Zuza KwiMboniselo NoVukani!
Ekubeni ngoku imirhumo yeMboniselo noVukani! ipheliswa, kuza kufuneka sizame ukuba thina, kunye nabo sishumayela kubo, singaphoswa nayenye inkupho.
Imibhalo Yethu: Xa umrhumo wakho uphela, yongeza iodolo yakho yamaphephancwadi. Abazali bafanele baodele onke amalungu entsapho. Ukuba ubhala igama kwiphephancwadi lakho, akuyi kuphazama ulihambise entsimini. Xa kufika amaphephancwadi ebandleni, abazalwana abawanyamekelayo baya kukhawuleza banibekele wona kwiHolo yoBukumkani.
Imizila Yamaphephancwadi: Abavakalisi bafanele benze umzila wamaphephancwadi kubo bonke abanomdla wokuwafumana. Ukuba uwasa ngokwakho la maphephancwadi, uya kufumana amathuba okumkhuthaza loo mntu nokuqalisa isifundo seBhayibhile.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1998, iphepha 12.
Abo Baneemfuno Ezikhethekileyo: Ukuba umntu onomdla uhlala kwintsimi engabelwanga bani, unokwenzelwa umrhumo weposi. Ukuba loo mntu unomdla ukwintsimi yenu kodwa kunzima ukumenzela umzila wamaphephancwadi, thetha neKomiti Yenkonzo Yebandla. Ukuba iyavuma, loo mntu unokwenzelwa umrhumo. Kunokusetyenziswa iifomu zomrhumo (M-1 neM-101) zize zithunyelwe neleta echazayo.
Siqinisekile ukuba uYehova uya kuqhubeka esikelela yonke imigudu esiyenzayo yokubhengeza uBukumkani ngeMboniselo noVukani!