IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 12/15 iphe. 26-29
  • UYehova Uyayakha Indlu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • UYehova Uyayakha Indlu
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Ukoyisa lingxaki
  • Isakhiwo Esikhulu Kwindawo Entle
  • Ucwangciso Lonikezelo
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 12/15 iphe. 26-29

UYehova Uyayakha Indlu

UMGQIBELO, kaMatshi 21, 1987, waba lusuku abasebenzi besebe leWatch Tower Society laseMzantsi Afrika abangasayi kuze balulibale. Waba lusuku lwesiganeko sembali. Kwakunikezelwa isakhiwo esitsha eRoodekrans—incopho yeminyaka emithandathu yomsebenzi onzima. Kodwa uzuko lwawo luya kuYehova. Kunjengokuba uSolomon wavakalisayo esithi: “Ukuba akayakhi uYehova indlu, bafumana besaphuka yiyo abakhi bayo.”—INdumiso 127:1.

Makhe sithi gqabagqaba silande ekhondweni ngolwando lwamaNgqina kaYehova eMzantsi Afrika. Ngowe-1902 abantu bokuqala ababini beli lizwe baqalisa ukufundisisa iimpapasho zoMbutho nokushumayela kwabanye. Ngowe1910 uWill Johnston wayalelwa nguMzalwan’ uRussell ukuba avule iofisi yesebe eThekwini ekwakuza kusebenza umntu omnye kuyo. Kunyaka owalandelayo kwasekwa elinye lamabandla okuqala abazalwana abaNtsundu kwindawo ekufuphi yaseNdwedwe. Ebudeni baloo nyaka ubalulekileyo we-1914, kwaqhutywa indibano yokuqala eThekwini ibe kwakuze abantu abangama-50. Eli sebe lafuduselwa eKapa ngowe-1923, ibe kunyaka owalandelayo kwasetyenziswa umatshini wokushicilela ongenabugocigoci bungako. Eli sebe lafuduselwa kwizakhiwo ezikhulu ngowe-1933, kodwa kwakungekho Khaya laseBheteli.

Kwakhona ngowe-1952 kwafudukelwa e-Elandsfontein—ndawo leyo enokuba li-1 500 leekhilomitha kumntla weKapa nemalunga nama-20 eekhilomitha kwimpuma yeRhawuti. Yaba sisakhiwo sokuqala eMzantsi Afrika esathi sakhiwa ngokweplani eyilwe nguMbutho, ngoko yaba nendawo enkulu yokushicilela kuquka neKhaya laseBheteli, okanye indawo yokuhlala. Ngeli thuba, umsebenzi woBukumkani wawuqhubeka kumazwe aliqela anyanyekeIwa leli sebe laseMzantsi Afrika. Ngoko ngowe1959 eli sebe kwafuneka landisiwe, ibe kwafuneka kwenziwe okufanayo ngowe-1971, ukanti kwakhona ngowe-1978. Kwandula ke akwabikho ndawo yaneleyo yokuba kuqhutyekwe kusakhiwa kweso siza.

Abavakalisi ababini bokuqala eMzantsi Afrika banda bamalunga nabangama-28 000. Kwakulixesha lokuba kufunwe indawo entsha, nto leyo eyabandakanya uphando olwathabatha ixesha. Ekugqibeleni kwafunyanwa ifama entle eziihektare ezingama-87 eRoodekrans, ndawo leyo enokuba ziikhilomitha ezingama-60 ukusuka e-Elandsfontein. Ukhokelo noncedo lukaYehova zabonakala ngokucacileyo ekufunyanweni nasekuthengweni kwale ndawo intle.

Ukoyisa lingxaki

Noko ke, kwafuneka ukuba koyiswe iingxaki ezinzulu. Ekuqaleni ixabiso labonakala lilikhulu, ibe kwakufuneka iimvume ezikhethekileyo ukuze kwakhiwe umzimveliso, iiofisi nendawo yokuhlala kummandla kamasipala. Enye ingxaki enkulu yayingumnqweno wokuba amaNgqina antsundu awayengabaguquleli ahlale apho. Ibonakala imangalisa indlela eyathi yoyiswa ngayo le miqobo, inikela ubungqina bokuba uYehova wayeyakha le ndlu. Enye ingxaki yayikukungabikho kanobom kwamagcisa aqeqeshelwe umsebenzi. Kodwa abasebenzi abangamatsha-ntliziyo babeyifunda ngokukhawuleza imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Kuwo kwakukho noodade. Omnye umveleli wathi: “lintombi ezintle eziselula ezingafanelekanga ukuba kwisiza sokwakha zaba ngababeki beethayile abangamagcisa. Andizange ndiwabone amagcisa angaphezu kwawo.”

