Kholosa NgoYehova Ukuze Ube Namandla
1 Ngenxa yoothunywashe abaliqela, kufuneka sayame ngoYehova. Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo “kuwo wonke umhlaba omiweyo” sisabelo esilucelomngeni. (Mat. 24:14) Ngokuqhubekayo, silwa nenyama yethu engafezekanga. (Roma 7:21-23) Ngaphezu koko, “sizamazamana . . . nabalawuli [abanamandla angaphezu kwawomntu] behlabathi bobu bumnyama.” (Efe. 6:11, 12) Ngokucacileyo, sifuna uncedo. Sinokuwafumana njani amandla avela kuYehova?
2 Ngomthandazo: UYehova ngesisa uthulula umoya wakhe oyingcwele kubakhonzi bakhe abawucelayo. (Luka 11:13) Ngaba uyabeya ubuchule bakho bokushumayela kwindlu ngendlu, esitratweni okanye ngomnxeba? Ngaba uyoyika ukunikela ubungqina obungacwangciswanga? Ngaba inkcaso yabantu entsimini iye yayinciphisa inzondelelo yakho? Kuthekani ukuba unyanzelelwa ukuba ulalanise kukholo okanye kwingqibelelo yakho? Yayama ngoYehova. Thandazela amandla.—Fil. 4:13.
3 Ngesifundo Sobuqu: Kanye njengokuba sifumana amandla ngokutya ukutya kokoqobo, siyomelezwa ngokomoya ngokutya rhoqo eLizwini likaThixo neempapasho ‘zekhoboka elithembekileyo neliyingqondi.’ (Mat. 4:4; 24:45) Xa wabuzwa ngento eyamnika amandla okunyamezela iqela leminyaka evalelwe yedwa entolongweni eTshayina engenaBhayibhile, uStanley Jones wathi: “Sinako ukuhlala somelele elukholweni. Phofu ke kufuneka sifundisise kuqala. Asinakuba namandla angaphakathi ukuba asifundisisi.”
4 Ngokuya Ezintlanganisweni: Kwintlanganiso yamaKristu kwinkulungwane yokuqala, uYudas noSilas “babakhuthaza abazalwana ngokuthetha okuninzi baza babomeleza.” (IZe. 15:32) Ngokufanayo namhlanje, oko sikuva ezintlanganisweni kwenza nzulu uxabiso lwethu ngoYehova, kwakha ukholo lwethu kuze kusikhuthaze kubulungiseleli. Iintlanganiso zisisondeza kwamanye ‘amadlelane ngenxa yobukumkani bukaThixo, asomelezayo.’—Kol. 4:11.
5 Siyalufuna uncedo ‘kula maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Ngokuphathelele abo bomelezwa nguYehova, siqinisekile ukuba: “Baya kunyuka ngamaphiko njengeenkozi. Baya kubaleka baze bangatyhafi; baya kuhamba bangadinwa.”—Isa. 40:31.