Ngaba Sinokwenza UAprili Wama-2000 Abe Yeyona Nyanga Isemagqabini Kuthi?
1 Ingokuhlwa yangoLwesithathu, ngoAprili 19, iza kuba yimbalasane kunyaka wethu wenkonzo. Ngolo suku, xa ilanga litshona emhlabeni wonke, onke amabandla kunye namaqela amaNgqina kaYehova asehlabathini lonke aza kuqhuba iSikhumbuzo sokufa kukaKristu. Enoba siphi na, ukukhumbula idini likaYesu Kristu kuya kuba yeyona nto ibalaseleyo enyakeni. Umhla weSikhumbuzo ubhalwe ngokucacileyo “kwiKhalenda Yobuthixo Ka-Aprili 2000,” ekwiphepha 6 lesi sihlomelo.
2 Yonke inyanga ka-Aprili isinika ithuba lokubonakalisa uxabiso lwethu olusuka entliziyweni ngobubele obungasifanelanga bukaYehova asenzele bona ngedini loNyana wakhe. Njani? Umpostile uPawulos wabhala: “Uthando analo uKristu luyasinyanzela, ngenxa yokuba siye sagqiba kwelokuba, umntu omnye wabafela bonke, ngoko ke, bonke bafile; yaye wafela bonke ukuze abo baphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena lowo wabafelayo waza wavuswa.” (2 Kor. 5:14, 15) Ewe, ngoAprili sinako ukubonisa ukuba asisaziphileli kodwa siphilela lowo wasifelayo, ngokwenza le nyanga ibe yeyona isemagqabini kuthi njengabalungiseleli boBukumkani!
3 Zalisa Ifomu Uze Ube Nguvulindlela Ongumncedani NgoAprili: Umpostile uPawulos wasimisela umzekelo ochukumisayo xa wathi: “Andiwugqali njengothandekayo kum umphefumlo wam, ukuba nje kuphela ndinokuligqiba ikhondo lam nobulungiseleli endabamkelayo beNkosi uYesu, ukunikela ubungqina obucokisekileyo kwiindaba ezilungileyo zobubele obungasifanelanga bukaThixo.” (IZenzo 20:24) Sinelungelo elifanayo lokuthwala ubungqina obucacileyo obungoYehova uThixo. Ukuze senjenjalo, sifuna ukwenza uAprili abe yeyona nyanga yakha yasemagqabini kumsebenzi woovulindlela abangabancedani!
4 Ekubeni eneempelaveki ezintlanu ezizeleyo, uAprili wama-2000 uya kuba yinyanga evumela abaninzi ukuba babe ngoovulindlela. Emva phaya ngoAprili wowe-1990, xa uMzantsi Afrika wafikelela eyona ncopho yakha yaphakama yoovulindlela abangabancedani, abangama-9 562 ababa nenxaxheba babemela i-19 ekhulwini labavakalisi bebonke. Kwiminyaka elithoba kamva, inani labavakalisi abanikele ingxelo ngoAprili 1999 liye landa phantse ngama-32 ekhulwini. Oku kuthetha ukuba sinako ukuyigqitha incopho yethu yangaphambili yoovulindlela abangabancedani. Ukongezelela koko, sele sihlisiwe ngoku isisikelo seeyure, nto leyo eyenza kube lula kwabaninzi ebandleni ukuba bangenele le nkalo yenkonzo. Umvakalisi obhaptiziweyo ngamnye ufanele acingisise ngomthandazo enoba unokukwazi kusini na ukuba nguvulindlela ongumncedani ngalo Aprili.
