Iziqulatho
IVEKI KAOKTOBHA 29, 2018–NOVEMBA 4, 2018
3 ‘Ninoyolo Ukuba Nithi Nizenze Ezi Zinto’
Akuncedi ukuba nolwazi ukuba asilusebenzisi. Kodwa kufuneka sithobeke ukuze sizenze izinto esizifundileyo. Eli nqaku liza kusikhuthaza ukuba sihlale sithobekile ngokuxelisa imizekelo yabantu abaseBhayibhileni ababeshumayela kubo bonke abantu, ababethandazela abanye nababelindela kuYehova.
8 Bazalwana Abakhulileyo—UYehova Uyanithanda Xa Ningagungqi Ekumkhonzeni
IVEKI KANOVEMBA 5-11, 2018
12 Hlala Ubakhuthaza Ngothando Abanye
Kweli xesha linzima, abantu batyhafiswa ziingxaki zobomi. UYehova noYesu bayasinceda sinyamezele. Kodwa sonke simele sithuthuzelane size sikhuthazane. Eli nqaku lisichazela ngendlela esinokukhuthazana ngayo ngothando.
IVEKI KANOVEMBA 12-18, 2018
17 Bayavuya Abantu Abakhonza UThixo Owonwabileyo
UYehova nguThixo owonwabileyo ibe ufuna abakhonzi bakhe bonwabe. Sinokonwaba njani kweli hlabathi likaSathana lineengxaki ezingaka? KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wasicebisa ngendlela esinokuhlala sonwabile ngayo.
22 Kudala Lalichazwa Njani Ixesha?
IVEKI KANOVEMBA 19-25, 2018
23 NguSomandla Kodwa Uyabacingela Abantu
IVEKI KANOVEMBA 26, 2018–DISEMBA 2, 2018
28 Bacingele Abantu NjengoYehova
Kweli hlabathi linabantu abaninzi abanekratshi, ibandla lamaKristu yeyona ndawo inothando. Olo thando silubonisa ngokuba sibacingele abanye, nto leyo ekuza kuthethwa ngayo kula manqaku mabini. Siza kuqala sifunde ngomzekelo omhle kaYehova wokubacingela abanye. Emva koko, siza kubona ukuba thina sinokumxelisa njani.