Ubuya Kuphendula Uthini?
Kwenzeka Ntoni Kulo Mfanekiso
1. Kwingxelo ekuMateyu 25:31-46, ngubani obizwa ngokuba ‘nguNyana womntu’?
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Funda uMateyu 16:13-17.
․․․․․
2. Yintoni ebonisa enoba umntu singathi yimvu okanye yibhokhwe?
․․․․․
3. Yintoni eza kwenzeka kwizimvu nebhokhwe?
․․․․․
UKWENZELA INCOKO:
Kubhekiswa koobani xa kuthiwa “bazalwana bam”? Yintoni onokuyenza ukuze ubancede?
Kule Nkupho
Phendula le mibuzo uze uchaze indinyana (ii) yeBhayibhile engachazwanga.
IPHEPHA 3 Babeza kuthini abagculeli ngemihla yokugqibela? 2 Petros 3:․․․
IPHEPHA 7 Intshabalalo yangequbuliso iya kufika nini? 1 Tesalonika 5:․․․
IPHEPHA 20 Kutheni intloko-ntsapho ifanele iyinyamekele ngokwenyama intsapho yayo? 1 Timoti 5:․․․
IPHEPHA 28 Sifanele siziphathe njani? Hebhere 13:․․․
Bantwana Khangelani Le Mifanekiso
Ngaba unokuyifumana le mifanekiso kweli phephancwadi? Ngamazwi akho chaza into eyenzekayo kumfanekiso ngamnye.
Ngubani Oyinxalenye Yomnombo KaYesu?
Khangela inkcazelo enokukunceda. Khangela izibhalo. Emva koko bhala amagama achanileyo kwizikhewu.
4. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Ndingutatomkhulu ka-Abraham.
Funda iGenesis 11:24-26.
5. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: Mna nentsapho yam sasuka kwisixeko saseUre safudukela kwilizwe laseKanana.
Funda iGenesis 11:31.
6. ․․․․․
INKCAZELO ENOKUKUNCEDA: UYehova walitshintsha igama lam ngenxa yokuba wathi ndandiza kuba “nguyise weentlanga ezininzi.”
Funda iGenesis 17:5.
◼ Iimpendulo zifumaneka kwiphepha 19
IIMPENDULO ZEMIBUZO EKWIPHEPHA 31
1. NguYesu.
2. Yindlela abaphatha ngayo abazalwana bokomoya bakaYesu.
3. Izimvu zifumana ubomi obungunaphakade; iibhokhwe ziya kutshatyalaliswa ngonaphakade.
4. NguNahore.—Luka 3:34.
5. UTera.—Luka 3:34.
6. NguAbraham.—Luka 3:34.