5 Usebenzisa “IKhalenda Yobuthixo Ka-Aprili 2000” ekwesi sihlomelo, hlengahlengisa ucwangciso lwakho lwale nyanga izayo. Gqiba ngeentsuku oza kukwazi ngazo ukuba nesabelo kwinkonzo yasentsimini, uze ubale zonke iiyure ocinga ukuba unokuzinikela kumsebenzi wokushumayela ebudeni baloo nyanga. Quka nexesha oza kulichitha unikela ubungqina kwabanye ngokucwangcisiweyo nangokungacwangciswanga. Ngaba isimbuku siyasondela kwisisikelo seeyure ezingama-50 zoovulindlela abangabancedani? Ukuba azipheleli iiyure ezifunekayo, ngaba akunakwenza olunye uhlengahlengiso kucwangciso lwakho ukuze uthenge ixesha lokuba nguvulindlela ongumncedani? Ngokomlinganiselo kuza kufuneka wenze iyure enemizuzu engama-40 kuphela ngosuku ukuze ufike kwiiyure ezingama-50 ngenyanga.
6 Ekubeni ngoku isisikelo seeyure sihlisiwe nakoovulindlela abathe ngxi, ngaba ukhe wayicinga into yokungenela inkonzo yexesha elizeleyo? Ulinde ntoni? UAprili uya kuba yinyanga entle yokuqalisa! Ukuba akuqinisekanga ukuba unokusifikelela kusini na isisikelo seeyure ezingama-70 zoovulindlela abathe ngxi, kutheni ungabi nguvulindlela ongumncedani ngoAprili uze uzibekele usukelo lokwenza iiyure ezingama-70? Uya kuthi wakufumanisa ukuba unokuzifikelela, utyekele ngakumbi ekufakeni isicelo uze ungene kwizintlu zoovulindlela abathe ngxi ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.—Bona incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 113-14.
7 Yiba Nesabelo Ngokuzeleyo Njengomvakalisi Weendaba Ezilungileyo: Sonke, abavakalisi noovulindlela ngokufanayo, uthando lwethu olufudumeleyo ngoThixo nommelwane lusishukumisela ukuba sizibhokoxe ekwenzeni konke esinako enkonzweni kaYehova ngokweemeko zethu zobuqu. (Luka 10:27) Ngalo ndlela sibonisa ukuba “sisebenza nzima yaye sizibhokoxa, ngokuba sibeke ithemba lethu kuThixo ophilayo, onguMsindisi wazo zonke iintlobo zabantu, ngokukodwa abo bathembekileyo.” (1 Tim. 4:10) Kungeso sizathu silindele ukubona abali-100 ekhulwini besiba nenxaxheba ngoAprili, wonke ubani abe nesabelo esizeleyo kumsebenzi woBukumkani.
8 Masingasilibali isibongozo sikaYesu esithi: “Isivuno sikhulu, kodwa abasebenzi bambalwa. Ngoko ke, bongozani iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” Kamsinya emva kokuba ethethe oko, uYesu wathuma abapostile bakhe abali-12 waza wabayalela ukuba baye kushumayela. (Mat. 9:37, 38; 10:1, 5, 7) Malunga nonyaka kamva, emva kokuba abali-12 beqeqeshwe ngokucokisekileyo kumsebenzi wokushumayela, uYesu ‘watyumba abanye abangamashumi asixhenxe waza wabathumela ngababini phambi kwakhe,’ ebanika imiyalelo efanayo: “Isivuno, eneneni, sikhulu . . . Ngoko ke yibongozeni iNkosi yesivuno ukuba ikhuphe abasebenzi baye esivunweni sayo.” (Luka 10:1, 2) Incwadi yeBhayibhile yeZenzo inikela ingxelo ngendlela awayiphendula ngayo uYehova loo mithandazo. NgePentekoste yowa-33 C.E., inani labafundi lalikhule laba malunga ne-120. Emva koko, kwafikelelwa iincopho ezilandelelanayo zabafundi abangama-3 000 nama-5 000. (IZe. 1:15; 2:41; 4:4) Emva koko, “inani labafundi landa kakhulu.” (IZe. 6:7) Ngendlela efanayo, kula maxesha simele siqhubeke sibongoza iNkosi ngabashumayeli beendaba ezilungileyo zoBukumkani abangakumbi! Ngokuvisisana nemithandazo yethu, mvakalisi ngamnye webandla ufanele enze amalungiselelo aqinisekileyo okuba nenxaxheba kubulungiseleli nyanga nganye.
