Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
‘Izinto Ezinqwenelekayo Ziyafika’
UMPROFETI uHagayi wabhala la mazwi ngowama-520 B.C.E.: “Ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.” (Hagayi 2:7) “Izinto ezinqwenelekayo” zeentlanga zonke ezizalisa indlu kaYehova ngobuqaqawuli zingabanquli bakhe aboyik’ uThixo. Abantu abantliziyo zinyanisekileyo abalolo hlobo bayasabela kwiindaba ezilungileyo eItali, kangangokuba ngoku kukho amaNgqina ali-166 000 afundisa abantu iBhayibhile kwelo lizwe. Abefundisi bamaKatolika eItali bakujonga ukwanda kwethu ngendlela engaqhelekanga “njengesiganeko esixhalabisa ngokugqithiseleyo” “esibanxubisayo nesiboyikisayo.” Masiyekele komnye ongumfuni wenyaniso apho abalise oko kwenzeka kuye.
“Ndandifundisa ikatekizim iminyaka elishumi, ibe ndandeyisekile kukuba le yayiyindlela yokubonakalisa uthando lwam ngoThixo nommelwane. Nangona ndandinomhlobo owayeliNgqina likaYehova, andizange ndizinike xesha lokuphulaphula isigidimi seBhayibhile. Noko ke, kwixesha elithile elidluleyo xa amaNgqina ayendityelele, ndawacela ukuba angene endlwini. Ndandifuna ukuwaxelela ukuba angaphindi atyelele umamazala kwakhona, kuba wayeziva edidekile. Ndathi kuwo, ‘Endaweni yokuba nityelele abantu abakhulileyo, thethani nabantu abafana nam.’ Ukususela ngoko ukuya phambili beza rhoqo kokwethu, kodwa sihlandlo ngasinye bechukumisa ingongoma engokwemfundiso yesithethe ndandibacela ukuba bayirhoxisele elinye ithuba incoko ukuze ndibe nokuwuphanda umcimbi.
“Ndathetha nabefundisi abaliqela yaye ndaphawula ukuba abanampendulo ingokweBhayibhile. Omnye wabo, owayengumvangeli, wandixelela ukuba kwakungabalulekanga kangako ukuya kwidini leMisa. Wathi, ‘Ngapha koko, kumazwe anjengeBrazil, ngokomzekelo, abantu benza ezinye izinto kunokuya kwidini leMisa. Into ebalulekileyo kukukhonza uThixo ngeyona ndlela ilungileyo kangangoko ubani enako.’ La mazwi andinika amandla okuba ndiluqhawule ulwalamano lwam neCawa yamaKatolika. Omnye umfundisi wachazela indoda yam, nayo eyayingumKatolika, ukuba, ukuba ndandifuna ukuba ngomnye wamaNgqina kaYehova, yayifanele indivumele ndibe nguye kuba amaNgqina kaYehova anempazamo nje enye, le yokuba ngabanenzondelelo gqitha. Ndibhaptizwe kutshanje nomnye woonyana bam. Indoda yam nayo ikwafundisisa iBhayibhile yaye ibonakalisa umdla kwisigidimi soBukumkani.”
Njengokuba uYehova enyikimisa iintlanga ngokwenza ukuba imigwebo yakhe ivakaliswe emhlabeni, abantu abaninzi abatyekele ebulungiseni bayalushiya uqheliselo lokunganyaniseki ukuze balandele imigaqo yeBhayibhile. Ngaphambi kokufunda inyaniso, enye indoda yaseItali yangena zwabha ematyaleni, icinga ukuba iya kuba nako ukuwahlawula ngemali yomvuzo wayo wesiqhelo kunye “namaqithi-qithi” okunganyaniseki eyayiwafumana. Ekufumaneni kwayo ulwazi lwenyaniso, yenza isigqibo esinzima yaze yayiyeka into yokwamkela “amaqithi-qithi” okunganyaniseki. Yona nomfazi wayo babhaptizwa baza ngokukhawuleza baqalisa ukukhonza kubulungiseleli bexesha elizeleyo. Kwisibhedlele apho isebenza khona, ngokufuthi ikhulula izidumbu ezo mpahla bezife zizinxibile, yaye amaxesha amaninzi iye yafumana izixa ezikhulu zemali kuzo. Ngokomzekelo, ngenye imini yafumana i-150 000 eelire (malunga nama-290 eerandi) yaza ngelinye ixesha yafumana i-600 000 eelire (malunga ne-1160 leerandi). Kuba yayinyanisekile, yayibuyisela loo mali, ibe oko kwayinika ithuba elihle lokuthetha nabaphathi besibhedlele noogqirha ngenyaniso. Abaphathi besibhedlele bambhalela iincwadi bemncoma ngenxa yokunyaniseka nokuba ngothembekileyo.
La mava avela eItali angumzekelo nje omncinane wendlela “izinto ezinqwenelekayo” eziyishiya ngayo le nkqubo ingendawo, nenogonyamelo zize zize ngayo kwintlangano kaYehova ecocekileyo nenoxolo ngaphambi kokuba ekugqibeleni anyikimisele inkqubo yezobupolitika kaSathana kwintshabalalo eArmagedon.