Ekuqaleni umsebenzi wokwakha waqhubeka kancinane. Andula ke amatsha-ntliziyo athontelana ukufika eRoodekrans—antsundu, amhlophe, aweBala nawamalndiya. Abazalwana bafika bevela nakwamanye amazwe, njengaseNew Zealand naseUnited States. Kwakuyinto engaqhelekanga gqitha oku eMzantsi Afrika. Elinye itsha-ntliziyo lathi, “Kuhle ukubona abazalwana noodade besebenza kunye, iintlanga nezizwe ezahlukahlukeneyo ezineemvelaphi ezahlukahlukeneyo.” Abaninzi bayeka imisebenzi emihle okanye bathabatha amathuba ekhefu amade ukuze bancede kwisakhiwo saseRoodekrans. Kubo kwakukho abakhandi beenqwelo-mafutha abanamava, umyili weeplani zezakhiwo, unonjineli, abazobi abafanelekileyo, nabaveleli bezakhiwo. Kwafunyanwa oomatshini ababiza imali eninzi ekwakunikelwe okanye kubolekiswe ngabo.

Kuthekani ngeendleko ezinkulu ezazibandakanyekile? IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lenza ilungiselelo lemali eninzi yemboleko, ibe amaNgqina asekuhlaleni azo zonke izizwe nanobudala obahlukahlukeneyo anikela ngokuqhutywa bububele. Enye intombazana eneminyaka emithandathu ubudala yabhala oku: “Le mali bendiyilondolozela ukuthenga unopopi, kodwa ndinithumelela yona. Ndinethemba lokuba niya kuyigqiba iRoodekrans ngale mali. Xa ndimkhulu, ndifuna ukuza kusebenza apho eRoodekrans.” Inkwenkwana yomlndiya eneminyaka emihlanu yanikela ngemali eyayizigcinele yona kwiinyanga ezintandathu ngaphambili!

Ngeempelaveki kwakufika amaNgqina angakumbi angamakhulukhulu ukuza kuba nesabelo kwesi sakhiwo sibalulekileyo. Amanye amatsha-ntliziyo ayesiza imihla ngemihla, esoloko ezincama ngokwenene yaye esenza umgudu omkhulu ukuze enjenjalo. Iindwendwe ezingengomaNgqina zazihlunguzela iintloko zazo zingakholelwa kukubona inkxaso enkulu neyayiqhutywa lihlombe emsebenzini. Abantu abaninzi abahlala kulo mmandla bachukumiseka ngokunzulu. Imizi-mveliso yezorhwebo yasekuhlaleni esukuzanayo kwezoshishino kulo mmandla waseRoodekrans, nabameli bayo babesoloko besenza amagqabaza ngomoya woxolo nowomanyano owawukho.

Isakhiwo Esikhulu Kwindawo Entle

Iinduli ezinamatye kwicala elingezantsi kwesakhiwo zivelele intlambo nomsinga omhle. Nangona esi sakhiwo sikufuphi nehlomela ledolophu elibukekayo, kusekho izilwanyana zasendle apha, ezinjengeempangele nemivundla. Amakhozi noodyakalashe nabo basoloko betyelela apha. Isakhiwo sendawo yokuhlala, esime buxwesa kumageduka eenduli iimitha ezinokuba ngama-360, sakhiwe ngezitena ezibomvu. Sinemigangatho emithathu, ekwenza ubone kakuhle xa ukuyo. Esazulwini sesi sakhiwo kukho iindawo ekwenziwa kuzo imisebenzi ebalulekileyo ezinjengezi, igumbi lokutyela, igumbi lokuphekela, igumbi lokuhlambela iimpahla negumbi lokunyamekela abagulayo. Kufuphi nalapho kukho isakhiwo seeofisi nesakhiwo esikhulu sokushicilela, esimalunga nobukhulu bomkhombe kaNowa. Ngaphakathi kuso kukho umatshini omkhulu weTKS oshicilela ngemibala emine.

Kwicala elingasentshona lesakhiwo sokuhlala, kukho amasimi novimba omkhulu, owayesetyenziswa njengegumbi lokutyela nelokuphekela ngethuba lokwakha. Amasimi engca nelusini avelisa ukutya komhlambi weenkomo zobisi. Ngasemva kwesakhiwo sokuhlala kukho induli enamakhulukhulu emithana yesiqwane. Ukongezelela kwimithi ekhoyo yegamtriya, kukho imithi emininzi emitsha, amaziko eentyatyambo ezinemibalabala, nendawo ephangeleleyo ekutyalwe kuyo ingca eluhlaza.