9 Nceda ukhangele “IKhalenda Yobuthixo ka-Aprili 2000.” Ekubeni iintsuku zokuqala zenyanga inguMgqibelo neCawa, ngaba ungenza ucwangciso lokuba nenxaxheba enkonzweni kuloo mpela-veki, uqale kwasekuqaleni kwenyanga? UMgqibelo, ka-Aprili 1, luSuku lwethu Olukhethekileyo Lwamaphephancwadi. Wonke ubani ufanele abe nosukelo lokuba nesabelo kumsebenzi wamaphephancwadi ngaloo mhla. Noko ke, ngaba unokuluxhasa lonke “Usuku Lwamaphephancwadi” oluza kube lusebudeni benyanga kunye neqela leSifundo Sencwadi Sebandla lakho? Kuthekani ngokuchitha iyure okanye ngaphezulu Cawa nganye kubulungiseleli? Ngaba unokulungiselela ukuba nesabelo ekunikeleni ubungqina ngamarhatya? Yaye musa ukulibala ukuxhakamfula onke amathuba onawo okunikela ubungqina obungacwangciswanga emsebenzini, esikolweni, okanye xa usenza eminye imisebenzi yemihla ngemihla. Phawula iintsuku onokuchitha ngazo ixesha elithile kubulungiseleli, uze usebenzise ikhalenda ukuze ugcine ingxelo yenkonzo yasentsimini yaloo nyanga.
10 UAprili uya kuba lithuba lokuba bonke abafanelekayo nabamkelweyo ngabadala baqalise ukukhonza njengabavakalisi abangabhaptizwanga. Ukuba kukho umntu ofunda naye iBhayibhile, ngaba loo mntu wenze inkqubela ngokwaneleyo ukusa kwinqanaba lokuba angathetha nomveleli owongamelayo ukuze acele ukuhlolwa njengomvakalisi weendaba ezilungileyo? Ukuba unabantwana abangekabhaptizwa, ngaba ukhe waxubusha ngenkqubela yabo yokomoya nabadala? Ngaba eli ibingayi kuba lixesha elifanelekileyo lokuba baqalise ukuba ngabavakalisi?—Bona incwadi ethi Ubulungiseleli Bethu, iphepha 97-100.
11 Kusukelo lwethu lokwenza uAprili 2000 abe yinyanga esemagqabini, sonke kufuneka sibe nesabelo kubulungiseleli size singenise ingxelo yenkonzo yethu yasentsimini ekupheleni kwenyanga. (Thelekisa uMarko 6:30.) Abavakalisi abatsha abangekabhaptizwa abaqalayo ukuya kwinkonzo yasentsimini bafanele bakhuthazwe ukuba bawufake ngokukhawuleza umsebenzi wabo. Ngokwenza indima yethu, sinokuba negalelo elihle kwingxelo ka-Aprili nakwintsholo yendumiso eya kuYehova ngemigudu yethu yokunikela ubungqina.
12 Yiza Nabanye ESikhumbuzweni: Ngaba akuyi kusichukumisa ukubona incopho entsha yabo beze eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu sowama-2000? Ewe! kuya kuthetha ukuba kuze abona bantu baninzi kwabakha bahlanganisana ukuze babonise uxabiso lwabo ngeyona mbonakaliso ibalaseleyo yothando uYehova uThixo noYesu Kristu abaye basenzela yona! (Yohane 3:16; 15:13) Yenza nawaphi na amalungiselelo ayimfuneko ukuze kungabikho nto eya kuthintela wena nentsapho yakho ekuzeni eSikhumbuzweni.
