Sinesixhobo Esitsha Sokuqalisa Izifundo!
1 Ibhinqa elithile laseMerika lalingumRoma Katolika ozinikele gqitha. Lalizithethelela ngokuthembeka iimfundiso zecawa. Lade latyelela naseVatican. Kodwa xa elinye lamaNgqina kaYehova lalityelelayo ekhayeni lalo, eli bhinqa lavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Kwakutheni? Kungenxa yokuba lalifuna ukufunda oko kuthethwa yiBhayibhile yaye icawa yalo yayingenalo ilungiselelo lesifundo seBhayibhile sasekhaya. Asifundisa ntoni la mava? Asifundisa ukuba asinakuze simazi umntu oza kwamkela isifundo seBhayibhile.—INtshu. 11:6.
2 Ngaba wakha wathandabuza ukuxelela abantu ukuba sikulungele ukufundisisa iBhayibhile naye nabani na onomdla? Ngaba wonke umntu okwindawo yenu uyazi ukuba sinale nkonzo yasimahla? Singaqiniseka njani ukuba bayazi? Ngokusebenzisa esi sixhobo sitsha! Liphecana elivus’ umdla, elinamaphepha amathandathu elinomxholo othi Ngaba Ungathanda Ukwazi Ngakumbi NgeBhayibhile? Masiqhelane neli phecana, umxholwana nomxholwana.
3 “Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?” Izizathu ezichazwa leli phecana zibangel’ umdla. Lithi iBhayibhile iqulethe “imfundiso ephilileyo evela kuThixo,” ebonisa indlela yokunxibelelana naye ngomthandazo ukuze ufumane uncedo nendlela yokufumana isipho sakhe sobomi obungunaphakade. (1 Tes. 2:13) Eli phecana libhekisela ‘kwiinyaniso ezahlukeneyo zeBhayibhile ezinika ukukhanya,’ ezinjengoko kwenzeka kuthi xa sisifa nesizathu sokuba kukho iingxaki ezingaka emhlabeni. Lichaza “imigaqo yobuthixo eseBhayibhileni” ezisa iingenelo nolonwabo xa isetyenziswa, ithemba nezinye iimpawu ezithandekayo. Eli phecana lichaza esinye isizathu sokufunda iBhayibhile—iziprofeto eziphathelele ikamva ezibonisa oko kusengaphambili.—ISityhi. 21:3, 4.
4 “Liluncedo Ekuqondeni IBhayibhile”: Eli phecana lithi: “Sonke sifuna uncedo ukuze siqonde iLizwi likaThixo.” Landule ke ukuchaza inkqubo yethu yokufundisisa iBhayibhile lisithi: “Kudla ngokuba lula ukuyifunda ngokwamanqanaba iBhayibhile, uqale ngeemfundiso ezisisiseko.” Ngoxa likwenza kucace ukuba “iBhayibhile ligunya,” eli phecana likhankanya incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo njengento enokunceda umntu ofundelwayo ‘aqonde iimbekiselo zeZibhalo kwimibandela eyahlukeneyo.’ Umxholwana olandelayo ubuza umbuzo ofun’ impendulo.
5 “Ngaba Ukulungele Ukuchitha Ixesha Elithile Veki Nganye Ukuze Uqonde IBhayibhile?” Lithi isifundo seBhayibhile singaqhutywa ngexesha nakwindawo elungele umntu ofundelwayo, enoba kusekhayeni lakhe okanye ngomnxeba. Ngoobani abanokuba nenxaxheba kule ngxubusho? Eli phecana lithi: “Yonke intsapho yakho. Nabaphi na abahlobo okhetha ukubamema. Okanye ukuba ufuna njalo, kunokuxutyushwa nawe kuphela.” Unokufunda ixesha elide kangakanani? Lithi: “Abaninzi babekela bucala iyure veki nganye ukuze bafunde iBhayibhile. Ukuba unokukwazi ukuchitha ixesha elingakumbi okanye elithile elincinane veki nganye, amaNgqina aya kuzenza afumaneke ukuze akuncede.” Leyo yingongoma ebalulekileyo! Sikulungele ukuhlengahlengisa ngokweemeko zesifundo ngasinye.
6 “Isimemo Sokufunda”: Kukwakho nephetshana lesimemo yaye lowo wamkele eli phecana unokukwazi ukucela incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo okanye atyelelwe ukuze achazelwe ilungiselelo lethu lesifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. Ngaphandle lencwadana inemifanekiso ithi Okufunwa NguThixo inemibala eyahlukeneyo. Ngaba akusiboni isizathu sokuba eli phecana likhuthaze abantu abangakumbi abaneentliziyo ezinyanisekileyo ukuba bamkele uncedo? Ngoku, singasisebenzisa njani esi sixhobo sitsha?
