IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w96 12/1 iphe. 32
  • Ngoobani Abaya Kuba Ngabahambisi Bevangeli?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngoobani Abaya Kuba Ngabahambisi Bevangeli?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1996
w96 12/1 iphe. 32

Ngoobani Abaya Kuba Ngabahambisi Bevangeli?

KWINTLANGANISO yeWorld Council of Churches kwiminyaka engama-40 eyadlulayo, amalungu ayo abongozwa ukuba “aqalise ukuba nomoya wokuhambisa ivangeli” yaye afundise imihlambi yawo ukuba “ihambise ivangeli.” Kwiminyaka emihlanu kamva, uJohn A. O’Brien, umfundisi womKatolika, wabhala ngemfuneko yokwenza abafundi abatsha “ngokuya kubo” kungekuphela nje “ngokuhlala emakhayeni ethu.” Yaye ngoJanuwari 1994, uPopu John Paul II wathi eli “asiloxesha lokuba neentloni ngeVangeli, lixesha lokuba siyishumayele ngamandla.”

Kuyabonakala ukuba le miyalelo idluliselwa manqaphanqapha ingokuhambisa ivangeli yawela kwiindlebe ezingevayo. Inqaku kwiphephandaba laseOstreliya i-Illawarra Mercury lathi: “AmaKatolika aphambili akuNxweme oluseZantsi awanamdla wakulubonakalisa njengamaNgqina kaYehova ukholo lwawo.” Enye indoda yathi ukuhambisa ivangeli “asinto ithandwa kakhulu ngamaKatolika.” Enye yaqiqa ngelithi: “Kulungile ngeCawa ukuba izikhulise, kodwa kungekhona ngokunkqonkqoza eminyango. Mhlawumbi ngokuya ezikolweni okanye ukusebenzisa iposi kunokuba bhetele.” Kwanomfundisi ongumcebisi kabhishophu wasekuhlaleni wayengaqinisekanga ngendlela awayenokuwachaza ngayo amagqabaza kapopu. Wathi, “Sikhuthaza abantu ukuba bayiphile iVangeli ebomini babo. Enoba oko kuthetha ukunkqonkqoza eminyango andiqinisekanga.” Umxholo ophambili weli phephandaba ushwankathela kakuhle ngokuthi: “AmaKatolika akanakuze awuthobele umyalelo kaPopu wokuya kushumayela.”

Phezu kwako nje ukusilela kweNgqobhoko ukuhambisa ivangeli, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezihlanu alandela umyalelo kaYesu ‘wokuhamba . . . aye kwenza abafundi zonke iintlanga.’ (Mateyu 28:19, 20; thelekisa IZenzo 5:42.) Umsebenzi wawo wokushumayela kwindlu ngendlu ngoku wenziwa kumazwe angaphezu kwama-230. Isigidimi sawo singqalile, sibalaselisa amadinga eBhayibhile amangalisayo angekamva. Kutheni ungathethi nawo xa ephinda etyelela?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share