13 Ngoku lixesha lokuqalisa ukumemela abanye eSikhumbuzweni. Yenza uludwe lwabo bonke obungathanda ukuba beze. Quka nawuphi na oye wafundisisa iBhayibhile kwixa elidlulileyo, abo ufundisisa nabo ngoku, namabuyelo akho onke. Kolo ludwe yongeza abantu obaqhelileyo, osebenza nabo, ofunda nabo esikolweni, abamelwane naye nawuphi na oshishina naye. Ungalibali ukuquka abanye oqhelene nabo kwakunye nezalamane zakho. Emva kokuba uluqulunqile uludwe, qalisa ukubathumelela izimemo zobuqu ngabanye. Bacacisele ixesha nendawo esiza kuqhutyelwa kuyo iSikhumbuzo. Njengokuba uAprili 19 esondela, bakhumbuze abo bakuludwe lwakho, enokuba kungokobuqu okanye kungomnxeba. Bacele ukuba bakupheleke ukuya eSikhumbuzweni ngobo busuku.
14 Ngokuvisisana nolwalathiso olwandulelayo oluvela kuMbutho, iqumrhu labadala liya kwenza umgudu okhethekileyo wokukhuthaza bonke abavakalisi abapholileyo emhlabeni wabo ukuba beze eSikhumbuzweni. (Mat. 18:12-14) Abadala kuza kufuneka bahlolisise ileta yoMbutho kaFebruwari 2, 1999. Unobhala webandla uya kubhala uludwe lwabo bonke abavakalisi abapholileyo, yaye umveleli wenkonzo uya kwabela abadala ukuba babatyelele ukuze babamemele eSikhumbuzweni. Mhlawumbi ngokufumana utyelelo lokwalusa olukhuthazayo ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka, aba bapholileyo banokuncedwa ukuze bakhuthale kwakhona kubulungiseleli basentsimini, kwanasebudeni buka-Aprili. Kuya kubakha ukumenyelwa ukuba babe nesabelo nomvakalisi onamava kwinkonzo yasentsimini.
15 Khuthaza Inkxaso Esemagqabini NgoAprili! Kuya kufuneka bonke abadala, izicaka zolungiselelo neentloko-ntsapho zihlengahlengise kakuhle ukuze inyanga kaAprili 2000 ibe semagqabini. Abadala baya kuqinisekisa ukuba yonke into ilungelelaniswe kakuhle baze bakhokele. (Heb. 13:7) Kufuneka kwenziwe amalungiselelo asebenzisekayo eentlanganiso zenkonzo yasentsimini phakathi evekini nangeempela-veki. Kunokulungiselelwa iintlanganiso ezongezelelekileyo zomsebenzi wenkonzo zasemva kwemini nezamarhatya. Ucwangciso olupheleleyo lwako konke okucwangcisiweyo ngoAprili lifanele lixhonywe ebhodini yezaziso. Kuya kufuneka kwabelwe umntu othile ukuba asingathe ucwangciso ngalunye lwentlanganiso yenkonzo. Kufanele kubekho intsimi eyaneleyo ukuze kunyanyekelwe iimfuno zeqela ngalinye.
16 Ebudeni buka-Aprili kuza kuhanjiswa amaphephancwadi IMboniselo noVukani!. Ukuze kuqaliswe izifundo zeBhayibhile zamakhaya, kuya kuhanjiswa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kubo bonke ababonisa umdla. Ngenxa yoko, kufuneka kulungiselelwe izixa ezaneleyo zamaphephancwadi neencwadana ezinemifanekiso.
