ISITYHILELO ESIYA KUYOHANE
1 Isityhilelo esityhilwa nguYesu Kristu, asinikwe nguThixo,+ ukuba abonise amakhoboka akhe+ izinto ezimele zenzeke kungekudala. Esebenzisa ingelosi yakhe, wasityhilela ikhoboka lakhe uYohane+ ngemiqondiso, 2 yena owangqinayo ngelizwi uThixo awalikhuphayo nangezinto ezathethwa nguYesu Kristu. Eneneni wangqina ngazo zonke izinto awazibonayo. 3 Wonwabile umntu owafunda ngokuvakalayo amazwi esi siprofeto nabo bawevayo amazwi aso, nabazenzayo izinto ezibhalwe kuso,+ kuba ixesha elibekiweyo lisondele.
4 UYohane ubhalela amabandla asixhenxe+ akwiphondo laseAsiya esithi:
Kwanga ningenzelwa ububele* nize nibe noxolo oluvela “kuLowo ukhoyo nowayekho nozayo,”+ nakoomoya abasixhenxe+ abaphambi kwetrone yakhe, 5 nakuYesu Kristu, “iNgqina Elithembekileyo,”+ “owaba ngowokuqala ukuvuswa ekufeni,”+ “noMlawuli wookumkani bomhlaba.”+
Kulowo usithandayo+ nosikhululayo kwizono zethu ngegazi lakhe,+ 6 osenze saba ngookumkani+ nababingeleli+ kuThixo wakhe noTata wakhe, makubekho uzuko namandla ngonaphakade. Amen.
7 Jongani! Uza ngamafu,+ yaye onke amehlo aza kumbona, kunye nabo bamhlabayo. Zonke izizwe zomhlaba ziza kuzibetha esifubeni zisentlungwini ngenxa yakhe.+ Ziza kwenzeka nyhani ezi zinto, Amen.
8 “NdinguAlfa no-Omega,”*+ utsho uYehova* uThixo, “Lowo ukhoyo nowayekho nozayo, uSomandla.”+
9 Mna Yohane, umzalwana wenu ova ubunzima kunye nani+ noza kulawula kunye nani ebukumkanini,+ nonyamezeleyo+ ngokumanyene noYesu,+ ndaba kwisiqithi ekuthiwa yiPatmos ngenxa yokuthetha ngoThixo nangokungqina ngoYesu. 10 Umoya oyingcwele wandinceda ndabona izinto ezaziza kwenzeka ngemini yeNkosi, yaye ndeva emva kwam ilizwi elinamandla njengelexilongo, 11 lisithi: “Le nto uyibonayo yibhale kumsongo, emva koko uwuthumele kula mabandla asixhenxe: iEfese,+ iSmirna,+ iPergamo,+ iTiyatira,+ iSardesi,+ iFiladelfi+ neLawodike.”+
12 Ndajika ukuze ndibone ukuba ngubani lo uthetha nam, ndabona iziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe,+ 13 yaye phakathi kwezo ziphatho zezibane ndabona umntu onjengonyana womntu+ enxibe isambatho esifika ezinyaweni, enombhinqo wegolide esifubeni. 14 Ngaphezu koko, intloko yakhe neenwele zakhe zazimhlophe okoboya obumhlophe nanjengekhephu, amehlo akhe enjengedangatye lomlilo,+ 15 iinyawo zakhe zinjengekopolo esulungekileyo+ xa imenyezela eziko, lona ilizwi lakhe lalinjengesandi samanzi amaninzi. 16 Esandleni sakhe sasekunene kwakukho iinkwenkwezi ezisixhenxe,+ emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali macala,+ ubuso bakhe bunjengelanga xa liqaqambe kakhulu.+ 17 Ndathi ndakumbona, ndawa ezinyaweni zakhe, ndanjengofileyo.
Yena wabeka isandla sakhe sasekunene phezu kwam, wathi: “Sukoyika. NdingowokuQala+ nowokuGqibela,+ 18 nophilayo,+ ndandifile+ kodwa jonga ngoku ndiyaphila ngonaphakade kanaphakade,+ yaye ndinezitshixo zokufa nezengcwaba.*+ 19 Ngoko zibhale phantsi izinto ozibonileyo, nezinto ezenzekayo ngoku neziza kwenzeka emva koku. 20 Nantsi imfihlelo engcwele yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibone esandleni sam sasekunene, nemfihlelo engeziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe: Iinkwenkwezi ezisixhenxe zimela iingelosi zamabandla asixhenxe, yaye iziphatho zezibane ezisixhenxe zimela amabandla asixhenxe.+
2 “Bhalela ingelosi+ yebandla elise-Efese+ uthi: Lo ubambe iinkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sasekunene, nohamba phakathi kweziphatho zezibane zegolide ezisixhenxe+ uthi: 2 ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, umsebenzi wakho nokunyamezela kwakho, yaye awubanyamezeli abantu abanobubi, futhi uyabavavanya abo bathi bangabapostile,+ kodwa bengengabo, yaye ubafumanise bengamaxoki. 3 Uyanyamezela, ibe unyamezela ngenxa yegama lam,+ yaye awupheli mandla.+ 4 Kodwa ke, into endingayithandiyo ngawe kukuba awusenalo uthando owawunalo kuqala.
5 “‘Ngoko ke khumbula apho uwe khona, uze uguquke+ wenze izinto owawuzenza ekuqaleni. Ukuba awuyenzi loo nto, ndiza kuza kuwe, ndisisuse isiphatho sakho sezibane+ endaweni yaso, ngaphandle kokuba uyaguquka.+ 6 Kodwa ke nantsi into entle ngawe, uyazicaphukela izinto ezenziwa liqela lamaNikolawo,+ endizicaphukelayo nam. 7 Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni,+ eyile: Umntu owoyisayo+ ndiza kumvumela ukuba atye kumthi wobomi,+ okwiparadesi kaThixo.’
8 “Bhalela ingelosi yebandla eliseSmirna uthi, ‘OwokuQala nowokuGqibela,’+ owafayo waza wabuyela ebomini+ kwakhona uthi: 9 ‘Ndiyabazi ubunzima odlule kubo nobuhlwempu bakho, kodwa ke usisityebi.+ Ndiyakwazi nokunyeliswa kwakho ngabo bathi bangamaYuda bengengawo, kodwa baliqela likaSathana.+ 10 Sukuzoyika izinto eziza kukwehlela kungekudala.+ Jonga! UMtyholi uza kuqhubeka ephosa abanye benu ejele ukuze nivavanywe ngokupheleleyo, yaye niza kuva ubunzima iintsuku ezilishumi. Zingqine uthembekile kude kuse ekufeni, yaye mna ndiza kukunika isithsaba sobomi.+ 11 Onendlebe makayive+ into ethethwa ngumoya emabandleni, eyile: Umntu owoyisayo+ akasoze akufumane ukufa kwesibini.’+
12 “Bhalela ingelosi yebandla elisePergamo uthi: Lowo unekrele elide elibukhali macala+ uthi: 13 ‘Ndiyakwazi apho uhlala khona, uhlala apho ikhoyo itrone kaSathana; sekunjalo uqhubeka ubambelele nkqi kwigama lam,+ yaye akuzange ukhanyele ukuba uyakholelwa kum,+ nkqu nangemihla ka-Antipas, ingqina lam elithembekileyo,+ elabulawelwa+ apho uhlala khona, apho ahlala khona noSathana.
14 “‘Noko ke, kukho ezi zinto zimbalwa ndingazithandiyo apha kuwe: apho unabantu ababambelele kwimfundiso kaBhileham,+ owafundisa uBhalaki+ ukuba akhubekise amaSirayeli, ukuze atye izinto ezibingelelwe kwizithixo nokuba aziphathe kakubi ngesondo.*+ 15 Unabo nabantu ababambelele kwimfundiso yeqela lamaNikolawo.+ 16 Ngoko ke guquka. Ukuba awuyenzi loo nto, ndiza kuza kuwe ngokukhawuleza, ndilwe imfazwe nabo ngekrele elide eliphuma emlonyeni wam.+
17 “‘Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni,+ eyile: Umntu owoyisayo+ ndiza kumnika intwana yemana efihliweyo,+ ndize ndimnike ilitye elincinci elimhlophe, ekubhalwe kulo igama elitsha ekungekho mntu ulaziyo ngaphandle kwalowo ulinikwayo.’
18 “Bhalela ingelosi yebandla eliseTiyatira+ uthi: UNyana kaThixo, lo unamehlo anjengedangatye lomlilo,+ neenyawo ezinjengekopolo esulungekileyo,+ uthi: 19 ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, uthando lwakho, ukholo onalo, umsebenzi owenzela uThixo, ukunyamezela kwakho, yaye izinto ozenze mva zingaphezulu kunezinto owazenza ngaphambili.
