Fundisisa Isiprofeto SikaDaniyeli
1 Ukususela ngeveki ka-Aprili 17, siza kufunda incwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Abaninzi sele beyifundile le ncwadi ibangel’ imincili, kodwa ngoku sinikwa ithuba lokuzuza iingenelo zokuwuxubusha njengeqela lo mbandela. Bonke abavakalisi, abanomdla, kunye nabantwana bayamenywa, ewe bayakhuthazwa, ukuba babekho veki nganye xa kuza kube kungenwa nzulu kwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli.—Dut. 31:12, 13.
2 Ucwangciso Kunye Nemiyalelo Yesifundo: Ucwangciso olupheleleyo lwesifundo sencwadi ethi Isiprofeto SikaDaniyeli lukule nkupho yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Qiniseka ukuba ugcina umbhalo wayo ukunye nencwadi oza kuyifunda. Olo cwangciso lubonisa isahluko kunye neziqendu zale ncwadi kunye neendinyana zikaDaniyeli eziza kuxutyushwa veki nganye. Imibhalo esemazantsi ibonisa indlela kunye nexesha eza kuhlolisiswa ngayo eminye imibandela yale ncwadi. Ekupheleni kwesifundo seveki nganye, umqhubi uyakhuthazwa ukuba azihlolisise kunye neqela iindinyana zikaDaniyeli ezidweliswe kucwangciso lwaloo veki. Ukuba ixesha liyavuma, ezo ndinyana zisenokufundwa kuze kugqatyazwe ngazo. Ezinye iindinyana ziya kudlulela kwisifundo seveki elandelayo kuba iza kuhlolisiswa ngokuqhubekayo indlela ezisebenza ngayo.
3 Lungiselela Isifundo Esicokisayo: Kuye kwenziwa umgudu wokuba kubekho ixesha elaneleyo veki nganye ukuze umbandela owabelweyo wengxubusho ungagxajagxajiswa. Izifundo ezine zifutshane. Ngenxa yoko, ekupheleni kwesifundo seveki kaJuni 5, umqhubi usenokuquka ukuhlolisiswa kukaDaniyeli 2:1-40. Kwiveki kaJuni 26, usenokuhlolisisa uDaniyeli 3:1-30. Kwiveki kaSeptemba 4 ufanele aquke ingxubusho ecokisayo yemifanekiso nezibhalo ezikwiphepha 139. Isicangca esikwiphepha 188 nele-189 sifanele sixutyushwe kwisifundo seveki kaOktobha 2.
4 Silungiselele kakuhle isifundo veki nganye, uze ukunandiphe ukuba negalelo kuso. Lixabise ilungelo lokunxulumana nentlangano kaYehova ebonakalayo uze ungenelwe kwingqiqo nokuqonda okulungiselelwe ngabathanjiswa bakhe abathembekileyo. (Dan. 12:3, 4) Bakhuthaze ngobubele nabanye ukuba beze rhoqo kwisifundo sencwadi. Ngamana sonke singanikela ingqalelo kwilizwi likaThixo lesiprofeto elityhilwe kwincwadi ebalaseleyo kaDaniyeli.—Hebhere 10:23-25; 2 Petros 1:19.