Ukushumayela EMaputo—Ikomkhulu Elinomtsalane LaseMozambiki!
Ngowe-1991, amaNgqina kaYehova amkelwa ngokusemthethweni eMozambiki. Ukususela ngoko umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo ubuqhubela phambili ngokuphawulekayo kweli lizwe elikummandla weleenjiko kunxweme olukumzantsi-mpuma weAfrika. Le ngxelo ilandelayo ingendlela amaNgqina kaYehova awenza ngayo umsebenzi wawo wokufundisa ngeBhayibhile eMozambiki, ingakumbi kufuphi neMaputo, elikomkhulu layo.
NGENXA yoLwandlekazi lweIndiya olushushu, imozulu yaseMozambiki ipholile. Ukugudl’ unxweme kukho amasundu neengqumba zentlabathi ezintle. Emazantsi eli lizwe kukho itheku elikhulu elinamanzi asithwe yinxalenye yomhlaba engena elwandle—indawo entle yokuba libe kuyo ikomkhulu lalapha, iMaputo.
Noko ke, ubuhle nenzolo yeli lizwe, azingqinelani nembali yezixholoxholo zalo. Kangangeenkulungwane belilawulwa ngamanye amazwe, okokuqala lalilawulwa ngama-Arabhu kwaza kwalandela amaPhuthukezi. AmaPhuthukezi eza ngoncomelo lweCawa yamaKatolika ukuze aphange ubuncwane beli lizwe—amabamba endlovu, igolide namakhoboka. Ekugqibeleni, emva kweenkulungwane zokucinezelwa ngaphantsi kwenkqubo yamathanga, kwaqhambuka usukuzwano olukrakra lwamakhaya ekwathi emva kwalo kwakho inkululeko ngowe-1975. Ngelishwa, le nguqulelo zange ibenze ubomi bukhuseleke ngakumbi, njengoko ilizwe langena kwimfazwe yamakhaya, baza abantu bahlwempuzeka ngakumbi, ingakumbi abemi basemaphandleni abamsulwa.
IMaputo, IKomkhulu
Kwiminyaka elishumi edluleyo, abemi baseMozambiki abangamawaka baye babhacela kwiidolophu nezixeko ezingakhuselekanga ngokupheleleyo. Oku kuphawuleka ngakumbi eMaputo, apho umxube wezakhiwo ezihle ezakhiwe ngobuchule bamaPhuthukezi kunye nobuqheleqhele baseAfrika wenza isixeko sikhangeleke kakuhle. Xa uhambahamba, usehlisa ezo zitrato zikhulu zaseMaputo ziphahlwe yimithi ekrozileyo into oya kuyiphawula zisuka nje zizihlwele zabantu abaxakeke yimisebenzi yabo yemihla ngemihla. Kodwa kukho umahluko. Omnye umvangeli wasemazweni eMaputo uphawula oku, “Nangona kuxinene kwaye nobomi bemihla ngemihla bunzima, abantu basoloko benobuhlobo. Kunqabile ukufumana abantu abakrwada!” Ewe, abantu baseMozambiki baziwa njengabantu abakhululekileyo nabanobuhlobo.
Kambe ke, njengoko kunjalo kwinkoliso yeendawo zaseAfrika, indawo ekudityanwa kuyo ngabantu ngokuqhelekileyo kukwimalike yasekuhlaleni. Xa usiya apho unokukhwela iChapa 100, igama ezibizwa ngalo iinqwelo-mafutha ezininzi ezivulekileyo ezisetyenziswa njengezithuthi zikawonke-wonke. Ngokuqhelekileyo, babonakala bebaninzi abantu abajinga ngaphandle kunabakhwele ngaphezulu elorini. Mhlawumbi ukuhamba ngeenyawo kokona kulungileyo.
Abantu baseMozambiki bangabarhwebi abangenakuncedwa. Umntu otyelele eMaputo ngokungathandabuzekiyo uya kuphawula indlela ababaninzi ngayo abantu abaziqeshileyo ngokubeka amanqwanqwa amancinane okuthengisela ezitratweni. Ngaba ungathanda ukuthenga iziqhamo ezisandul’ ukukhiwa, imifuno, izinongo zokutya? Zininzi wonke ubani angazifumanela. Kunjani ngenkuku ephilileyo, amandongomane, okanye iingcongolo zokwakha indlu yakho? Akukho nto iyingxaki kangako, yonke into yenziwa ngomoya wobuhlobo. Ezinye izinto ezenziwayo kukumenyezeliswa kwezihlangu okanye ukuhlanjelwa inqwelo-mafutha yakho. Isebenzisa intsimbi eshushu kunye neplastiki, inkwenkwana iya kubhijela amaxwebhu akho axabisekileyo.