20 “‘Noko ke, nantsi into endingayithandiyo apha kuwe, uyamnyamezela laa mfazi unguIzebhele,+ ozibiza ngokuba ngumprofetikazi, ofundisa aze alahlekise amakhoboka am ukuba aziphathe kakubi ngesondo,*+ futhi atye izinto ezibingelelwe kwizithixo. 21 Ndimnikile ixesha lokuba aguquke, kodwa akazimiselanga kuguquka kwisenzo sakhe sokuziphatha kakubi ngesondo.* 22 Jonga! Sele ndiza kumphosa kwikhuko lokufa, bona abo bakrexeze naye ndibazisele intlungu engathethekiyo, ngaphandle kokuba bayaguquka kwizenzo zakhe. 23 Abantwana bakhe ndiza kubabulala ngesibetho esibulalayo, ukuze onke amabandla azi ukuba ndihlola ezona ngcinga zinzulu* neentliziyo, yaye ndiza kubuyekeza umntu ngamnye kuni ngokwezenzo zakhe.+
24 “‘Noko ke, nantsi into endiyithethayo kwabanye baseTiyatira, bonke abo bangayilandelanga le mfundiso, abo bangakhange bazazi “izinto ezinzulu zikaSathana”:+ Andibeki phezu kwenu naluphi na olunye uxanduva. 25 Ngoko ke, qhubekani nizenza izinto ebenikade nizenza ndide ndifike.+ 26 Yaye umntu owoyisayo nozilandelayo izinto endizenzayo kude kuse ekupheleni, ndiza kumnika igunya lokulawula iintlanga,+ 27 yaye uza kubalawula abantu ngentonga yentsimbi,+ ukuze baqhekezwe babe ziingceba okwezitya zodongwe, kanye njengoko nam ndilinikwe nguTata elo gunya. 28 Ndiza kumnika nekhwezi.+ 29 Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’
3 “Bhalela ingelosi yebandla eliseSardesi uthi: Lo unoomoya abasixhenxe bakaThixo+ neenkwenkwezi ezisixhenxe,+ uthi: ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, ubonakala* uphilile, kodwa eneneni ufile.+ 2 Hlala uphaphile,+ uze uzomeleze izinto eziseleyo ebezisele ziza kufa, kuba ndifumanise ukuba imisebenzi yakho awuyenzi ngokupheleleyo phambi koThixo wam. 3 Ngoko ke, qhubeka uyikhumbula into oyibonileyo noyivileyo, yaye uqhubeke uyigcina, futhi uguquke.+ Nakanjani ukuba awuvuki, ndiza kukufikela njengesela,+ awuzukulazi tu ixesha endiza kukufikela ngalo.+
4 “‘Noko ke, unabantu abambalwa* eSardesi abangazingcolisanga iimpahla zabo,+ baza kuhamba nam benxibe ezimhlophe,+ kuba bayayifanelekela loo nto. 5 Umntu owoyisileyo+ ndiza kumnxibisa iimpahla ezimhlophe+ ibe andizukulicima igama lakhe kwincwadi yobomi.+ Ndiza kulivuma igama lakhe phambi koTata wam naphambi kweengelosi zakhe.+ 6 Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’
7 “Bhalela ingelosi yebandla eliseFiladelfi uthi: Lowo ungcwele,+ uyinyaniso,+ onesitshixo sikaDavide,+ ovulayo kungabikho mntu uvalayo, avale kungabikho mntu uvulayo, uthi: 8 ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo. Jonga! Ndikuvulele umnyango phambi kwakho,+ ekungekho mntu onokukwazi ukuwuvala. Ndiyazi ukuba awunamandla kangako, ibe uye waligcina ilizwi lam, awalikhanyela igama lam. 9 Jonga! Abo beqela likaSathana baxoka besithi bangamaYuda, kodwa bengengawo,+ ndiza kubenza beze kuwe baze baqubude phambi kweenyawo zakho yaye ndiza kubenza bazi ukuba ndiyakuthanda. 10 Uligcinile ilizwi olivileyo ngokunyamezela kwam,+ ngoko ndiza kukugcina ngexesha lovavanyo,+ eliza kubafikela bonke abantu emhlabeni, ukuze kuvavanywe abo bahlala kuwo. 11 Ndiza ngokukhawuleza.+ Qhubeka ubambelele nkqi kwizinto onazo, ukuze kungabikho mntu usithathayo isithsaba sakho.+
12 “‘Umntu owoyisayo ndiza kumenza intsika kwitempile kaThixo wam, yaye akasoze aphinde aphume kuyo. Ndiza kulibhala kuye igama likaThixo wam+ negama lesixeko sikaThixo wam, iYerusalem Entsha+ ehla iphuma ezulwini kuThixo wam, negama lam elitsha.+ 13 Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’
14 “Bhalela ingelosi yebandla eliseLawodike+ uthi: UAmen+ ingqina+ elithembekileyo neliyinyaniso,+ isiqalo sendalo kaThixo,+ uthi: 15 ‘Ndiyazazi izinto ozenzileyo, awubandi yaye awukho shushu. Akwaba ububanda okanye ushushu. 16 Ngoko ngenxa yokuba udikidiki, ungekho shushu+ yaye ungabandi,+ ndiza kukugabha uphume emlonyeni wam. 17 Ngenxa yokuba uthi: “Ndisisityebi,+ ndifumene ubutyebi, andidingi nto,” kodwa awazi ukuba awonwabanga, ulusizana, ihlwempu, imfama kwaye uhamba ze, 18 ndikucebisa ukuba uthenge kum igolide esulungekiswe ngomlilo ukuze ube sisityebi, neempahla ezimhlophe ukuze unxibe, ugqume ihlazo lakho lokuba uze,+ nento yokuthambisa amehlo+ ukuze uwathambise uze ubone.+
19 “‘Bonke abantu endibathandayo ndiyabaluleka ndize ndibaqeqeshe.+ Ngoko ke zimisele, uguquke.+ 20 Jonga! Ndimi emnyango, ndiyankqonkqoza. Ukuba umntu uyaliva ilizwi lam aze avule, ndiza kungena endlini yakhe ndize nditye isidlo sangokuhlwa naye aze naye atye nam. 21 Umntu owoyisayo+ uza kuhlala nam kwitrone yam,+ njengokuba nam ndoyisayo ndaza ndahlala+ noTata kwitrone yakhe. 22 Onendlebe makayive into ethethwa ngumoya emabandleni.’”
4 Emva kwezi zinto, ndabona umnyango ovulekileyo ezulwini, yaye ilizwi lokuqala endalivayo lithetha nam lalingathi sisandi sexilongo. Elo lizwi lalisithi: “Nyuka uze apha, ndiza kukubonisa izinto ezimele zenzeke.” 2 Ngokukhawuleza emva koko ndaba nomoya kaThixo, yaye jonga! Ndabona nantso itrone ikwindawo yayo ezulwini, kukho umntu ohleli kuyo.+ 3 Lowo wayehleli etroneni wayekhazimla njengelitye leyaspisi+ nelitye elixabisekileyo elimbala ubomvu, itrone yonke ijikelezwe ngumnyama onjenge-emeraldi.+
4 Le trone yayijikelezwe zezinye iitrone eziyi-24, kuzo ndabona kuhleli abadala abayi-24+ benxibe iimpahla ezimhlophe, bethwele izithsaba zegolide entloko. 5 Kule trone kwakuphuma nemibane,+ amazwi neendudumo,+ yaye kukho izibane zomlilo ezisixhenxe ezivuthayo phambi kwayo, zona zimela oomoya abasixhenxe bakaThixo.+ 6 Phambi kwetrone kwakukho into engathi lulwandle lweglasi+ enjengekristale.
Ngakwitrone* nakwindawo eyijikelezileyo kwakukho izidalwa eziphilayo ezine+ ezigcwele amehlo ngaphambili nangasemva. 7 Isidalwa esiphilayo sokuqala sasinjengengonyama,+ esesibini isidalwa esiphilayo sinjengethole lenkomo eliyinkunzi,+ esesithathu isidalwa esiphilayo+ sinobuso obunjengobomntu, yaye esesine isidalwa esiphilayo+ sinjengokhozi olubhabhayo.+ 8 Isidalwa ngasinye esiphilayo kwezo zine, sasinamaphiko amathandathu anamehlo kuyo yonke indawo nangaphantsi.+ Kwaye imini nobusuku zazisithi: “Ungcwele, ungcwele, ungcwele uYehova*+ uThixo, uSomandla, lowo wayekho nokhoyo nozayo.”+
9 Xa ezi zidalwa ziphilayo zimzukisa, zimnika imbeko yaye zimbulela Lowo uhleli etroneni, Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade,+ 10 abadala abayi-24+ baguqa phambi kwaLowo uhleli etroneni, bamnqule Lowo uphila ngonaphakade kanaphakade, baze baphose izithsaba zabo phambi kwetrone, besithi: 11 “Ufanele Yehova* Thixo wethu onamandla,+ ukwamkela uzuko+ nembeko,+ kuba wadala zonke izinto,+ nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.”
5 Ndabona kwisandla sasekunene saLowo uhleli etroneni+ umsongo obhalwe macala,* uvalwe ngokupheleleyo ngezitampu ezisixhenxe. 2 Yaye ndabona ingelosi eyomeleleyo ikhwaza ngelizwi elikhulu isithi: “Ngubani ofanelekayo ukuwuvula umsongo aze asuse nezitampu ezikuwo?” 3 Kodwa akukho mntu ezulwini okanye emhlabeni okanye phantsi komhlaba owayekwazi ukuwuvula umsongo okanye ukuwujonga aze awufunde. 4 Ndaza ndalila kakhulu ngenxa yokuba kungekho mntu ufunyanwayo owayekufanelekela ukuwuvula loo msongo okanye ukuwujonga aze awufunde. 5 Kodwa omnye wabadala wathi kum: “Sukulila. Jonga! INgonyama yesizwe sakwaYuda,+ ingcambu+ kaDavide,+ yoyisile+ ukuze iwuvule umsongo nezitampu zawo ezisixhenxe.”
6 Ndaphinda ndabona phakathi kwetrone nezidalwa eziphilayo ezine naphakathi kwabadala+ imvana*+ eyayingathi ixheliwe,+ ineempondo ezisixhenxe namehlo asixhenxe. Loo mehlo amela oomoya abasixhenxe bakaThixo+ abaye bathunyelwa emhlabeni wonke. 7 Ngoko yeza, yawuthatha esandleni sasekunene saLowo uhleli etroneni.+ 8 Yathi yakuwuthatha umsongo, izidalwa eziphilayo ezine nabadala abayi-24+ baguqa phambi kweMvana,* yaye umdala ngamnye wayephethe uhadi nesitya segolide esasizele sisiqhumiso esiqholiweyo. (Isiqhumiso esiqholiweyo simela imithandazo yabo bangcwele.)+ 9 Emva koko bacula ingoma entsha,+ besithi: “Ukufanele ukuthatha umsongo uze uwuvule nezitampu zawo, kuba waxhelwa waza ngegazi lakho wathengela uThixo abantu+ kuzo zonke izizwe, iilwimi, abantu neentlanga,+ 10 wabenza ookumkani+ nababingeleli bakaThixo wethu,+ yaye baza kuba ngookumkani+ phezu komhlaba.”
11 Ndabona ndaza ndeva ilizwi leengelosi ezininzi ezijikeleze itrone nezidalwa eziphilayo nabadala, yaye inani lazo lalingamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka namawaka amawaka,+ 12 yaye zazisithi ngelizwi elikhulu: “IMvana* eyaxhelwayo+ ikufanele ukufumana amandla, ubutyebi, ubulumko, ukomelela, imbeko, uzuko nentsikelelo.”+
13 Ndaza ndaziva zonke izidalwa ezisezulwini nezisemhlabeni nezingaphantsi komhlaba+ neziselwandle, nazo zonke izinto ezikuzo, zisithi: “Lowo uhleli etroneni+ neMvana,*+ mabadunyiswe, bafumane imbeko,+ uzuko namandla ngonaphakade kanaphakade.”+ 14 Izidalwa eziphilayo ezine zathi: “Amen!” nabadala baguqa phantsi bakhonza uThixo.