Ucwangciso Lonikezelo

Isihlwele sabantu esimalunga nama-4 000 sahlanganisana phandle kufutshane nesakhiwo sokuhlala size kunikezelo olwaqhutywa ngemva kwemini yangoMgqibelo, ngoMatshi 21, 1987. Iqonga lokwexeshana elalikhangele ngasentabeni, lalibonakala ngathi yindawo yezemidlalo. Usihlalo, uMzalwan’ uR. F. Stow, wafunda imiyalezo ekhuthazayo eyayivela kumazwe ali-17. Owona wawuchukumisa kuyo wawuvela kuMaud Johnston, ongumfazi womveleli wokuqala wesebe eThekwini. Kubudala beminyaka engama-92, usaqhubeka ekhonza kwiBheteli yaseOstreliya.

UP. J. Wentzel, umveleli weSebe leNkonzo, wayesisithethi sokuqala, ibe wenza amabal’ engwe ngembali yomsebenzi woBukumkani eMzantsi Afrika. Wathelekisa abantu abangama-50 ababekho kwindibano yokuqala ngowe-1914 nenani labo babekho kwiindibano zowe-1986 ababengama-99 000.

Owalandelayo, uJ. R. Kikot, umveleli womzi-mveliso, wachaza ngokushicilelwa koncwadi ngeelwimi ezininzi nomsebenzi owenziwa ngabaguquleli abangaphezu kwama-50. Wakwakhankanya ukuba ngowe-1979 kwafakelwa umatshini omkhulu wokushicilela oyiTKS, osisipho esivela kwisebe laseJapan, kodwa wawushicilela kuphela ngemibala emibini. Kutshanje, iinxalenye ezimbini zalo matshini nazo ezivela eJapan, zadityaniswa kulo matshini wokushicilela. Ngenxa yoko, IMboniselo ka-Aprili 1, 1987, yashicilelwa ngombala opheleleyo, nto leyo eyavuyisa wonke umntu.

UC. F. Muller, umlungelelanisi weKomiti yeSebe, wachaza indlela uYehova awanceda ngayo ekulungiseleleni esi siza, imali, iingcali, nabasebenzi abangamagcisa. Umoya kaThixo wakwanceda ekwenzeni imvisiswano entle phakathi kwezizwe ezahlukahlukeneyo. Nangona ngelinye ithuba kwabonakala kungenakwenzeka ukuba kwakhiwe umzi-mveliso kummandla oyintloko ekuhlalwa kuwo nokuba abantsundu bahlale apho, uYehova wakulungiselela oko, ngoko wayenguMakhi oyiNkunkqele wokwenene!

Isithethi esalandelayo yayinguCarey Barber, ilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Udlwabevu lwentetho yakhe lwalusekelwe kuIsaya 65:17-19, oxela kwangaphambili indlela abantu bakaYehova abaya ‘kuba nemihlali ngayo baze bagcobe nanini.’ Isithethi sacacisa sisithi igama elithi “imihlali” lithetha “ukuxhumaxhuma ngenxa yovuyo” ibe oko kuyimbonakaliso ebalaseleyo yolonwabo. Ngokuqinisekileyo yayilusuku lokonwaba kwabo babekho. Intetho yonikezelo yanikelwa nguMilton Henschel, naye okwalilungu leQumrhu Elilawulayo. Wenza umthandazo okhethekileyo kuYehova, ebulela ngokulungiselela kwakhe esi sakhiwo, ngoku esasinikezelwa Kuye.

Ngosuku olulandelayo amaNgqina angama-28 250 nabantu abanomdla bahlanganisana eRand Stadium, eRhawutini, apho bathi nje ngokufutshane beva ngoko kwakuqhubeka eRoodekrans. Kwintetho eyayiguqulelwa ngesiZulu, lo kaHenschel wabonisa indlela amaNgqina kaYehova, ekhokelwa nguYehova noYesu, athi oyise ngayo kuyo yonke indawo aze asasaze “ivumba elimnandi likaKristu” nolunye ulwazi lweBhayibhile. (2 Korinte 2:14-17) Waqukumbela ngamava amaninzi akhuthazayo nawathi avuyisa eso sihlwele sikhulu sasilapho.

Kwaqhutywa iindibano ezifanayo eThekwini naseKapa. Ezi yaba zizihlandlo ezingayi kuze zilityalwe ngamaNgqina kaYehova aseMzantsi Afrika. Intsapho yaseBheteli eseRoodekrans ngokuqinisekileyo iya kuhlala ilukhumbula olo nikezelo lwekhaya layo elitsha. ‘Le ndlu yakhiwe nguYehova’ izalisa intswelo engxamisekileyo nebalulekileyo ekubeni ngoku kukho amaNgqina angaphezu kwama-40 000 nakhutheleyo eMzantsi Afrika kunawayengama-28 000 awayekho xa kwakuqaliswa umsebenzi eRoodekrans.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share