‘Yintoni Endinokuyenza?’
1 ‘Yintoni endinokuyenza?’ Ngokuqinisekileyo, lowo ngumbuzo owawusezingqondweni zamalungu eqela elincinane elalifundisisa iBhayibhile elaliququzelelwe nguCharles Taze Russell ngeminyaka yee-1870. Njengoko babesenza inkqubela ekuqondeni ukuthanda kukaThixo, abo bafundi beBhayibhile bokuqala bamele ukuba babezibuza ukuba yintoni ababenokuyenza ukuze bancede abanye bafunde ngenjongo kaThixo. Ngokuqinisekileyo kwakungumsebenzi onzima ukufikelela ihlabathi liphela ngolwazi lweBhayibhile ababelufumana.
2 Okusivuyisayo ke thina kukuba, bamelana nolo celomngeni. Njani? Ngamnye kubo wayifeza indima yakhe nangona yayibonakala incinane, yaye namhlanje, amaNgqina kaYehova ayaziwa ehlabathini lonke—ayintlangano enabavakalisi boBukumkani abaphantse babe zizigidi ezithandathu, abakhonza kumabandla amalunga nama-90 000 kumazwe nakwiziqithi ezingama-234!—Isa. 60:22.
3 Nikela Inkxaso Epheleleyo: Kubalulekile ukuba ngamnye wethu abe nesabelo kulo msebenzi mkhulu uYesu awaxela kwangaphambili ukuba wawuza kwenziwa kule mihla yokugqibela. (Marko 13:10) Ngokuqinisekileyo lo msebenzi awunakuyekelwa kubadala abambalwa ngenani; kananjalo umsebenzi wokushumayela ungenako nokuphoswa emagxeni oovulindlela kuphela. Enyanisweni, wonke umKristu ozahluleleyo unendima ebalulekileyo amele ayiphumeze. Sonke sinako ukuba nenxaxheba kuhlobo oluthile lomsebenzi wokushumayela. (1 Tim. 1:12) Enoba siwenza ngawuphi na umlinganiselo lo msebenzi, siyangenelwa thina kunye nabanye.—1 Tim. 4:16.
4 Ngamnye unokunikela inkxaso epheleleyo kubuzalwana bethu bamaKristu ngenye indlela ebalulekileyo. Sinokuzixhasa iintlanganiso zebandla ngokuya kuzo rhoqo nangokuba nenxaxheba kuzo ngehlombe. (INdu. 122:1, 8, 9) Sinokuphumeza eyethu indima ukuze sigcine ibandla licocekile ngokokuziphatha. Sinokuwuxhasa ngemali umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngoko sinako. Sinokuba nesabelo ekucoceni iHolo yoBukumkani. Wonk’ ubani unokukhuthaza umoya ofudumeleyo wothando nomanyano ebandleni ngokunceda abasebatsha, abaselula kunye nabakhulileyo ngokufanayo.—Kol. 3:12, 14.
5 Ngoko uyabuza, ‘Yintoni endinokuyenza?’ Nangona umgudu owenzayo usenokubonakala umncinane, ngokuphumeza eyakho indima, unako ukufak’ isandla ekwenzeni ibandla lomelele, likhuthale yaye liphile. Ngaloo ndlela sonke sinesabelo esibalulekileyo ekuzukiseni igama likaYehova!