6 Ndayibona iMvana*+ xa yayisusa isitampu sokuqala kwezisixhenxe,+ ndaza ndeva isidalwa sokuqala esiphilayo kweziya zine,+ sisithi ngelizwi elingathi kuyaduduma: “Yiza!” 2 Jonga! ndabona ihashe elimhlophe,+ yaye lowo wayekhwele kulo wayephethe isaphetha, yaye wanikwa isithsaba,+ waphuma waza wahamba esoyisa ukuze oyise ngokupheleleyo.+
3 Xa yasusa isitampu sesibini, ndeva isidalwa esiphilayo sesibini+ sisithi: “Yiza!” 4 Kwaphuma ihashe elinombala ofana nowomlilo, umntu owayekhwele kulo wavunyelwa ukuba aphelise uxolo emhlabeni ukuze abantu babulalane, yaye wanikwa nekrele elikhulu.+
5 Xa yasusa isitampu sesithathu,+ ndeva isidalwa esiphilayo sesithathu+ sisithi: “Yiza!” Jonga! ndabona ihashe elimnyama, umntu owayekhwele kulo ephethe isikali. 6 Ndeva into engathi lilizwi eliphuma phakathi kwezidalwa eziphilayo ezine lisithi: “Isixa sengqolowa esingaphezulu kwelitha* siza kuxabisa idenariyo,+ nezixa ezithathu zerhasi ezingaphezulu kwelitha sisinye, ziza kuxabisa idenariyo.* Uze ungayonakalisi ioli yomnquma newayini.”+
7 Xa yasusa isitampu sesine, ndeva isidalwa esiphilayo sesine+ sisithi: “Yiza!” 8 Jonga! ndabona ihashe elinombala onjengowothuthu, lowo wayekhwele kulo wayebizwa ngegama elinguKufa. Wayelandelwa lingcwaba.* Yaye banikwa igunya kumntu omnye kwabane emhlabeni ukuze babulale besebenzisa ikrele elide, ukunqaba kokutya,+ isibetho esibulalayo namarhamncwa omhlaba.+
9 Xa yasusa isitampu sesihlanu, ndabona phantsi kwesibingelelo+ imiphefumlo*+ yabo babulawa kabuhlungu ngenxa yelizwi likaThixo nangenxa yomsebenzi wokushumayela ababewenza.+ 10 Bakhwaza kakhulu bathi: “Kuza kude kube nini ungabagwebi uze uliphindezelele igazi lethu kubantu abahleli emhlabeni,+ Nkosi enguMongami engcwele neyinyaniso?”+ 11 Ngamnye kubo wanikwa impahla emhlophe,+ waza waxelelwa ukuba ayokuphumla kancinci de liphelele inani labo bangamakhoboka kunye nabo, oko kukuthi, abazalwana babo abaseza kubulawa njengabo.+
12 Kwakhona ndayibona xa yayisusa isitampu sesithandathu, kwabakho inyikima yomhlaba enkulu, yaye ilanga laba mnyama oku kwengxowa eyenziwe ngoboya besilwanyana,* yaza inyanga yanjengegazi,+ 13 neenkwenkwezi zawela emhlabeni oku kwamafiya* angavuthwanga, xa esiwa emthini wawo obhudlwa ngumoya omkhulu. 14 Izulu lemka njengomsongo xa usongwa,+ zonke iintaba nazo zonke iziqithi zasuswa kwiindawo zazo.+ 15 Ookumkani bomhlaba, amagosa aphezulu, abaphathi-mikhosi, izityebi, abantu abomeleleyo, onke amakhoboka nabo bonke abantu abakhululekileyo bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba.+ 16 Babesithi kwiintaba nakumawa: “Siweleni+ nize nisifihle kuLowo uhleli etroneni+ nakumsindo weMvana,*+ 17 kuba ifikile imini yabo enkulu yomsindo,+ ngoko ngubani onokumelana nayo?”+
7 Emva kwezi zinto, ndabona iingelosi ezine zimi kwiikona zone zomhlaba, ziyibambe zayiqinisa imimoya emine yomhlaba, ukuze kungabikho moya uvuthuza emhlabeni okanye elwandle okanye nakuwuphi na umthi. 2 Ndabona enye ingelosi ivela empumalanga, iphethe isixhobo sikaThixo ophilayo sokubeka uphawu.* Ngelizwi elikhulu, yakhwaza iingelosi ezine ekwakuthiwe maziwonakalise umhlaba nolwandle, 3 yathi: “Sanukuwonakalisa umhlaba okanye ulwandle okanye imithi, de sibe siwabeke uphawu*+ emabunzini onke amakhoboka kaThixo wethu.”+
4 Ndaliva inani labo babekwa uphawu,* babeyi-144 000,+ bephuma kuzo zonke izizwe zoonyana bakaSirayeli:+
5 Kwisizwe sakwaYuda kwabekwa uphawu* kubantu abayi-12 000,
kwisizwe sakwaRubhen yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaGadi yaba yi-12 000,
6 kwisizwe sakwa-Ashere yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaNafetali yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaManase+ yaba yi-12 000,
7 kwisizwe sakwaSimeyon yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaLevi yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaIsakare yaba yi-12 000,
8 kwisizwe sakwaZebhulon yaba yi-12 000,
kwisizwe sakwaYosefu yaba yi-12 000,
kwaza kwisizwe sakwaBhenjamin kwabekwa uphawu* kubantu abayi-12 000.
9 Emva koko, jonga! ndabona naso isihlwele esikhulu sabantu, ekungekho mntu wakwaziyo ukusibala, siphuma kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi,+ simi phambi kwetrone naphambi kweMvana,*+ sinxibe iimpahla ezimhlophe, yaye siphethe amasebe omthi wesundu.+ 10 Sasiqhubeka sikhwaza sisithi: “Sisindiswe nguThixo wethu, ohleli etroneni,+ nayiMvana.”*+
11 Zonke iingelosi zazimile zijikeleze itrone nabadala+ nezidalwa eziphilayo ezine, bonke baguqa phambi kwetrone bejongise ubuso emhlabeni, bakhonza uThixo, 12 besithi: “Amen! Umele udunyiswe Thixo wethu kuba uzukile, unobulumko, unamandla yaye womelele. Kwakhona umele ubulelwe, unikwe imbeko ngonaphakade kanaphakade.+ Amen.”
13 Emva koko omnye wabadala wathi kum: “Ngoobani aba banxibe iimpahla ezimhlophe+ yaye bavela phi?” 14 Ngoko nangoko ndathi kuye: “Nkosi yam nguwe owaziyo.” Yena wathi kum: “Aba bantu baphuma kwixesha lentlungu engathethekiyo,+ baye bazihlamba iimpahla zabo zamhlophe egazini leMvana.*+ 15 Yiloo nto bephambi kwetrone kaThixo, besenza umsebenzi wakhe ongcwele imini nobusuku, etempileni yakhe, yaye Lowo uhleli etroneni+ uza kuyolulela phezu kwabo intente yakhe.+ 16 Soze baphinde balambe okanye banxanwe, nelanga soze liphinde libagqatse okanye beve ubushushu obutshisayo,+ 17 kuba iMvana*+ engakwitrone iza kubakhathalela njengomalusi,+ ibase kwimithombo enamanzi obomi.+ Yaye uThixo uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo.”+
8 Xa yavula+ isitampu sesixhenxe,+ kwathi cwaka ezulwini kangangehafu yeyure. 2 Emva koko ndabona iingelosi ezisixhenxe+ ezima phambi koThixo, zinikwa amaxilongo asixhenxe.
3 Kwafika enye ingelosi eyayiphethe isitya segolide sesiqhumiso esiqholiweyo, yaza yema ngasesibingelelweni.+ Yanikwa isiqhumiso esiqholiweyo esininzi,+ ukuba ibingelele ngaso esibingelelweni segolide+ esasiphambi kwetrone, kunye nemithandazo yabo bonke abo bangcwele. 4 Umsi wesiqhumiso esiqholiweyo esasenziwe yingelosi wenyuka phambi koThixo kunye nemithandazo+ yabo bangcwele. 5 Kodwa ngokukhawuleza ingelosi yathatha isitya sesiqhumiso esiqholiweyo, yasigcwalisa ngamalahle avuthayo* esibingelelo yaza yawagibisela emhlabeni. Ngoko kwabakho iindudumo, amazwi, imibane+ nenyikima yomhlaba. 6 Iingelosi ezisixhenxe ezinamaxilongo+ asixhenxe zalungiselela ukuwavuthela.
7 Ingelosi yokuqala yavuthela ixilongo layo. Kwabakho isichotho nomlilo zixutywe negazi, zagityiselwa emhlabeni,+ yaza inxalenye enye kwezintathu zomhlaba yatshiswa, nomthi omnye kwemithathu watshiswa, nabo bonke utyani batshiswa.+
8 Ingelosi yesibini yavuthela ixilongo layo. Yaye into engathi yintaba enkulu evutha umlilo yagityiselwa elwandle.+ Yaza inxalenye enye kwezintathu zolwandle yaba ligazi,+ 9 nesidalwa esinye esiphilayo saselwandle kwezithathu safa,+ saza isikhephe esinye kwezithathu saphuka.
10 Ingelosi yesithathu yavuthela ixilongo layo. Inkwenkwezi enkulu evutha njengesibane yawa ezulwini, yawela phezu komlambo omnye kwemithathu naphezu kwemithombo yamanzi.+ 11 Igama laloo nkwenkwezi yayinguMhlonyane. Yaza inxalenye enye yamanzi kwezintathu yajika yangumhlonyane. Abantu abaninzi bafa ngenxa yaloo manzi, kuba enziwa akrakra.+
12 Ingelosi yesine yavuthela ixilongo layo. Yaza inxalenye enye yelanga kwezintathu yabethwa,+ kwenziwa into efanayo nakwinxalenye enye yenyanga kwezintathu, nenkwenkwezi enye kwezintathu, ukuze inxalenye enye yazo kwezintathu ibe mnyama,+ nenxalenye enye yemini kwezintathu ingakhanyi, kube njalo nangobusuku.
13 Ndabona ndaza ndeva ukhozi lubhabhela phezulu lusithi ngelizwi elikhulu: “Baza kufumana iintlungu ezingathethekiyo+ abo bahlala emhlabeni ngenxa yamaxilongo amathathu aseza kuvuthelwa ziingelosi ezintathu!”+
9 Ingelosi yesihlanu yavuthela ixilongo layo.+ Yaye ndabona inkwenkwezi eyayiwele emhlabeni ivela ezulwini, inikwa isitshixo somngxuma ongenasiphelo.*+ 2 Yawuvula loo mngxuma ungenasiphelo, kwaphuma kuwo umsi onjengoweziko elikhulu. Ilanga laba mnyama+ kuquka nomoya ngenxa yaloo msi wawuphuma emngxunyeni. 3 Kwaphuma iinkumbi kuloo msi zaya emhlabeni.+ Zanikwa igunya elifanayo neloonomadudwane bomhlaba. 4 Zaxelelwa ukuba zingabonakalisi utyani bomhlaba okanye nasiphi na isityalo okanye umthi, kodwa zonakalise kuphela abantu abangenalo uphawu* lukaThixo emabunzini abo.+
5 Ezo nkumbi kwathiwa mazingababulali abantu, kunoko zibavise ubuhlungu iinyanga ezintlanu, yaye ubuhlungu bazo babufana nobukanomadudwane+ xa ehlaba umntu. 6 Ngezo mini abantu baza kukhangela ukufa, kodwa bangakufumani, baza kufuna ukufa, kodwa ukufa kubabaleke.
7 Ezi nkumbi zazibufana namahashe alungiselelwe ukuya edabini+ kodwa zinobuso obufana nobomntu. Kwiintloko zazo kwakukho izinto ezingathi zizithsaba zegolide. 8 Zazineenwele ezinjengezamabhinqa, amazinyo azo enjengaweengonyama.+ 9 Zazinxibe izinto zokukhusela isifuba ezifana nezentsimbi, yaye isandi samaphiko azo sasifana neseenqwelo zokulwa ezirhuqwa ngamahashe abaleka esiya edabini.+ 10 Zazinemisila enameva njengoonomadudwane, yaye igunya lokuvisa abantu ubuhlungu iinyanga ezintlanu lalisemisileni yazo.+ 11 Zazinokumkani, ingelosi yomngxuma ongenasiphelo.*+ NgesiHebhere igama lakhe nguAbhadon,* kodwa ngesiGrike nguApoliyon.*
12 Intlungu engathethekiyo yokuqala igqithile. Kodwa emva kwezi zinto kuza kuza iintlungu ezingathethekiyo ezimbini.+
13 Ingelosi yesithandathu+ yavuthela ixilongo.+ Ndeva elinye ilizwi liphuma ezimpondweni zesibingelelo segolide+ esiphambi koThixo 14 lisithi kwingelosi yesithandathu, eyayinexilongo: “Zikhulule iingelosi ezine ezibotshwe ngakumlambo omkhulu umEfrate.”+ 15 Ezo ngelosi zine zakhululwa. Zazilungiselelwe iyure nemini nenyanga nonyaka, ukuba zibulale umntu omnye kwabathathu.
16 Ndaliva inani lemikhosi yamahashe. Elo nani laliyi-200 miliyoni. 17 Embonweni ndabona amahashe nabantu ababewakhwele: aba bantu babenxibe izinto ezikhusela isifuba ezinombala obomvu okomlilo, oluhlaza* okwehakinto notyheli okwesalfure. Wona amahashe ayeneentloko ezifana nezeengonyama,+ emilonyeni yawo kuphuma umlilo nomsi nesalfure. 18 Umntu omnye kwabathathu wabulawa ngumlilo, ngumsi nayisalfure eyaphuma emilonyeni yawo, izibetho ezithathu. 19 Kuba igunya lala mahashe lisemilonyeni yawo nakwimisila yawo, kuba imisila yawo ifana neenyoka kwaye ineentloko, yaye asebenzisa yona ukubangela iintlungu.
