IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 7/01 iphe. 3
  • Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
km 7/01 iphe. 3

Ukukhonza Apho Imfuneko Inkulu Khona

Kufuneka abadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela kula mabandla alandelayo. La mabandla aya kuluxabisa uncedo lokunyamekela iimbopheleleko zebandla okanye ukugubungela intsimi yawo enkulu engafane isetyenzwe rhoqo.

EDindini, eBizana: Abadala bayacelwa ukuba baze kunceda eli bandla linabavakalisi abangama-67, oovulindlela abathe ngxi abali-9, nomdala omnye kuphela.

ELugwijini, kufutshane naseBizana: Kufuneka uncedo kweli bandla linabavakalisi abangama-27 noovulindlela abathe ngxi aba-6. Ngokomlinganiselo kwintlanganiso yentetho yesidlangalala kubakho abantu abangama-59. Le ndawo ithembisa ngokuba nolwando olungummangaliso, ngenxa yoko kufuneka abadala nezicaka zolungiselelo ngokungxamisekileyo.

ELugangeni, eMount Frere: Ngaba unokukwazi ukufudukela kweli qela linabavakalisi abahlanu noovulindlela abathe ngxi ababini? Bafuna abadala, izicaka zolungiselelo noovulindlela.

EMgungundlovu, eMount Frere: Abadala nezicaka zolungiselelo ezineentsapho ziya kuba luncedo kakhulu kweli qela linoodade abathandathu. Kufuneka noovulindlela ukuze baze kunceda.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share