijikelayo.”

Okanye “baqinisa.”

Okanye “ndiza kubaqeqesha.”

Okanye “uye waziphatha kakubi ngesondo, usenza ukungcola; uye wathengisa ngomzimba.”

Okanye “ukuziphatha kakubi ngesondo.”

Okanye “namasimi abo.”

Oko kukuthi, isinambuzane esitya impahla.

Okanye “Nanjengethole lengonyama elinesingci.”

Ngokoqobo, “ubuso bam.”

Okanye “uthando lwakho olungagungqiyo.”

Okanye “yinceba.”

Okanye “uziphethe kakubi ngesondo.”

Oko kukuthi, umntu otshatileyo olala nomntu angatshatanga naye.

Okanye kusenokwenzeka, “Kuba iintliziyo zabo zinjengeziko, njengoko besiza ngamaqhinga abo.”

Ngokoqobo, “abagwebi.”

Ngokoqobo, “elingenantliziyo.”

Oko kukuthi, akayanga kwinkonzo engcono.

Okanye “ningakwazi ukusulungeka?”

Okanye “abantu abangaziwayo.”

Okanye “imiyalelo.”

Okanye kusenokwenzeka, “Uza kubuyela.”

Okanye “uziphethe kakubi ngesondo.”

Okanye “ngemini ekhethelwe itheko lenu.”

Okanye “ngurhelejane.”

Okanye “babenjengamakhiwane.”

Okanye “kuthixo olihlazo.”

Okanye kusenokwenzeka, “onwenwayo.”

Okanye “imtyibilizi.”

Ngokoqobo, “kuthuliswa.”

Oko kukuthi, xa bethwala ingqeqesho yabo njengedyokhwe.

Okanye “endiza kumfaka edyokhweni.”

Oko kukuthi, abaprofeti nabanye ababethunywa ukuba bafundise uSirayeli.

Okanye “ngeentambo zabantu.”

Oko kukuthi, kwinkonzo ephakamileyo.

Okanye “sisikhumbuzo sakhe.”

Okanye kusenokwenzeka, “Njengakwimihla yetheko.”

Okanye “benza into engaqhelekanga; benza into engaziwa mntu.”

Ngokoqobo, “kwintsimi.”

Okanye “yaseSiriya.”

Ngokoqobo, “apho ivalelwe khona intliziyo.”

Ngokoqobo, “Nabagwebi.”

Okanye “siselugcinweni.”

Funda Ingcaciso Yamagama.

Okanye “Luphi na ulwamvila lwakho kufa?”

Ngokoqobo, “siza kukubuyekeza ngamathole eenkomo aziinkunzi emilebe yethu.”

Okanye “ngokuzithandela.”

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share