20 Kodwa abanye abantu abangazange babulawe zezi zibetho, zange baguquke baze bayiyeke imisebenzi yezandla zabo. Zange bayeke ukukhonza iidemon nezithixo ezenziwe ngegolide, ngesilivere, ngekopolo, ngelitye nangomthi, izinto ezingaboniyo, ezingevayo nezingakwaziyo ukuhamba.+ 21 Yaye abazange baguquke bayeke ukubulala, ukusebenzelana nemimoya, ukuziphatha kakubi ngesondo* nobusela.
10 Ndabona enye ingelosi eyomeleleyo isihla ivela ezulwini, yambethe ilifu, kwintloko yayo kukho umnyama, ubuso bayo bunjengelanga,+ nemilenze yayo* injengeentsika zomlilo, 2 iphethe umsongo omncinci ovulekileyo. Yabeka unyawo lwayo lwasekunene elwandle, olwasekhohlo lwaba semhlabeni. 3 Yakhwaza ngelizwi elikhulu kwangathi kugquma ingonyama.+ Xa yakhwazayo, kwathetha amazwi eendudumo+ ezisixhenxe.
4 Ndithe xa ndiza kuyibhala into eyayithethwa ziindudumo ezisixhenxe, ndeva ilizwi liphuma ezulwini+ lisithi: “Zenze zibe yimfihlo izinto ezithethwe ziindudumo ezisixhenxe, ungazibhali phantsi.” 5 Ingelosi endayibonayo imi elwandle nasemhlabeni yaphakamisela isandla sayo sasekunene ezulwini, 6 yafunga ngaLowo uphila ngonaphakade kanaphakade,+ owadala izulu nezinto ezikulo, nomhlaba nezinto ezikuwo, nolwandle nezinto ezikulo,+ yathi: “Akuzukulityaziswa. 7 Kodwa iza kuthi yakufika imihla yokuba ingelosi yesixhenxe+ ivuthele ixilongo layo,+ igqitywe imfihlelo engcwele+ kaThixo ngokweendaba ezilungileyo awazixelela amakhoboka akhe angabaprofeti.”+
8 Kwakhona ndeva ilizwi ezulwini+ lisithi kum: “Hamba, uyokuthatha la msongo uvulekileyo osesandleni sengelosi emi elwandle nasemhlabeni.”+ 9 Ndaya kwingelosi ndaza ndathi mayindinike umsongo omncinci. Yona yathi kum: “Wuthathe, uwutye uwugqibe,+ yaye siza kuba buhlungu* isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho uza kuba mnandi njengobusi.” 10 Ndawuthatha umsongo omncinci kwingelosi, ndawutya.+ Emlonyeni wam wawumnandi njengobusi,+ kodwa emva kokuba ndiwugqibile saba buhlungu* isisu sam. 11 Kwathiwa kum: “Umele uprofete kwakhona ngezinto eziza kwenzeka kwizizwana, kwiintlanga, kwiilwimi nakookumkani abaninzi.”
11 Ndanikwa ingcongolo enjengentonga,*+ kusithiwa kum: “Phakama uze umete indawo engcwele yetempile kaThixo, isibingelelo kunye nabo bakhonzela kuyo. 2 Kodwa yona iyadi engaphandle kwendawo engcwele yetempile, yiyeke ungayimeti, kuba inikelwe ezintlangeni, yaye ziza kusinyathela iinyanga eziyi-42+ isixeko esingcwele.+ 3 Ndiza kubangela amangqina am amabini ukuba aprofete iintsuku eziyi-1 260 enxibe amalaphu okwenza ingxowa.” 4 Wona amelwa yimithi yeminquma emibini+ neziphatho zezibane ezibini+ yaye ami phambi kweNkosi yomhlaba.+
5 Ukuba nabani na ufuna ukuwenzakalisa, kuphuma umlilo emilonyeni yawo uze uzitshise ziphele ezo ntshaba. Uya kubulawa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa. 6 Wona anegunya lokulivala izulu+ ukuze kunganethi mvula+ ngemihla yokuprofeta kwawo, yaye anegunya lokujika amanzi abe ligazi+ nelokubetha umhlaba ngalo lonke uhlobo lwesibetho kangangoko efuna.
7 Xa ewugqibile umsebenzi wawo wokuba ngamangqina, kuza kunyuka irhamncwa liphuma kumngxuma ongenasiphelo,* liwahlasele, liwoyise lize liwabulale.+ 8 Kwaye izidumbu zawo ziza kuba kwisitrato esikhulu sesixeko esikhulu esimelwa yiSodom neYiputa, apho iNkosi yawo yabulawa khona esibondeni. 9 Abantu bezizwana nezizwe neelwimi neentlanga baza kuzijonga ezo zidumbu iintsuku ezintathu ezinehafu,+ bangavumi ukuba zingcwatywe. 10 Abo bahlala emhlabeni baza kuvuyiswa kukufa kwala mangqina baze babhiyoze, bathumelelane nezipho, ngenxa yokuba aba baprofeti babini babebangcungcuthekisa.
11 Emva kweentsuku ezintathu ezinehafu, umoya wobomi ovela kuThixo wangena kula mangqina mabini+ aza ema ngeenyawo. Abantu abawabonayo boyika kakhulu. 12 Kwavakala ilizwi elikhulu liphuma ezulwini lisithi kuwo: “Nyukani nize apha.” Anyuka aya ezulwini ngelifu, zawabona iintshaba zawo. 13 Ngelo xesha kwabakho inyikima enkulu, kwaza kwatshabalala umntu omnye kwabalishumi esixekweni. Abantu abayi-7 000 babulawa yiloo nyikima, baza bonke abanye bothuka baza bamzukisa uThixo wezulu.
14 Intlungu engathethekiyo yesibini+ idlule. Jonga! Eyesithathu iza ngokukhawuleza.
15 Ingelosi yesixhenxe yavuthela ixilongo layo.+ Emva koko kwavakala amazwi amakhulu ezulwini, esithi: “Ubukumkani behlabathi buye baba buBukumkani beNkosi yethu+ noKristu wayo,+ ibe iza kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.”+
16 Abadala abayi-24+ ababehleli phambi koThixo kwiitrone zabo, baqubuda baza bakhonza uThixo, 17 besithi: “Siyakubulela, Yehova* Thixo, onguSomandla, lowo ukhoyo+ nowayekho, kuba uye wasebenzisa amandla akho, waqalisa ukulawula.+ 18 Kodwa iintlanga zaba nomsindo, nawe wanomsindo, lafika nexesha elibekiweyo lokuba abantu abafileyo bagwetywe nelokuwanika umvuzo+ amakhoboka akho angabaprofeti,+ abo bangcwele kunye nabo baloyikayo igama lakho, abancinci nabakhulu, nokutshabalalisa abo bonakalisa umhlaba.”+
19 Emva koko kwavulwa indawo engcwele yetempile+ kaThixo esezulwini, ndaza ndabona ityeya yesivumelwano sakhe apho. Kwabakho imibane, amazwi, iindudumo, inyikima nesichotho esikhulu.
12 Emva koko kwabonakala umqondiso omkhulu emazulwini, umfazi+ enxityiswe ilanga, kukho inyanga phantsi kweenyawo zakhe, enesithsaba esineenkwenkwezi eziyi-12 entloko, 2 yaye wayekhulelwe. Wayekhala ngenxa yeentlungu kuba eza kubeleka.
3 Kwavela nomnye umbono ezulwini. Yayingumbono wenamba enkulu enombala ofana nowomlilo.+ Yayineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, yaye kwintloko nganye yayinesithsaba. 4 Ngomsila wayo, le namba yayirhuqa inkwenkwezi enye kwezintathu+ zezulu, yazigibisela ezantsi emhlabeni.+ Yaqhubeka imile phambi komfazi+ owayeseza kubeleka, ukuze, emva kokuba ezele, imqwenge loo mntwana wakhe.
5 Wazala unyana,+ inkwenkwe, eza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi.+ Umntwana wakhe wathathwa wasiwa kuThixo nakwitrone yakhe. 6 Yena umfazi wabalekela entlango, apho anendawo ayilungiselelwe nguThixo, nalapho babeza kumondla khona iintsuku eziyi-1 260.+
7 Kwabakho imfazwe ezulwini: UMikayeli*+ neengelosi zakhe balwa idabi nenamba, yazilwela nayo inamba ikunye neengelosi zayo 8 kodwa azizange zoyise,* zaza zaphelelwa yindawo ezulwini. 9 Ngoko yaphoswa phantsi emhlabeni inamba enkulu,+ laa nyoka yakudala,+ le ibizwa ngokuba nguMtyholi,+ uSathana,+ lo ulahlekisa umhlaba wonke.+ Waphoswa phantsi emhlabeni,+ neengelosi zakhe zaphoswa phantsi kunye naye. 10 Ndaza ndeva ilizwi elikhulu ezulwini lisithi:
“Ngoku lufikile usindiso+ namandla nobukumkani bukaThixo wethu+ negunya likaKristu wakhe, kuba uye waphoswa phantsi lowo umangalela abazalwana bethu, obamangalela imini nobusuku phambi koThixo wethu!+ 11 Baye bamoyisa+ ngenxa yokuba namandla kwegazi leMvana*+ nangenxa yelizwi abaye bangqina ngalo.+ Khange bayithande imiphefumlo yabo*+ naxa bejongene nokufa. 12 Ngoko vuyani nina mazulu nani nihlala kuwo! Usengxakini ke wena mhlaba nawe lwandle,+ kuba uMtyholi uhlile weza kuni, enomsindo kakhulu, kuba uyazi ukuba ixesha analo lifutshane.”+
13 Xa inamba yabona ukuba iphoswe phantsi emhlabeni,+ yamtshutshisa umfazi+ owayezele umntwana oyinkwenkwe. 14 Kodwa umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu,+ ukuze abhabhe aye kwindawo yakhe entlango. Apho uza kondliwa ixesha namaxesha amabini nehafu yexesha,+ ekude kwinyoka.+
15 Inyoka yakhupha amanzi anjengomlambo emlonyeni wayo yawathumela emfazini ukuze arhaxwe ngumlambo. 16 Kodwa umhlaba wamnceda umfazi, kuba wawuvula umlomo wawo waza wawuginya umlambo inamba eyayiwukhuphe emlonyeni wayo. 17 Ngoko inamba yaba nomsindo ngenxa yomfazi, yaza yayokulwa imfazwe nabo bashiyekileyo benzala* yakhe,+ abathobela imiyalelo kaThixo nabanomsebenzi wokungqinela uYesu.+