7 Ngubani Onokumhambisela Eli Phecana? Eli phecana linokuhanjiselwa abantu ngabanye okanye lishiywe kumakhaya angenabantu. Linokuhanjiswa kwindlu ngendlu, esitratweni nakwintsimi yamashishini. Lihambisele abantu enoba bayalwamkela uncwadi okanye abalwamkeli. Lihambise namaphephancwadi okanye ezinye iimpapasho ezihanjiswayo. Lithumele neeleta ozibhalayo. Cela ukulithumelela abo uthetha nabo ngomnxeba. Kwakhona yiba nemibhalo oza kuyisasaza xa usezivenkileni, xa usebenzisa izithuthi zikawonke-wonke, naxa unikela ubungqina obungacwangciswanga. Linike nabani na otyelela ekhayeni lakho. Lihambise kwizalamane, kubamelwane, kwabo usebenza nabo, kwabo ufunda nabo nakwabanye oqhelene nabo. Zama ukulinika wonke ubani odibana naye! Ngoko yintoni enokwenziwa?
8 Ukuba Ubani Usabela Ngokukhawuleza: Bambi abantu baya kusabela ngokukhawuleza ngokuvuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngoko ke, nanini na ukumsebenzi wenkonzo yasentsimini, qiniseka ukuba usoloko unemibhalo emibini yencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo—enye ibe yeyomntu ofundelwayo enye ibe yeyakho. Ukuba loo mntu uyavuma, qalisa isifundo ngoko nangoko. Tyhila iphepha lokuqala, uze ufunde isiqendu esithi “Indlela Yokusebenzisa Le Ncwadana Inemifanekiso.” Yiya kwisifundo 1, uze umbonise indlela yokuqhuba isifundo. Ngaba le asiyondlela ilula?
9 Ukuba Umphulaphuli Wakho Ufuna Ixesha Ukuze Acingisise Ngayo: Ngaphambi kokuba kudlule ixesha elide, zama ukuqhagamshelana naye kwakhona. Xa usenjenjalo, qiniseka ukuba unencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Mbonise iziqulatho ezingaphakathi. Makakhethe owona mxholo uvus’ umdla wakhe. Tyhila kuwo, uze uqalise ukuxubusha isifundo asikhethileyo.
10 Landela Amaphephancwadi Ahanjisiweyo: Ukuba ushiye iphecana namaphephancwadi, unokubuyela uze uthi: “Xa ndandikutyelele kwixa elidluleyo, ndakushiyela umbhalo wephephancwadi IMboniselo. Mhlawumbi uye waphawula ukuba umxholo opheleleyo walo lindixesha uthi IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Namhlanje ndize kukucacisela ngobo Bukumkani noko buya kukwenzela kona wena nentsapho yakho.” Wandule ke ukutyhila incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo kwisifundo 6. Qala ngesiqendu sokuqala, usifunde uze usixubushe ngokuvuma kwexesha analo umninimzi. Lungiselela ukubuya ngenye imini uze kuqukumbela eso sifundo.
11 Ungaphelelwa Ngamaphecana: Umveleli wenkonzo nabazalwana abasingatha izixa zoncwadi baya kugcina isixa esaneleyo sephecana elithi Yazi IBhayibhile ebandleni ngamaxesha onke. Amanye wafake epokothweni okanye esipajini, emotweni yakho, emsebenzini, esikolweni, ekhaya—naphi na apho anokufuneka khona. Kakade ke, amanye wafake engxoweni yakho oyiphatha entsimini ukwenzela amaxesha axa udibana nomntu onokuncokola naye ngeBhayibhile.
12 Ngamana UYehova Angawusikelela Umgudu Wethu: Olona sukelo lubalulekileyo kumKristu ngamnye kukufundisa omnye inyaniso. (Mat. 28:19, 20) Ngaba ngoku uqhuba isifundo seBhayibhile? Ukuba kunjalo, ngaba unokukwazi ukuhlengahlengisa ucwangciso lwakho lweveki nganye? Ukuba ngoku akuqhubi sifundo, ngokuqinisekileyo unawo loo mnqweno. Thandaza kuYehova asikelele imigudu yakho ukuze ufumane umntu onokufunda naye. Wandule ke ukwenza ngokuvisisana naloo mithandazo.—1 Yoh. 5:14, 15.
13 Sinesixhobo esitsha sokuqalisa izifundo! Qhelana naso. Sihambise ngesisa. Yenza unako nako ukuze ‘wenze okulungileyo, utyebe emisebenzini emihle, ungagogotyi lutho, ulungele ukwabelana’ nabanye ngoko ukufundileyo kwiLizwi likaThixo.—1 Tim. 6:18.
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
AMATHUBA OKUHAMBISA IPHECANA
◼ Kwincoko yemihla ngemihla
◼ Xa ubani esamkela uncwadi lwethu
◼ Xa kungekho mntu ekhaya
◼ Xa sibuyela
◼ Xa sidibene nomntu ngoxa sinikela ubungqina esitratweni
◼ Xa sishumayela kwintsimi yamashishini
◼ Xa sinikela ubungqina obungacwangciswanga
◼ Xa sibhala iileta
◼ Xa sihamba ngezithuthi zikawonke-wonke
◼ Xa kukho umntu otyelele ekhayeni lethu
◼ Xa sithetha nezalamane, abamelwane abo sisebenza nabo, abo sifunda nabo nabanye esiqhelene nabo