Eneneni, asinguwo wonke lo msebenzi wokuthengisa esitratweni ovumelekilyo ngokusemthethweni. Noxa kunjalo uyenziwa. Abathengisi abangavumelekanga ngokusemthethweni babizwa ngokuba ziidumba nenge, okuthetha ukuthi “thembela kwabasicatyana bakho.” Oku akuthandabuzeki kuba, xa abasemagunyeni befika beze kuhlola, ukukwazi ukubeleka abasicatyana kwenza bakwazi ukuqhubeka namashishini abo asengozini.
Ivumba esilivayo lisenza siqonde ukuba, simele ukuba sisondela ngakwimarike yeentlanzi! Ngazo zonke iinjikalanga, ecaleni konxweme oluyiCosta do Sol, kuba sisiphithiphithi ngakwizikhephe zokuloba njengoko zisiza noko zikubambisileyo ngaloo mini. Ukongezelela kwiintlanzi ezingafaniyo nezingalinganiyo, kukho noononkala, iilobsters (izilwanyana ezifana noononkala), kambe ke, kukho neenqonci zodumo zaseMozambiki. Noko ke, usenganomdla kolunye uhlobo lokuloba olwenziwa eMaputo nakwiindawo ezikufuphi nayo.
“Abalobi Babantu”
Ukususela ekubeni eye amkelwa ngokusemthethweni eMozambiki, amaNgqina kaYehova aye afumana intsabelo entle kuluntu ngokubanzi. Enye indoda yavakalisa uxabiso lwayo ngokuthi: “Ndibabonile abaninzi benu kwizitrato zaseLondon. Enyanisweni, kuzo zonke iindawo ebendihamba kuzo ndiwabonile amaNgqina kaYehova. Ngoku ndiyavuya ukunibona nalapha.”
Ukwamkelwa kweBhayibhile noncwadi lweBhayibhile ngolwimi lwesiPhuthukezi nolwesiTsonga, iilwimi ezisetyenziswayo apho, kubonakalisa ukuba ngokwenene abantu balapha ngabantu abatyekele kwizinto zokomoya. UPaula, omnye umvangeli wasemazweni ngokuqhelekileyo uthi ngentsasa yangoMgqibelo, kulula ukuhambisa amaphephancwadi angaphezu kwama-50 ngasevenkileni okanye emarikeni. Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo ithandwa ngokukodwa. Abantu abaselula abaninzi baye ababi namakhaya okanye baziinkedama ngenxa yemfazwe, yaye babonakala beluxabisa uncedo nokhokelo abalufumana kule ncwadi.
Ngokwendlela eyamkelekileyo eAfrika, amaqela abantu abanomdla angqonga umvangeli wasemazweni ukuze eve oko akuthethayo. Ezo ntlanganiso zasecaleni kwendlela ngokufuthi ziphumela kwiingxubusho ezingokweZibhalo ezinomdla. Omnye udade ukhumbula amanye amava avuyisayo.
“Ngasihlandlo sithile xa ndandinikela ubungqina esitratweni, ndothuka xa inqwelo-mafutha yamajoni yathi tshitshilili yemisa ecaleni kwam. Ijoni eliselula lakhwaza abanye babantu ababemi kufuphi: ‘Hey, nina, xelelani elo nenekazi lize apha.’ Ndisakufika kulo, eli joni latsho ngolukaBlanketh lona uncumo lisithi: ‘Ningabantu abalungileyo. Siyakuvuyela ukunibona apha. Ndicinga ukuba ninencwadi yabantu abaselula. Bendingathanda ukuyifumana.’ Ndalixelela ukuba ndandingenayo, kodwa ndaliqinisekisa ukuba zisakubakho esitokhweni ndandiya kulizisela ekhayeni lalo.”
Ukuziswa Koncwadi Kwiziko Olugcinwa Kulo
Ukuhlangabezana nemfuneko eyandayo yoncwadi, iofisi yesebe leWatch Tower Society lakuMzantsi Afrika izisa uncwadi kwiziko lokugcina uncwadi eliseMaputo rhoqo emva kweeveki ezimbini. UManuel, umvangeli wasemazweni, unyamekela indawo yokugcina uncwadi yaye nguye onembopheleleko yokulungelelanisa ukusasazwa koncwadi.
Ngenye intsasa iqina lendoda elalizihambela langena laza labuza oko kwakusenziwa kuloo ndawo. UManuel waphendula wachaza ukuba yayiyindawo yokugcina uncwadi lweBhayibhile. Le ndoda yaphuma, kodwa emva komzuzu yaphinda yabuya.
Yabuza, “Kanene uthe ziincwadi zeBhayibhile ezi, akunjalo?”
UManuel waphendula, “Ewe, kunjalo.”
Le ndoda yabuza, “Zezowuphi umbutho?”