13 Yema ngxi esantini yolwandle.
Yaye ndabona irhamncwa+ liphuma elwandle,+ lalineempondo ezilishumi neentloko ezisixhenxe. Kwiimpondo zalo lalinezithsaba ezilishumi, kodwa kwiintloko zalo lalinamagama anyelisayo. 2 Irhamncwa endalibonayo lalinjengehlosi, kodwa iinyawo zalo zinjengezebhere. Umlomo walo wawunjengowengonyama. Yaza inamba+ yanika irhamncwa amandla alo, itrone yalo negunya elikhulu.+
3 Ndabona ukuba enye yeentloko zalo yayingathi yenzakele, kodwa elo nxeba laphola,+ baza bonke abantu bomhlaba balilandela elo rhamncwa kuba belithanda. 4 Bayikhonza inamba kuba yanika irhamncwa igunya, balikhonza nerhamncwa besithi: “Ngubani onjengerhamncwa, ingubani onokulwa imfazwe nalo?” 5 Lanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu nezinto ezinyelisayo, lanikwa negunya lokwenza loo nto lifuna ukuyenza kangangeenyanga eziyi-42.+ 6 Lawuvula umlomo walo laza lathetha kakubi+ ngoThixo, ngegama lakhe, ngendawo yakhe yokuhlala, nangabo bahlala ezulwini.+ 7 Lavunyelwa ukuba lilwe imfazwe nabo bangcwele lize liboyise,+ lanikwa negunya lokulawula zonke izizwe, abantu, iilwimi neentlanga. 8 Bonke abantu abahlala emhlabeni baza kulikhonza. Ukususela ekusekweni kwehlabathi, akukho namnye kubo onegama elibhaliweyo kumsongo wobomi+ weMvana eyaxhelwayo.*+
9 Umntu oneendlebe, makeve.+ 10 Ukuba umntu umele athinjwe, uza kuya ekuthinjweni. Ukuba umntu ubulala ngekrele,* naye umele abulawe ngekrele.+ Kufuneka apha ke ukunyamezela+ nokuba nokholo+ kwabo bangcwele.+
11 Emva koko ndabona elinye irhamncwa liphuma emhlabeni, yaye lalineempondo ezimbini njengetakane legusha, kodwa laqalisa ukuthetha njengenamba.+ 12 Lisebenzisa lonke igunya lerhamncwa lokuqala elilibonayo.+ Yaye libangela umhlaba nabantu abahlala kuwo ukuba banqule irhamncwa lokuqala, eliya lalinenxeba elapholayo.+ 13 Lenza nemiqondiso emikhulu phambi kwabantu, lide lenze nomlilo uhle uye emhlabeni uvela ezulwini.
14 Lilahlekisa abantu abahlala emhlabeni, ngenxa yemiqondiso elavunyelwa ukuba liyenze phambi kwerhamncwa lokuqala. Lixelela abantu abahlala emhlabeni ukuba benze umfanekiso+ werhamncwa elalixatyelwe kodwa laphila.+ 15 Lavunyelwa ukuba linike umfanekiso werhamncwa impefumlo yobomi,* ukuze loo mfanekiso werhamncwa uthethe uze ubangele ukuba babulawe bonke abo bangafuniyo ukukhonza umfanekiso werhamncwa.
16 Linyanzela bonke abantu, abancinci nabakhulu, izityebi namahlwempu, abakhululekileyo namakhoboka, ukuba baphawulwe kwisandla sasekunene okanye ebunzi,+ 17 nokuba kungabikho mntu ukwaziyo ukuthenga okanye ukuthengisa ngaphandle komntu onolo phawu, onegama+ lerhamncwa okanye inani legama lalo.+ 18 Bufuneka apha ke ubulumko: Umntu onobulumko makalibale inani leli rhamncwa, kuba linani lomntu, ibe elo nani ngu-666.+
14 Emva koko ndabona iMvana*+ imi phezu kweNtaba YeZiyon,+ imi kunye nabantu abayi-144 000,+ abanegama leMvana negama likaTata wayo+ emabunzini abo. 2 Ndeva isandi esiphuma ezulwini, isandi esifana nesamanzi amaninzi nesendudumo enkulu, yaye eso sandi ndasivayo yayingathi seseemvumi eziculayo ezidlala uhadi. 3 Zicula ingoma engathi intsha+ phambi kwetrone naphambi kwezidalwa eziphilayo ezine+ nabadala,+ yaye akukho mntu wayekwazi ukuyicula le ngoma ngaphandle kwabo bantu bayi-144 000+ abathengwe emhlabeni. 4 Aba bantu abazange bazingcolise ngabafazi. Eneneni, zange balala namntu.*+ Bahlala beyilandela iMvana* nokuba iya phi.+ Bathengwa+ ebantwini, baba sisivuno sokuqala+ kuThixo nakwiMvana.* 5 Abathethi maqhinga yaye abanasiphako.+
6 Ndabona enye ingelosi ibhabha esibhakabhakeni, ineendaba ezilungileyo eziza kuhlala ngonaphakade, eyayifuna ukuzixelela abantu abahlala emhlabeni, zonke iintlanga, izizwe, iilwimi nezizwana.+ 7 Yayikhwaza ngelizwi elikhulu isithi: “Moyikeni uThixo nize nimzukise, kuba lifikile ixesha lokuba agwebe,+ ngoko mnquleni Lowo wenza izulu nomhlaba nolwandle+ nemithombo yamanzi.”
8 Kwalandela ingelosi yesibini yathi: “Iwile! IBhabhiloni Enkulu+ iwile,+ le yaselisa zonke iintlanga iwayini engumnqweno wayo wokuziphatha kakubi ngesondo!”*+
9 Kwalandela ingelosi yesithathu, yaza yathi ngelizwi elikhulu: “Nabani na okhonza irhamncwa+ nomfanekiso walo, nophawulwa ebunzi okanye esandleni,+ 10 uza kusela nakwiwayini yomsindo kaThixo egalelwa kwindebe yomsindo wakhe ingaxutywanga,+ yaye uza kungcungcuthekiswa ngomlilo onesalfure+ phambi kweengelosi ezingcwele naphambi kweMvana.* 11 Umsi osuka kumlilo obangcungcuthekisayo unyuka ngonaphakade kanaphakade,+ yaye bangcungcuthekiswa imini nobusuku bengafumani siqabu abo bakhonza irhamncwa nomfanekiso walo, naye nabani na ofumana uphawu lwegama lalo.+ 12 Kufuneka apha ke ukunyamezela kwabo bangcwele,+ abagcina imiyalelo kaThixo nababambelele nkqi ekukholweni+ kuYesu.”
13 Ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: Bonwabile abo baye bafa bemanyene neNkosi+ ukususela ngoku ukuya phambili. Umoya uthi mabaphumle ekusebenzeni nzima, kuba imisebenzi yabo ihamba nabo.”
14 Emva koko ndabona ilifu elimhlophe, kulo kuhleli umntu onjengonyana womntu,+ enesithsaba segolide entloko yaye ephethe irhengqa elibukhali.
15 Kwathi gqi enye ingelosi ivela kwindawo engcwele yetempile, ikhwaza kulowo uhleli kwilifu isithi: “Faka irhengqa lakho uze uvune, kuba lifikile ixesha lokuvuna, kuba isivuno somhlaba sivuthwe ngokupheleleyo.”+ 16 Lowo wayehleli kwilifu walifaka irhengqa lakhe emhlabeni, waza umhlaba wavunwa.
17 Kwathi gqi nenye ingelosi ivela kwindawo engcwele yetempile ezulwini, nayo iphethe irhengqa elibukhali.
18 Kwathi gqi enye ingelosi ivela esibingelelweni, inegunya phezu komlilo. Yakhwaza kwingelosi eyayiphethe irhengqa elibukhali, yathi: “Faka irhengqa lakho elibukhali uze uqokelele izihlahla zeediliya ezisemhlabeni, kuba iidiliya zawo zivuthiwe.”+ 19 Loo ngelosi yalifaka irhengqa layo emhlabeni, yaziqokelela iidiliya zomhlaba, yaza yazigalela kwisixovulelo esikhulu sewayini esimela umsindo kaThixo.+ 20 Eso sixovulelo sewayini saxovulelwa ngaphandle kwesixeko, kwaza kwaphuma igazi kuso, laphakama laya kuthi gabhu ngemikhala yamahashe, laphuma ukuya kutsho kumgama oziitadiya eziyi-1 600.*
15 Ndabona omnye umqondiso ezulwini, umqondiso omkhulu nomangalisayo, iingelosi ezisixhenxe+ zinezibetho ezisixhenxe. Ezi zizibetho zokugqibela, kuba umsindo kaThixo ugqityezelwa ngazo.+
2 Ndabona into engathi lulwandle lweglasi+ luxutywe nomlilo, yaye abo baloyisayo+ irhamncwa nomfanekiso walo,+ nabangazange baphawulwe ngenani legama lalo+ babemi ngakolo lwandle lweglasi, bephethe iihadi zikaThixo. 3 Babecula ingoma kaMoses+ ikhoboka likaThixo, nengoma yeMvana,*+ besithi:
“Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho+ Yehova* Thixo Somandla.+ Iindlela zakho zezobulungisa+ yaye ziyinyaniso, Kumkani kanaphakade.+ 4 Ngubani ongenokukoyika wena Yehova,* aze azukise igama lakho? Kaloku nguwe wedwa othembekileyo.+ Kuba zonke iintlanga ziza kuza zinqule phambi kwakho,+ kuba imithetho yakho yobulungisa ibonakalisiwe.”
5 Emva koko ndabona indawo engcwele yentente yobungqina+ ivulekile ezulwini,+ 6 kwaphuma iingelosi ezisixhenxe ezinezibetho ezisixhenxe+ zivela kuloo ndawo ingcwele, zinxibe ilinen ecocekileyo neqaqambileyo, yaye zibhinqe imibhinqo yegolide ezifubeni zazo. 7 Esinye sezidalwa eziphilayo ezine sanika ezo ngelosi zisixhenxe izitya zegolide ezisixhenxe ezazigcwele ngumsindo kaThixo,+ ophila ngonaphakade kanaphakade. 8 Indawo èngcwele yagcwala ngumsi ngenxa yozuko lukaThixo+ nangenxa yamandla akhe, yaye akukho mntu wakwaziyo ukungena endaweni engcwele zada zaphela izibetho ezisixhenxe+ zeengelosi ezisixhenxe.
16 Ndeva ilizwi elikhulu liphuma kwindawo engcwele+ lisithi kwiingelosi ezisixhenxe: “Hambani niyokuwugalela umsindo kaThixo okwizitya ezisixhenxe.”+
2 Yahamba eyokuqala, yasigalela isitya sayo emhlabeni.+ Abantu ababenophawu lwerhamncwa+ nababekhonza umfanekiso walo+ baba nesilonda esibuhlungu nesinwenwayo.+
3 Eyesibini yasigalela elwandle isitya sayo.+ Ulwandle lwajika lwaba ligazi+ elifana nelomntu ofileyo, zaza zafa zonke izidalwa eziphilayo, yonke into eselwandle.+
4 Eyesithathu yasigalela emilanjeni nakwimithombo yamanzi isitya sayo,+ aza loo manzi ajika aba ligazi.+ 5 Ndeva ingelosi enegunya phezu kwamanzi isithi: “Ulilungisa Wena ukhoyo nowayekho,+ Wena uthembekileyo,+ kuba uye wawisa ezi zigwebo,+ 6 kuba baye bachitha igazi labangcwele nelabaprofeti,+ ngoko ubanike igazi ukuba balisele.+ Ibafanele loo nto.”+ 7 Ndeva nesibingelelo sisithi: “Ewe Yehova* Thixo Somandla,+ ziyinyaniso yaye zibubulungisa izigwebo zakho.”+
8 Eyesine yasigalela elangeni isitya sayo,+ laza ilanga lavunyelwa ukuba libagqatse ngomlilo abantu. 9 Abantu bagqatswa bobo bushushu bungathethekiyo, kodwa balingcolisa igama likaThixo, onegunya phezu kwezi zibetho, yaye abazange baguquke baze bamzukise.
10 Eyesihlanu yasigalela kwitrone yerhamncwa isitya sayo. Ngoko ubukumkani balo benziwa mnyama,+ baza abantu baziluma ulwimi ngenxa yeentlungu, 11 kodwa bathetha kakubi ngoThixo wezulu ngenxa yeentlungu nangenxa yezilonda zabo, yaye abazange baguquke kwizinto ababezenza.
