Nceda Abanye Bafunde Inyaniso
1 UYesu weza emhlabeni ukuze angqinele inyaniso. Ukuze inyaniso ishunyayelwe kwabanye, waqeqesha abafundi bakhe ukuze babe ngabafundisi. Wayenethemba lokuba baya kuphumelela ekufundiseni abanye wada wababiza ngokuba ‘ngabafundisi basekuhleni.’ (Mat. 13:52, NW) Ngamnye wamfanisa nesifundiswa esinovimba wokwenene wobutyebi esiphakula kuye. Abafundi bakaYesu namhlanje basebenzisa iimpapasho ukukhawulezisa umsebenzi wokushumayela uBukumkani. Ngokomzekelo, amabandla amaninzi aneencwadana ezahlukahlukeneyo anokuzisebenzisa ekuncedeni abanye babe ngabafundi. Zinokusetyenziswa njani ezi zixhobo zibalulekileyo?
2 Ukuze uqalise incoko ekhokelela ekuhambiseni incwadana “Ikamva Elinqabisekileyo—Indlela Onokulifumana Ngayo,” usenokubuza:
◼ “Ngaba wakha wazibuza isizathu sokuba phezu kwayo yonke imigudu yabantu, libonakale limfiliba ikamva elinqabisekileyo? [Vumela impendulo.] IBhayibhile iyasichaza isizathu sokusilela kwemigudu emininzi kangaka.” Funda INdumiso 146:3, 4. Emva kokuqiqa nomninimzi ngenkcazelo ekwisiqendu 6, unokubuza: “Ngubani ngokwenene onokusinika unqabiseko oluhlala luhleli?” Kuxhomekeke kwimpendulo yomninimzi, usenokugqiba kwelokuba uxubushe iingongoma ezifanelekileyo kwisiqendu 7 okanye ulungiselele ukwenjenjalo kwixa elizayo.
3 Nantsi enye indlela osenokukwazi ngayo ukusebenzisa incwadana “Ukhona Na UThixo Okhathalayo?”:
◼ “Abantu abaninzi baye babuza lo mbuzo ubhalwe apha ezantsi kwale mifanekiso mibini. [Funda umbuzo osemazantsi kwiphepha 6 nelesi-7, uze umvumele aphendule.] Ekubeni uThixo onothando ebengayi kukhuthaza okuhle nokubi ngaxeshanye, ucinga ntoni ngedinga lakhe elibhalwe apha kuIsaya 65:21-24?” Ukuba ufumana amagqabaza abonisa umdla othile, tyhila kwisiqendu 37 uze ucacise okuya kufezwa buBukumkani bukaThixo.
4 Xa uhambisa incwadana “Kukho Okuninzi Ngakumbi Ebomini!,” unokuthi:
◼ “Kwabaninzi ubomi yinto eyindinisa nekruqulayo. Ucinga ukuba yintoni efunekayo ukuze ubomi bube nentsingiselo ngakumbi? [Vumela umninimzi achaze uluvo lwakhe.] IBhayibhile ibonisa ukuba uThixo unezinto ezilunge ngakumbi asigcinele zona. Bona akuthethayo apha kwiSityhilelo 21:4, 5.” Ukuba kufanelekile, qhubeka uxubusha iingongoma ezikwisiqendu 42 sencwadana.
5 Xa umvakalisi oselula esebenzisa incwadana enemifanekiso “Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!,” usenokubuza:
◼ “Ngaba ungathanda ukuphila kumhlaba oyiparadisi onjengalo? [Bonisa umfanekiso ongaphambili nangasemva uze uvumele amagqabaza.] Mna nentsapho yasekhaya sinethemba lokuphila apho ngenxa yoko kuthethwa yiBhayibhile apha kuYohane 17:3.” Emva kokufunda esi sibhalo, nikela incwadana enemifanekiso kuloo mntu ukuze ayifunde ngomnikelo weesenti ezingama-90.
6 Ukuba usebenzisa ezinye iincwadana okanye iincwadana ezinemifanekiso kubulungiseleli bakho kule nyanga, iintshayelelo neentshumayelo zakho usenokuzifanisa namacebiso angasentla. Khumbula ukubetha koomofu uze wenze amagqabaza afanelekileyo nawakhayo ukuze uvuse umdla wabaninimzi.
7 UYehova usinike inyaniso. Sifanele sixhakamfule amathuba esiwafumanayo okwabelana nabanye ngayo, ngeempapasho nangokuncokola nabantu esidibana nabo. Ngale ndlela sizingqina singabafundisi basekuhleni ukuze kungenelwe abanye ngonaphakade.—Mat. 28:19, 20.