Ngaba Uyayisebenzisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Okufunwa NguThixo Xa Uqalisa Izifundo?
1 Ngaba ubusazi ukuba xa uxubusha ngeBhayibhile rhoqo nomntu onomdla, nisebenzisa enye yeempapasho ezinconyelweyo, enokuba zimfutshane kangakanani na ezo ngxubusho, uqhuba isifundo seBhayibhile? Ewe kunjalo, enoba nithetha nimi emnyango okanye ngomnxeba. Kutheni ungazami ukuqalisa isifundo ngoMeyi nangoJuni usebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo?
2 Lungiselela Ukuze Uphumelele: Xa uhambisa incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo, qiniseka ngoko uza kukuthetha. Ukuba uyabuyela, kwazi oko ubukuthethe ekuqaleni. Zibuze oku: ‘Ziziphi iziqendu zale ncwadana inemifanekiso endinokwakhela kuzo ingxubusho engakumbi ukuze isikhokelele kwisifundo seBhayibhile?’ Ukuba ukwindlu ngendlu, yazi imibandela onokuthetha ngayo nokwishumi elivisayo, nomntu omdala, indoda, okanye umfazi. Hlolisisa imixholo eyintloko yale ncwadana inemifanekiso, uze ukhethe obangel’ umdla. Emva kokuba uqinisekile ngentshayelelo yakho, yiqhelisele izihlandlo ngezihlandlo. Lo ngundoqo ukuze uphumelele.
3 Isihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaJanuwari 2002 sinikela ‘Amacebiso Asibhozo Okuhambisa Incwadana Enemifanekiso Ethi Okufunwa NguThixo.’ Ibhokisi ethi “Indlela Engqalileyo” ibonisa indlela yokuqalisa izifundo usebenzisa le ncwadana inemifanekiso. Icebiso lokuqala ungalisebenzisa ngolu hlobo:
◼ “Ubusazi na ukuba ungafumana impendulo yombuzo obalulekileyo weBhayibhile ngemizuzu engephi? Ngokomzekelo, kutheni kukho iinkonzo ezininzi kangaka ezithi zingamaKristu? Ngaba wakha wazibuza ngoko?” Emva kokuba ephendule, tyhila kwisifundo 13 uze uxubushe iziqendu ezibini zokuqala. Ukuba ixesha liyakuvumela, funda umbhalo omnye okanye emibini uze uyicacise. Yandula ke ufunde umbuzo wokugqibela kwimibuzo esekuqaleni kwephepha, uze uthi: “Inxalenye yesi sifundo ichaza iimpawu ezintlanu zonqulo lokwenyaniso. Ndingakuvuyela ukubuya size siziqwalasele kunye ezi mpawu.”
4 Zingisa: Sebenzisa onke amathuba owafumanayo ukuze ubonise indlela yokuqhuba isifundo seBhayibhile ngencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Cela intsikelelo kaYehova. (Mat. 21:22) Xa uzingisa, usenokuvuyiswa kukunceda othile eve iindaba ezilungileyo!