12 Eyesithandathu yasigalela kumlambo omkhulu umEfrate+ isitya sayo, aza atsha amanzi awo+ ukuze bavulelwe indlela ookumkani+ abavela ekuphumeni kwelanga.*
13 Ndabona amazwi amathathu aphefumlelweyo* nangacocekanga, awayengathi ngamasele. Loo mazwi ayephuma emlonyeni wenamba,+ emlonyeni werhamncwa nasemlonyeni womprofeti wobuxoki. 14 La ngamazwi aphefumlelwe ziidemon nawenza imiqondiso,+ ibe aphuma aye kookumkani bomhlaba wonke, ukuze abaqokelelele kwimfazwe+ yemini enkulu kaThixo uSomandla.+
15 “Jonga! Ndiza njengesela.+ Wonwabile umntu ohlala ethe qwa+ nozigcinayo izambatho zakhe zangaphezulu, ukuze angahambi ze baze abantu babone ihlazo lakhe.”+
16 Abaqokelela kwindawo ebizwa ngesiHebhere ngokuba yiArmagedon.*+
17 Eyesixhenxe yasigalela emoyeni isitya sayo. Kwaphuma ilizwi elikhulu kwindawo engcwele+ livela etroneni, lisithi: “Kugqityiwe!” 18 Kwabakho imibane namazwi neendudumo, kwabakho nenyikima enkulu nenamandla ekungazange kubekho injengayo kwimbali yabantu emhlabeni.+ 19 Isixeko esikhulu+ sahlukana kathathu, yaye izixeko zeentlanga zawa. IBhabhiloni Enkulu+ yakhunjulwa nguThixo, ukuze ayinike indebe yewayini emela umsindo wakhe ovuthayo.+ 20 Kwakhona zonke iziqithi zabaleka, neentaba azafunyanwa.+ 21 Emva koko, kwawa amatye esichotho amakhulu,+ anobunzima obulingana nobetalente,* baza abantu bathetha kakubi ngoThixo ngenxa yeso sibetho sesichotho,+ kuba sasisikhulu ngendlela engaqhelekanga.
17 Enye yeengelosi ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe+ yeza kum, yathi: “Yiza ndikubonise isigwebo sikanongogo* omkhulu ohlala phezu kwamanzi amaninzi,+ 2 abaye baziphatha kakubi ngesondo*+ naye ookumkani bomhlaba, baza abemi bomhlaba banxiliswa yiwayini yokuziphatha kakubi kwakhe ngesondo.”*+
3 Yandifunqula ngamandla omoya yandisa entlango. Ndabona umfazi ehleli phezu kwerhamncwa elibomvu krwe, ligcwele amagama anyelisayo. Lalineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. 4 Lo mfazi wayenxibe iimpahla ezimsobo*+ nezibomvu krwe. Wayehombe ngegolide, ngamatye axabisekileyo nangeeperile,+ yaye wayephethe indebe egcwele izinto ezenyanyekayo nezimdaka zokuziphatha kakubi kwakhe ngesondo.* 5 Ebunzini lakhe kwakubhalwe igama elingaziwayo elithi: “IBhabhiloni Enkulu, umama wabafazi abathengisa ngomzimba+ nowezinto ezenyanyekayo zomhlaba.”+ 6 Ndambona lo mfazi ukuba unxilile ligazi labangcwele naligazi lamangqina kaYesu.+
Ndathi ndakumbona ndamangaliswa kakhulu. 7 Ngoko ingelosi yathi kum: “Kutheni umangalisiwe nje? Ndiza kukuxelela le nto ingaziwayo ngalo mfazi+ nangerhamncwa alikhweleyo, elineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi:+ 8 Irhamncwa owalibonayo lalikho, laza laphinda alabikho, kodwa sele liza kunyuka liphume emngxunyeni ongenasiphelo.*+ Liza kutshatyalaliswa. Abemi bomhlaba abanamagama angabhalwanga kumsongo wobomi+ ukususela ekusekweni kwehlabathi, baza kumangaliswa xa bebona irhamncwa elalikho laza alabikho, kodwa eliseza kubakho.
9 “Le nto ifuna ingqondo yesilumko: Iintloko ezisixhenxe+ zimela iintaba ezisixhenxe ahleli phezu kwazo umfazi. 10 Kukho ookumkani abasixhenxe: abahlanu bawile, omnye ukho, omnye akakafiki, kodwa xa efika umele ahlale ixesha elifutshane. 11 Irhamncwa elalikho laza alabikho,+ likwangukumkani wesibhozo, kodwa liphuma kwaba basixhenxe, ibe liza kutshatyalaliswa.
12 “Iimpondo ezilishumi ozibonileyo zimela ookumkani abalishumi abangekafumani bukumkani, kodwa bayalifumana igunya lokuba ngookumkani okwexeshana* kunye nerhamncwa. 13 Aba kumkani bacinga into enye, ngoko banika irhamncwa amandla negunya labo. 14 Baza kulwa neMvana,*+ kodwa kuba iyiNkosi yeenkosi noKumkani wookumkani,+ iMvana iza* kuboyisa.+ Nabo babiziweyo nabakhethiweyo, nabathembekileyo abakunye nayo baza kuboyisa.”+
15 Le ngelosi yathi kum: “Amanzi owabonileyo, ahleli kuwo umfazi othengisa ngomzimba,* amela izizwana, izihlwele, iintlanga neelwimi.+ 16 Iimpondo ezilishumi+ ozibonileyo, nerhamncwa,+ baza kumcaphukela lo mfazi uthengisa ngomzimba,*+ yaye baza kumxuthela zonke izinto zakhe, bamshiye eze. Baza kuyitya inyama yakhe baze bamtshise aphele ngomlilo.+ 17 Kuba uThixo wenze iintliziyo zabo ukuba zenze izinto ezicingwa nguye,+ benze le nto inye bayicingayo, le yokunika irhamncwa ubukumkani babo,+ ide yenzeke into eyathethwa nguThixo. 18 Umfazi+ ombonileyo yena umela isixeko esikhulu esinobukumkani obulawula ookumkani bomhlaba.”
18 Emva koko ndabona enye ingelosi isihla ivela ezulwini, inegunya elikhulu, yaye umhlaba wakhanyiswa kukukhanya kwayo. 2 Yakhwaza ngelizwi elikhulu yathi: “Iwile! IBhabhiloni Enkulu iwile.+ Iye yaba yindawo yokuhlala iidemon nendawo ezimela kuyo yonke imimoya emdaka, nazo zonke iintaka ezingacocekanga nezenyanyekayo!+ 3 Kuba ngenxa yewayini yomnqweno* wayo wokuziphatha kakubi ngesondo,* zonke iintlanga zomhlaba ziye zangamaxhoba,+ ookumkani bomhlaba baziphatha kakubi ngesondo kunye nayo,+ noosomashishini bomhlaba baba zizityebi ngenxa yobunewunewu eye yabuqokelela ingenazintloni.”
4 Ndeva elinye ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Phumani kuyo bantu bam,+ ukuba anifuni ukwenza izono ezenzayo, ukuba anifuni ukufumana ezinye zezibetho zayo.+ 5 Kuba izono zayo ziye zanda zada zaya kufika nasezulwini,+ noThixo uye wazikhumbula izinto ezenzileyo ezingebobulungisa.+ 6 Yiphatheni ngendlela eye yabaphatha ngayo abanye,+ yibhataliseni ngokuphindwe kabini ngenxa yezinto ezenzileyo.+ Kwindebe efake kuyo umxube,+ yenzeleni umxube ophindwe kabini.+ 7 Yingcungcuthekiseni nize niyenze izile ngokulingana nendlela eye yazizukisa ngayo nendlela eye yaphila ngayo iqokelela ubunewunewu ingenazintloni. Kuba ithi entliziyweni yayo, ‘Ndingukumkanikazi, andingomhlolokazi, yaye andisoze ndizile.’+ 8 Yiloo nto izibetho zayo ziza kuyifikela ngamini nye, ukufa, ukuzila nendlala, yaye iza kutshiswa ngomlilo iphele,+ kuba uYehova uThixo oyigwebileyo, unamandla.+
9 “Ookumkani bomhlaba abaziphatha kakubi nayo ngesondo* nabaye baphila nayo ngobunewunewu bengenazintloni baza kulila, bezibetha yaye besentlungwini ngenxa yayo, xa bebona umsi wokutsha kwayo. 10 Baza kumela kude kuba besoyikiswa kukungcungcutheka kwayo baze bathi, ‘Imbi, imbi into ekwehleleyo sixeko esikhulu,+ wena Bhabhiloni osisixeko esomeleleyo, kuba umgwebo wakho ufike ngexeshana nje elifutshane!’*
11 “Kwakhona oosomashishini bomhlaba bayalila yaye bayizilele, kuba akusekho mntu uza kuthenga impahla yabo eninzi, 12 impahla eninzi eyigolide, isilivere, amatye axabisekileyo, iiperile, ilinen yodidi, amalaphu amsobo,* isilika, amalaphu abomvu krwe, yonke into eyenziwe ngeplanga elinuka kamnandi, eyenziwe ngophondo lwendlovu, ngomthi wodidi, ngekopolo, ngentsimbi nangemabhile, 13 isinamon, isiqholo saseIndiya, isiqhumiso esiqholiweyo, ioli enuka kamnandi, intlaka yokuqhumisa, iwayini, ioli yomnquma, umgubo ocoliweyo, ingqolowa, iinkomo, iigusha, amahashe, iinqwelo, amakhoboka nabanye abantu.* 14 Kunjalo kanye, izinto zakho ezintle owawuzinqwenela zimkile kuwe, zonke izimuncu-muncu nazo zonke izinto ezinobuqhele-qhele zimkile, soze ziphinde zifunyanwe.
15 “Oosomashishini ababethengisa ezi zinto nabaye baba zizityebi ngenxa yakhe, baza kumela kude kuba besoyika ukungcungcutheka kwakhe ibe baza kulila baze bazile, 16 besithi, ‘Imbi, imbi into ekwehleleyo sixeko esikhulu, esinxibe ilinen yodidi namalaphu amsobo,* nabomvu krwe, nesihonjiswe kakhulu ngezinto zegolide, namatye axabisekileyo neeperile,+ 17 ngexeshana nje elifutshane* ubutyebi obuninzi ngolo hlobo buphelisiwe!’