UManuel waphendula wathi, “ZezamaNgqina kaYehova,” wongeza ngelithi, “Olu ncwadi sisoloko siluthumela kumabandla ethu asekuhlaleni.”
“Oo, amaNgqina kaYehova!” Ubuso bale ndoda baswabuluka. “Zininzi gqitha izinto endizithandayo kuni. Kodwa kwangaxeshanye, ikho into endingayithandiyo apha kuni.”
UManuel wabuza ngobuchule, “Khawutsho ke, yintoni oyithandayo kuthi?”
Le ndoda yachaza, “Ndithanda iincwadi zenu ezinomdla nemfundiso. Into endingayithandiyo kukuba andizifumani ngokwaneleyo. Akunakuyikholelwa indlela esilunxanelwe ngayo uncwadi olufana nolwenu apha eMaputo.” Ngoko yathi rhuthu uludwe ekubhalwe kulo iimpapasho zeWatch Tower Society kuquka neenkupho ezindala zeMboniselo noVukani! engazange izifumane.
Yaxelela uManuel oku, “Ndisoloko ndiluphethe olu ludwe. Naphi na apho ndidibana khona namaNgqina kaYehova, ndiye ndizame ukuzifumanela zonke iimpapasho anazo. Ukuba unokundinceda ndifumane ezi zikolu ludwe, ndikulungele ukuhlawula nantoni na.”
Incoko yaqhubeka. UManuel wafumanisa ukuba le ndoda yaqalisa ukudibana namaNgqina kaYehova ngeminyaka yee-1950 xa yafunda incwadi ethi Creation. Kodwa ukususela ekubeni umsebenzi wamaNgqina kaYehova wawuvaliwe ngurhulumente wamaPhuthukezi, kwaba nzima ukuqhubela phambili.
Ekuhambeni kwethuba xa wayityelelayo le ndoda eofisini yayo, uManuel waphawula ukuba iimpapasho zeWatch Tower eyayinazo yayizisongele ngeplastiki yaza yazibeka ngocwangco. UManuel wayinika zonke iincwadi eyayizifuna le ndoda, waza walungiselela ukuqhubela le ndoda nentsapho yayo isifundo seBhayibhile.
Konke oku kutyala nokunkcenkceshela kokomoya kuqalisa ukuvelisa isiqhamo njengoko uThixo eqhubeka ‘ehlumisa.’ Kubonakala ngathi isivuno sabantu abantliziyo zilungileyo siza kuvelisa isiqhamo esityebileyo eMozambiki!—1 Korinte 3:6; Yohane 4:36.
Ukuhambela Phambili Ngobuthixo Phezu Kwazo Nje Iingxaki
Namhlanje, kukho amabandla angaphezu kwama-50 kwisixeko saseMaputo nakwiindawo ezikufuphi naso. Noko ke, akukho nokuba ibe nye iHolo YoBukumkani yamaNgqina kaYehova apho. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yemeko yezoqoqosho elusizi, amabandla awakhange akwazi ukwakha nangona amanye sekuyiminyaka azifumanayo iziza.a
Sekunjalo, iingxaki ezinjalo aziyiphazamisi inkqubela. Ngoku, kuqhutywa izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwama-5 000 kummandla osemazantsi eMozambiki. Abantu abafuna izifundo zeBhayibhile baninzi kangangokuba kukho izinto ezibalulekileyo ezimele ziqwalaselwe kuqala. Ukuba ubani ucela ukuqhutyelwa isifundo, ngokuqhelekileyo kulindeleke ukuba aye kuzo zonke iintlanganiso zebandla.
Kwelinye ibandla elikwindawo enabantu abaxinaniseneyo kutshanje kuye kweza abantu abali-189 kwiintlanganiso zangeCawa nangona abavakalisi boBukumkani beendaba ezilungileyo bengama-71 kuphela. Eli qela likhulu lidibanela phandle kwiyadi yelinye ikhaya. Le ndawo isithelisiwe ekubonweni nguwonke-wonke ngothango lwamacangci nangeengcongolo. Ngaphambi kwentlanganiso nganye, kuyatshayelwa, yaye abaphulaphuli abaninzi, kuquka nabantu abakhulu abaninzi, bahlala phantsi ezinkukhweni. Hayi indlela abanikela ingqalelo ngayo kucwangciso! Ekubeni abaninzi abasebatsha bengenawo umbhalo weMboniselo ofundwayo, bazama ukunikela ingqalelo engakumbi xa kufundwa iziqendu yaye kuphakama izandla ezininzi xa umqhubi wesifundo ebuza imibuzo.