17 Ekupheleni kwenyanga, bonke abaqhubi bezifundo zencwadi nabancedisi babo baya kufuna ukukhuthaza ngamnye okwiqela labo ukuba angenise ingxelo yenkonzo yasentsimini ngoko nangoko emva kokuphela kwenyanga. Mhlawumbi oku kunokwenziwa ngeCawa, ka-Aprili 30. Kwandule ke, xa unobhala ebala iingxelo, ukuba uphawula ukuba abavakalisi abathile abayingenisanga eyabo, unokubakhumbuza ngobubele ukuba benjenjalo ngaphambi komhla kaMeyi 6, xa emele athumele ingxelo yebandla kuMbutho. Unokucela abaqhubi bezifundo zencwadi bebandla ukuba bamncedise ekuqhagamshelaneni nabavakalisi ngabanye.
18 Ixesha leSikhumbuzo lelona libalulekileyo lonyaka kubantu bakaThixo. Lifanele libe lelona xesha lixakekileyo kuthi sonke bakwinkonzo kaYehova. Liya kuba njalo ukuba wonke ubani uba nesabelo ngokuzeleyo kangangoko kunokwenzeka njengomvakalisi weendaba ezilungileyo, ukuba abo banokukwazi ukubhalisa njengoovulindlela abangabancedani benjenjalo, yaye ukuba sikukhuthalele ukuza nabanye eSikhumbuzweni sokufa kukaKristu. Masiyithandazele ngokunyaniseka intsikelelo kaYehova etyebileyo njengokuba sizabalazela ukwenza uAprili 2000 abe yeyona nyanga isemagqabini, nto leyo eya kusa indumiso nozuko kuThixo!—Heb. 13:15.
[Ibhokisi ekwiphepha 3]
Ezona Ncopho Zakha Zaphakama Zezimbuku Zoovulindlela Abangabancedani:
South Africa: 9 562 (Aprili 1990)
Botswana: 160 (Aprili 1993)
Lesotho: 326 (Aprili 1990)
Namibia: 127 (Aprili 1992)
St. Helena: 18 (Meyi 1987)
Swaziland: 213 (Aprili 1992)
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Ezona Ncopho Zakha Zaphakama Zezimbuku Zabavakalisi:
South Africa: 67 069 (Agasti 1999)
Botswana: 1 153 (Agasti 1998)
Lesotho: 2 573 (Agasti 1999)
Namibia: 995 (Agasti 1998)
St. Helena: 160 (Novemba 1997)
Swaziland: 2 029 (Agasti 1999)
[Ibhokisi ekwiphepha 5]
Ezona Ncopho Zakha Zaphakama Zoziwo LweSikhumbuzo:
South Africa: 168 903 (1997)
Botswana: 3 535 (1997)
Lesotho: 7 056 (1995)
Namibia: 2 681 (1997)
St. Helena: 354 (1997)
Swaziland: 5 976 (1997)
[Isicangca esikwiphepha 6]
IKhalenda Yobuthixo Ka-Aprili 2000
NgeCawa NgoMvulo NgoLwe- NgoLwe Ngo NgoLwe NgoMgqibelo
sibini sithathu Lwesine sihlanu
1
USUKU
OLUKHETHEKILEYO
LWAMAPHE-
PHANCWADI
2 3 4 5 6 7 8
Usuku Lwamaphe-
phancwadi
9 10 11 12 13 14 15
Usuku Lwamaphe-
phancwadi
16 17 18 19 20 21 22
INTETHO ISIKHUMBUZO Usuku Lwamaphe-
EKHETHEKILEYO EMVA KOKUTSHONA phancwadi
KWELANGA
23 24 25 26 27 28 29
Usuku Lwamaphe-
phancwadi
30
Faka
Ingxelo
Yakho
Yenkonzo
Yasentsimini
Marko 14:1, 2, 10, 11; Mateyu 26:1-5, 14-16
Marko 14:12-16; Mateyu 26:17-19
Phawula iintsuku onokuchitha ixesha ngazo kubulungiseleli. Sebenzisa le khalenda ukuze ugcine ingxelo yenkonzo yakho yasentsimini kule nyanga.