“Bonke abaphathi beenqanawa, bonke abantu abahamba ngolwandle, abaqhubi bezikhephe nabo bonke abo baziphilisa ngokusebenza elwandle, bamela kude 18 baza bakhwaza njengoko babejonge kumsi owawubangelwa kukutsha kwakhe, baza bathi, ‘Ngaba sikhona isixeko esikhulu njengesi?’ 19 Baphosa uthuli kwiintloko zabo baza bakhwaza, belila yaye bezilile, besithi, ‘Imbi, imbi into eyenzeke kwesi sixeko sikhulu, esabangela bonke abo baneenqanawa elwandle babe zizityebi ngenxa yobutyebi baso, kuba siye satshatyalaliswa ngexeshana nje elifutshane!’*+
20 “Vuyani nina nisezulwini,+ nina bangcwele,+ nina bapostile nani baprofeti, kuba uThixo usigwebile esi sixeko ngenxa yenu!”+
21 Ingelosi enamandla yaphakamisa ilitye elifana nelitye elikhulu lokuguba, yaligibisela elwandle, isithi: “IBhabhiloni isixeko esikhulu iza kugadlelwa phantsi ngolu hlobo, ingaphindi ifunyanwe.+ 22 Soze kuphinde kuvakale nesandi sabantu abaculayo abadlala uhadi, esabadlali bomculo, abadlali befleyithi nabavutheli bamaxilongo kuwe. Akukho mntu ulichule layo nantoni na oza kuphinde afunyanwe kuwe, yaye akuzukuphinda kuvakale nesandi selitye lokuguba kuwe. 23 Akukho sibane siza kuphinda sikhanye kuwe, ibe akukho lizwi lamyeni namtshakazi liza kuphinda livakale kuwe. Kuba abathengisi bakho bebengabona bantu badumileyo emhlabeni, yaye iintlanga bezilahlekiswa bubugqwirha bakho.+ 24 Kwesi sixeko kwafunyanwa igazi labaprofeti, elabangcwele+ nelabo bonke abaye babulawa emhlabeni.”+
19 Emva koko ndeva into engathi lilizwi elikhulu lesihlwele esikhulu ezulwini. Sathi eso sihlwele: “Dumisani uYa!*+ Usindiso nozuko namandla ngakaThixo wethu, 2 kuba imigwebo yakhe ithembekile yaye ibubulungisa.+ Kaloku uye wamgweba unongogo* omkhulu oye wangcolisa umhlaba ngokuziphatha kakubi ngesondo,* ibe uye waliphindezela igazi lamakhoboka akhe eliphalazwe ngulo nongogo.”+ 3 Zisuka nje esi sihlwele satsho okwesibini sathi: “Dumisani uYa!*+ Umsi weBhabhiloni unyuka ngonaphakade kanaphakade.”+
4 Abadala abayi-24+ nezidalwa eziphilayo ezine+ bawa phantsi baza bamkhonza uThixo ohleli etroneni, bathi: “Amen! Dumisani uYa!”*+
5 Kwaphuma nelizwi etroneni lathi: “Mdumiseni uThixo wethu, nonke nina makhoboka akhe+ amoyikayo, abo bancinci nabakhulu.”+
6 Ndeva nento engathi lilizwi lesihlwele esikhulu nengathi sisandi samanzi amaninzi neseendudumo ezinkulu. Sathi: “Dumisani uYa,*+ kuba uYehova uThixo wethu, uSomandla,+ uqalisile ukuba ngukumkani.+ 7 Masonwabe, sivuye kakhulu size simzukise, kuba umtshato weMvana* ufikile, nomfazi wayo uzilungisile. 8 Uvunyelwe ukuba anxibe ilinen yodidi, ekhazimlayo necocekileyo, kuba ilinen yodidi imela izinto ezilungileyo ezenziwa ngabo bangcwele.”+
9 Ingelosi yathi kum: “Bhala uthi: Bayavuya abo bamenyiweyo kwisidlo sangokuhlwa somtshato weMvana.”*+ Yaphinda yathi: “La ngamazwi ayinyaniso kaThixo.” 10 Emva koko ndawa phantsi phambi kwayo ukuze ndiyinqule. Kodwa yathi kum: “Lumka! Ungayenzi loo nto!+ Ndilikhoboka njengawe nabazalwana bakho abanomsebenzi wokungqina ngoYesu.+ Khonza uThixo!+ Kuba injongo yesiprofeto kukunikela ubungqina ngoYesu.”+
11 Ndabona izulu livulekile, yaye jonga! kwakukho ihashe elimhlophe.+ Lowo wayehleli kulo ubizwa ngokuba nguThembekile+ noNyaniso,+ yaye ugweba aze alwe imfazwe ngobulungisa.+ 12 Amehlo akhe alidangatye lomlilo,+ yaye unezithsaba ezininzi entloko. Unegama elibhaliweyo ekungekho mntu ulaziyo ngaphandle kwakhe, 13 unxityiswe isambatho sangaphezulu esinegazi,* kwaye ubizwa ngokuba nguLizwi+ likaThixo. 14 Wayelandelwa yimikhosi yasezulwini, ikhwele amahashe amhlophe, inxibe ilinen yodidi emhlophe necocekileyo. 15 Emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elide elibukhali,+ ukuze azixabele ngalo iintlanga, ibe uza kuzalusa ngentonga yentsimbi.+ Uxovula nesixovulelo sewayini yomsindo omkhulu kaThixo uSomandla.+ 16 Kwisambatho sakhe sangaphezulu, ethangeni lakhe, kubhalwe igama elithi, Kumkani wookumkani neNkosi yeenkosi.+
17 Ndabona nengelosi imi elangeni, yaza ngelizwi elikhulu yakhwaza iintaka ezibhabha esibhakabhakeni yathi: “Yizani apha, qokelelanani nize kwisidlo sangokuhlwa esikhulu sikaThixo,+ 18 ukuze nitye inyama yookumkani, eyabaphathi-mikhosi, eyabantu abanamandla,+ eyamahashe nabakhweli bawo+ nenyama yabo bonke, abakhululekileyo namakhoboka, abancinci nabakhulu.”
19 Ndabona irhamncwa nookumkani bomhlaba nemikhosi yabo bedibene ukuze balwe imfazwe nalowo uhleli ehasheni kunye nomkhosi wakhe.+ 20 Irhamncwa labanjwa, lona kunye nomprofeti wobuxoki+ owayesenza imiqondiso phambi kwalo, elahlekisa abantu abamkela uphawu lwerhamncwa+ nabo bakhonza umfanekiso walo.+ Bobabini baphoswa bephila kwichibi lomlilo elivutha isalfure.+ 21 Bonke abanye babulawa ngekrele elide elaliphuma emlonyeni walowo ukhwele ihashe.+ Zonke iintaka zayitya zahlutha inyama yabo.+
20 Ndabona ingelosi isihla iphuma ezulwini inesitshixo somngxuma ongenasiphelo*+ yaye iphethe netsheyina elikhulu. 2 Yayibamba inamba,+ laa nyoka yakudala,+ ekuthiwa nguMtyholi+ uSathana,+ yayibopha iminyaka eyi-1 000. 3 Yayiphosa emngxunyeni ongenasiphelo,*+ yawuvala ngci, yawubeka isitampu ukuze inamba ingaphindi ilahlekise iintlanga de kuphele iminyaka eyi-1 000. Emva koko iza kukhululwa okwethutyana.+
4 Kwakhona ndabona iitrone, yaye abo babehleli kuzo banikwa igunya lokugweba. Ndabona imiphefumlo* yabo babebulewe ngenxa yokungqina ngoYesu nangokuthetha ngoThixo, nabo bangazange balinqule irhamncwa nomfanekiso walo nabangazange baphawulwe ebunzi okanye esandleni.+ Babuyela ebomini baza baba ngookumkani kunye noKristu+ iminyaka eyi-1 000. 5 (Abanye ababefile+ abazange babuyele ebomini de yaphela iminyaka eyi-1 000.) Luvuko lokuqala olo.+ 6 Bayavuya yaye bangcwele abantu abaza kufumana uvuko lokuqala.+ Ukufa kwesibini+ akunagunya kubo,+ kodwa baza kuba ngababingeleli+ bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eyi-1 000.+
7 Ngokukhawuleza emva kokuphela kweminyaka eyi-1 000, uSathana uza kukhululwa eluvalelweni, 8 aze aphume aye kulahlekisa iintlanga emhlabeni wonke, uGogi noMagogi, ukuze aziqokelelele emfazweni. Inani lazo lilingana nesanti yolwandle. 9 Ezo ntlanga zahamba umhlaba wonke zaza zayirhangqa inkampu yabo bangcwele nesixeko esithandwayo. Kodwa kwehla umlilo ezulwini wazitshabalalisa.+ 10 UMtyholi owayezilahlekisa waphoswa echibini lomlilo nesalfure, apho lalisele liphoswe khona irhamncwa+ nomprofeti wobuxoki,+ yaye baza kungcungcuthekiswa imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.
11 Ndabona itrone enkulu emhlophe naLowo wayehleli kuyo.+ Umhlaba nezulu zabaleka zemka phambi kwakhe,+ yaye zange ziphinde zifunyanwe ndawo. 12 Ndabona nabantu abafileyo, abakhulu nabancinci, bemi phambi kwetrone, nemisongo yayivuliwe. Kodwa kwavulwa omnye umsongo, umsongo wobomi.+ Abo bantu babefile bagwetywa ngokwezinto ezibhalwe kuloo misongo, ngokwezenzo zabo.+ 13 Ulwandle lwabakhupha kulo abantu ababefile, nako ukufa nengcwaba* kwabakhupha abantu ababefile, waza umntu ngamnye wagwetywa ngokwezenzo zakhe.+ 14 Kwaza ukufa nengcwaba* kwaphoswa echibini lomlilo.+ Eli chibi lomlilo+ lithetha ukufa kwesibini.+ 15 Ngaphezu koko, nabani na owayengabhalwanga encwadini yobomi,+ waphoswa echibini lomlilo.+
21 Ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha,+ kuba izulu langaphambili nomhlaba zazingasekho,+ nolwandle+ lungasekho. 2 Ndabona nesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, sisihla siphuma ezulwini kuThixo+ yaye silungisiwe njengomtshakazi ehombele umyeni wakhe.+ 3 Ndeva ilizwi elikhulu livela etroneni lisithi: “Jonga! Intente kaThixo iphakathi kwabantu. Uza kuhlala nabo, babe ngabantu bakhe, yaye uThixo uza kuba kunye nabo.+ 4 Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo,+ kungabi sabakho kufa,+ kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.+ Izinto zangaphambili azisekho.”
5 Lowo uhleli etroneni+ wathi: “Jonga! Zonke izinto ndizenza ntsha.”+ Uphinde athi: “Bhala, kuba la mazwi athembekile yaye ayinyaniso.” 6 Waphinda wathi kum: “La mazwi aye enzeka! NdinguAlfa no-Omega,* isiqalo nesiphelo.+ Nabani na onxaniweyo ndiza kumnika mahala amanzi obomi avela emthonjeni.+ 7 Nabani na owoyisayo uza kuzifumana ezi zinto zibe lilifa lakhe, yaye ndiza kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam. 8 Kodwa ke wona amagwala, abantu abangenalukholo,+ abantu abenyanyekayo ngenxa yezinto zabo ezinyhukunyhuku, ababulali,+ abantu abaziphatha kakubi ngesondo,*+ abantu abasebenzelana nemimoya, abanquli-zithixo nawo onke amaxoki,+ baza kuphelela kwichibi elivutha umlilo nesalfure.+ Loo nto ithetha ukufa kwesibini.”+
9 Enye yeengelosi ezisixhenxe ezazinezitya ezisixhenxe ezazinezibetho zokugqibela ezisixhenxe,+ yeza kum yaza yathi: “Yiza apha, ndiza kukubonisa umtshakazi, umfazi weMvana.”*+ 10 Ngoko yandifunqula ngamandla omoya yandisa kwintaba enkulu nephakamileyo, yandibonisa isixeko esingcwele, iYerusalem, sisihla siphuma ezulwini kuThixo+ 11 sinozuko lukaThixo.+ Sasimenyezela okwelona litye lixabisekileyo, njengelitye leyaspisi elimenyezela okwekristale.+ 12 Sasinodonga olukhulu oluphakamileyo, sineegeyithi eziyi-12 neengelosi eziyi-12 kwezo geyithi. Kuzo kwakubhalwe amagama ezizwe eziyi-12 zoonyana bakaSirayeli. 13 Kwicala elisempuma kwakukho iigeyithi ezintathu, kukho iigeyithi ezintathu kwelingasemntla, kukho iigeyithi ezintathu kwelingasemzantsi, nasentshona kukho iigeyithi ezintathu.+ 14 Udonga lwesixeko lwalunamatye esiseko ayi-12, kuwo kubhalwe amagama ayi-12 abapostile beMvana* abayi-12.+
15 Lowo wayethetha nam wayephethe ingcongolo yegolide yokumeta, ukuze amete ngayo isixeko, iigeyithi zaso nodonga lwaso.+ 16 Esi sixeko sasinamacala amane alinganayo, ubude baso bungangobubanzi baso. Wasimeta isixeko ngengcongolo, saba ziitadiya eziyi-12 000.* Ubude nobubanzi nokuphakama kwaso kwakulingana. 17 Wameta nodonga lwaso, lwaba ziikubhite eziyi-144* ngokomlinganiselo womntu okwangowengelosi. 18 Udonga lwaso lwalwenziwe ngeyaspisi,+ isixeko senziwe ngegolide esulungeke okweglasi. 19 Iziseko zodonga lwesixeko zazihonjiswe ngalo lonke uhlobo lwamatye axabisekileyo: isiseko sokuqala sasiyiyaspisi, esesibini siyisafire, esesithathu siyikalkedoni, esesine siyiemeraldi, 20 esesihlanu siyisardoniksi, esesithandathu siyisardiyo, esesixhenxe siyikrizolite, esesibhozo siyibherilo, esethoba siyitopazi, eseshumi siyikrizoprazi, eseshumi elinanye siyihakinto, eseshumi elinesibini siyiamethiste. 21 Iigeyithi eziyi-12 zaziziiperile eziyi-12, igeyithi nganye yenziwe ngeperile enye. Nesitrato esikhulu sesixeko sasenziwe ngegolide esulungeke okweglasi.