Kwelinye ibandla elinabavakalisi abangama-59 ngokuthe rhoqo kuza abantu abangaphezu kwe-140. Ngokuqhelekileyo badibanela phandle. Kodwa xa kunetha, ibandla lixinanisana kumagumbi amabini endlu encinane eqeshiswayo. Ngenxa yobuninzi babaphulaphuli badlulela nasepasejini, kwigumbi lokuphekela nakwivaranda. Nalapha, ubani uya kuphawula uxabiso nokunikela ingqalelo njengoko wonk’ ubani ephulaphule ucwangciso ngenyameko.
Eyona ndawo lubonakala kuyo ulwando eMozambiki kukwiindibano. Kutshanje kuqhutywe indibano yesiphaluka kwibala lokulwela iinkunzi zenkomo kumbindi wesixeko. Ngaba unowuthelekelela umothuko wabavakalisi abamalunga nama-3 000 xa kweza abantu abali-10 000?
“Isivuno Sikhulu”
Amava anjalo abonisa ngokucacileyo ukuba mkhulu umsebenzi ekusafuneka wenziwe eMozambiki. Kutshanje amanye amabandla asandul’ ukufumana utyelelo lwawo lokuqala lomveleli ohambahambayo othunyelwe yiofisi yesebe. Afumana uncedo olufunekayo ukuwanceda aqhelisele iinkqubo zentlangano emabandleni.
Kwakhona kutshanje amabandla aye akuxabisa kakhulu ukufika kwabavangeli basemazweni abaqeqeshwe eGiliyadi. UFrancisco, umdala waseMaputo, uphawula oku: “Eli linyathelo elikhulu kuthi lokuqhubela phambili. Besinayo inzondelelo. Besinalo uthando. Sekunjalo, bekumnyama kuthi ngemicimbi emininzi yentlangano. Eyona nto siyifunayo ngubani onamava oza kusinceda asifundise indlela izinto ezimele zenziwe ngayo. Ngoku, siyabuvuyela ubukho babavangeli basemazweni phakathi kwethu.”
Abavangeli basemazweni, kwelabo icala, bayakuvuyela ukukhonza abazalwana babo. UHans, osandul’ ukwabelwa eMozambiki emva kokukhonza iminyaka engama-20 eBrazil, ukushwankathela ngolu hlobo oku: “Ukusebenza intsimi yaseMozambiki kulilungelo elikhulu! Sinoluvo lokuba kuza kubakho ulwando olukhulu apha. Besinokubavuyela abanye abavangeli basemazweni abali-10 okanye abangama-20 eMaputo nje kuphela.”
Ulwando lomsebenzi wobuthixo ngoku eMozambiki lusikhumbuza ngamanye amazwi kaYesu Kristu angxamisekileyo: “Ukuvuna okunene kuninzi, kodwa bona abasebenzi bambalwa. Khungani ngoko eNkosini yokuvuna, ikhuphe abasebenzi, baye ekuvuneni kwayo.” (Mateyu 9:37, 38) Siyathemba ukuba uYehova uya kusiphendula esi sibongozo singxamisekileyo sabakhonzi bakhe eMozambiki.
AmaNgqina kaYehova angamawaka achitha iminyaka eli-12 nangaphezulu kwiindawo zamabanjwa kumntla-ntshona weMozambiki. Xa abanye bawo kutshanje ebebuyela eMaputo ekuphela kwento ephathekayo ebebenayo lilaphu lokubhinqa esinqeni. Into ebebenayo ngokuyintabalala lukholo! Iminikelo yesisa yokutya nempahla evela kwamanye amaNgqina kaYehova akwiindawo ezikufuphi iye yawanceda ukuze aqale impilo entsha.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba indoda inethamsanqa lokufumana umsebenzi apha, umlinganiselo womvuzo ewufumanayo ngama-R55 ukuya kuma-R85 ngenyanga.
[Umfanekiso okwiphepha 23]
Amabandla ayaphuma ngobuninzi bawo ukuze anikele ubungqina bamaKristu kusasa ngemiGqibelo
[Imifanekiso ekwiphepha 24]
Lo nguJaimito uneminyaka emihlanu ubudala. Wazalelwa kwinkampu yamabanjwa. Namhlanje, abazali bakaJaimito bayakuvuyela ukuba seMaputo kwakhona. Veki nganye uFrancisco, uyise kaJaimito, uqokelela intsapho yakhe yonke ukuze ayiqhubele isifundo seBhayibhile. Bobabini abazali bakhe bachitha ixesha elininzi beqeqesha abantwana babo ukuba babe ngabafundisi abanempumelelo kwinkonzo yasentsimini. UJaimito uyakunandipha ukuhambisa uncwadi kufuphi nemarike eyintloko
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Isibakala sokuba amabandla engenazo iiHolo ZoBukumkani anokuzisebenzisa asiwathinteli ukuba aqhubele phambili. Kwiimeko ezininzi, abantu abeza kwiintlanganiso baliphinda kabini inani labavakalisi