Iindaba Ezingokobuthixo
◼ Sineendaba ezimnandi esifuna ukunazisa zona ngokuphathelele inkqubo yokwakhiwa kweeHolo ZoBukumkani. Ekupheleni kuka-Agasti isimbuku senani leeHolo ZoBukumkani ezinikezelwe kunyaka wenkonzo wama-2001 bezingama-60. Eneneni, oku kuyancomeka yaye bonke abo bebebandakanyekile ekuzakheni bayabulelwa ngokuzibhokoxa kwabo. Ebudeni buka-Agasti kwanikezelwa iiholo ezintsha ezili-19, ezizezi: EyaseMahlubini neyakuTsolo (eMpuma Koloni); eyaseGa-Rankuwa Zone 2 neyaseSoshanguve North (eGauteng); eyaseLoskop, eyakwaMakhutha East neyaseMhlatuze (KwaZulu-Natal); eyaseKolojane, eyaseLekokoaneng, eyaseMapoteng, neyaseTeyateyaneng (eLesotho); eyaseMariental neyaseOtjiwarongo (eNamibia); eyaseZebediela (kwiPhondo laseMantla); eyaseIkageng (eMntla-Ntshona); eyase-Ezulwini, eyaseMafutseni, eyaseNtabamhlophe (eSwazini) neyaseRiversdale (eNtshona Koloni).
Kule minyaka mithathu idluleyo kuye kwasekwa amabandla amatsha angama-61. Ngenxa yolu lwando lungaka, amalunga nama-300 amabandla anabavakalisi abangaphezu kawama-30 asafuna iiHolo ZoBukumkani. Ngaba amatsha-ntliziyo angakumbi angazenza afumaneke ukuze ancede iiKomiti Zokwakha Zenqila ezisebenza nzima? Fumana ifomu ethi Kingdom Hall Construction Worker Questionnaire (S-82) kunobhala webandla lenu ukuba ubungathanda ukuncedisa elinye lala maqela.