22 Andizange ndibone tempile kuso, kuba uYehova* uThixo uSomandla+ uyitempile yaso, neMvana iyiyo.* 23 Esi sixeko sasingadingi kukhanyiselwa lilanga nenyanga, kuba sasikhanyiselwa luzuko lukaThixo,+ yaye iMvana* yayisisibane saso.+ 24 Iintlanga ziza kukhanyiselwa siso,+ baze ookumkani bomhlaba basizukise. 25 Iigeyithi zaso azizukuvalwa tu emini, kuba akuzukubakho busuku apho.+ 26 Yaye baza kuzisa uzuko nembeko yeentlanga kuso.+ 27 Kodwa nantoni na engcolileyo naye nabani na owenza into eyenyanyekayo okanye owenza amaqhinga akazukungena kuso.+ Ngabo babhaliweyo kumsongo wobomi weMvana* kuphela abaza kungena.+
22 Yandibonisa umlambo wamanzi obomi+ acwenge ngeyona ndlela, uphuma kwitrone kaThixo neyeMvana,*+ 2 usihla embindini wesitrato esikhulu sesixeko. Macala omabini alo mlambo kwakukho imithi yobomi eneentlobo eziyi-12 zeziqhamo, ivelisa iziqhamo nyanga nganye. Amagqabi aloo mithi ayengawokuphilisa iintlanga.+
3 Akuzukuphinda kubekho siqalekiso, kodwa itrone kaThixo neyeMvana*+ iza kuba kweso sixeko, namakhoboka akhe aza kumenzela imisebenzi engcwele. 4 Aza kububona ubuso bakhe,+ ibe igama lakhe liza kubhalwa emabunzini awo.+ 5 Buza kuphela nobusuku,+ ibe awazukudinga sibane okanye kukhanya kwelanga, kuba uYehova* uThixo uza kuwakhanyisela,+ yaye aza kuba ngookumkani ngonaphakade kanaphakade.+
6 Yathi kum: “La mazwi athembekile yaye ayinyaniso.+ UYehova* uThixo owaphefumlela abaprofeti,+ uthumele ingelosi yakhe ukuba ibonise amakhoboka akhe izinto ezimele zenzeke kungekudala. 7 Jonga! ndiza kukhawuleza ndize.+ Wonwabile nabani na owathobelayo amazwi esiprofeto alo msongo.”+
8 Ndim, mna Yohane owazivayo nowazibonayo ezi zinto. Emva kokuba ndizivile ndaza ndazibona, ndaqubuda phantsi ezinyaweni zengelosi eyayindibonisa ezi zinto ukuze ndiyikhonze. 9 Kodwa yathi kum: “Lumka! Ungayenzi loo nto! Ndilikhoboka njengawe nabazalwana bakho abangabaprofeti nanjengabo bathobela amazwi alo msongo. Khonza uThixo.”+
10 Yaphinda yathi kum: “Sukuwavala amazwi esiprofeto salo msongo, kuba ixesha elibekiweyo lisondele. 11 Umntu ongelolungisa makaqhubeke engelolungisa, nomntu onyhukunyhuku makaqhubeke nobunyhukunyhuku bakhe, kodwa umntu olilungisa makaqhubeke esenza ubulungisa, nalowo ungcwele makaqhubeke engcwele.
12 “‘Jonga! Ndiza kukhawuleza ndize, ukuze ndivuze ngamnye ngokwemisebenzi yakhe.+ 13 NdinguAlfa no-Omega,*+ owokuqala nowokugqibela, isiqalo nesiphelo. 14 Bonwabile abo bayihlambayo imiwunduzo yabo,+ kuba baza kunikwa igunya lokuya kwimithi yobomi+ baze bangene esixekweni ngeegeyithi zaso.+ 15 Ngaphandle kwesi sixeko zizinja,* ngabo basebenzelana nemimoya, abo baziphatha kakubi ngesondo,* ababulali, abantu abakhonza izithixo naye wonke umntu othanda ukuxoka.’+
16 “‘Mna Yesu ndathuma ingelosi yam ukuba ingqine kuni ngezi zinto emabandleni. Mna ndiyingcambu nenzala kaDavide,+ nekhwezi eliqaqambileyo.’”+
17 Umoya nomtshakazi+ bathi: “Yiza!” Nabani na ovayo makathi: “Yiza!” nabani na onxaniweyo makeze.+ Nabani na ofunayo makasele amanzi obomi mahala.+
18 “Ndithi kubo bonke abantu abawevayo amazwi esiprofeto alo msongo: Ukuba nabani na uyongeza kwezi zinto,+ uThixo uza kumongezela izibetho ezibhalwe kuwo.+ 19 Ukuba nabani na ususa nantoni na kumazwi omsongo wesi siprofeto, uThixo uza kusisusa isahlulo saloo mntu emithini yobomi+ nakwisixeko esingcwele,+ zinto ezo ekubhalwe ngazo kulo msongo.
20 “Umntu othetha ezi zinto uthi, ‘Ndiyeza ngokukhawuleza.’”+
“Amen! Yiza, Nkosi uYesu.”
21 Kwanga iNkosi uYesu Kristu ingabenzela ububele* abo bangcwele.
Okanye “ububele obungasifanelanga.”
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela.
Funda Isihlomelo A5.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ahenyuze.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ahenyuze.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “sokuhenyuza.” Eli gama ngesiGrike ngupor·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “izintso.”
Okanye “uzenzele igama lokuba.”
Okanye “unamagama ambalwa.”
Okanye “Esiphakathini ngakwitrone.”
Funda Isihlomelo A5.
Funda Isihlomelo A5.
Ngokoqobo, “ngaphakathi nangasemva.”
Okanye “itakane legusha.”
Okanye “kweTakane Legusha.”
Okanye “ITakane Legusha.”
Okanye “neTakane Legusha.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Funda Isihlomelo B14.
Ingqekembe yamaRoma eyayilingana nomvuzo wosuku. Funda Isihlomelo B14.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Kubonakala ngathi kuthethwa ngegazi elagalelwa esibingelelweni. Funda Ingcaciso Yamagama.
Mhlawumbi uboya bebhokhwe.
Okanye “kwamakhiwane.”
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “isitampu.”
Okanye “kweTakane Legusha.”
Okanye “naliTakane Legusha.”
Okanye “leTakane Legusha.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Ngokoqobo, “ngomlilo.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “isitampu.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Elithetha ukuthi “Intshabalalo.”
Elithetha ukuthi “Umtshabalalisi.”
Okanye “oblu.”
Okanye “ukuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “neenyawo zayo.”
Ngokoqobo, “krakra.”
Ngokoqobo, “krakra.”
Okanye “enjengentonga yokumeta.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Funda Isihlomelo A5.
Othetha ukuthi “Ngubani OnjengoThixo?”
Okanye kusenokwenzeka, “kodwa yoyiswa [oko kukuthi inamba].”
Okanye “leTakane Legusha.”
Okanye “ubomi babo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “bembewu.”
Okanye “weTakane Legusha elaxhelwayo.”
Okanye kusenokwenzeka, “ Ukuba umntu uza kubulawa ngekrele.”
Okanye “umoya wobomi.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Ngokoqobo, “banyulu.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Okanye “nakwiTakane Legusha.”
Okanye “wokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “kweTakane Legusha.”
Malunga ne-296 km. Itadiya yayilingana ne-185m. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “yeTakane Legusha.”
Funda Isihlomelo A5.
Funda Isihlomelo A5.
Funda Isihlomelo A5.
Okanye “empuma.”
Ngokoqobo, “oomoya abathathu abamdaka.”
NgesiGrike, yiHar Ma·ge·donʹ. Eli gama lithathwe kwigama lesiHebhere elithetha ukuthi “INtaba IMegido.”
Italente yamaGrike yayilingana ne-20,4 kg. Funda Isihlomelo B14.
Okanye “somfazi othengisa ngomzimba.”
Okanye “bahenyuza.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “yokuhenyuza kwakhe.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ezipepuli.”
Okanye “zokuhenyuza kwakhe.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “iyure enye.”
Okanye “neTakane Legusha.”
Okanye “iTakane Legusha liza.”
Okanye “ihenyukazi.”
Okanye “eli henyukazi.”
Okanye “yomsindo.”
Okanye “wokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “abahenyuza nayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Ngokoqobo, “ngeyure nje enye.”
Okanye “apepuli.”
Okanye “neminye imiphefumlo yabantu.”
Okanye “apepuli.”
Ngokoqobo, “ngeyure nje enye.”
Ngokoqobo, “ngeyure nje enye.”
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye “umfazi othengisa ngomzimba.”
Okanye “ngokuhenyuza.” NgesiGrike, por·neiʹa. Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye “Haleluya!” “UYa” ligama elishunqulelweyo likaYehova.
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye kusenokwenzeka, “esifefwe ngegazi.”
Funda Ingcaciso Yamagama.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Funda Ingcaciso Yamagama nombhalo osemazantsi we-ISi 6:9.
Funda Ingcaciso Yamagama.
Funda Ingcaciso Yamagama.
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela.
Okanye “abahenyuzayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye “beTakane Legusha.”
Malunga ne-2 220 km. Funda Isihlomelo B14.
Malunga ne-64 m. Funda Isihlomelo B14.
Funda Isihlomelo A5.
Okanye “neTakane Legusha liyiyo.”
Okanye “iTakane Legusha.”
Okanye “weTakane Legusha.”
Okanye “neyeTakane Legusha.”
Okanye “neyeTakane Legusha.”
Funda Isihlomelo A5.
Funda Isihlomelo A5.
UAlfa ngunobumba wokuqala koonobumba besiGrike, aze uOmega abe ngunobumba wokugqibela.
Oko kukuthi, abantu abenza izinto uThixo azenyanyayo.
Okanye “bahenyuzayo.” Funda Ingcaciso Yamagama.
Okanye “ububele obungasifanelanga.”