Ucwangciso Lwentlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoSeptemba 9
13 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, yiba nemiboniso emibini ngendlela yokuhambisa IMboniselo kaSeptemba 15 noVukani! kaOktobha 8. Kumboniso ngamnye, bonisa indlela yokuphendula xa umntu esithi, “Andinamdla KumaNgqina KaYehova.”—Bona incwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 17-18.
17 imiz: “Ukunceda Abanye Bazukise UYehova.”a Ukuba ixesha liyavuma, chaza ingongoma ibe nye okanye ezimbini ezikwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 393.
15 imiz: Kutheni Abantu Bengenalukholo? Ingxubusho nabaphulaphuli. Ngokufuthi sidibana nabantu abangenalo ukholo. (2 Tes. 3:2) Ukuze sikwazi ukubaxelela inyaniso ngoYehova, kuqala sifanele sizame ukwazi into eye yabaphembelela ukuba babe naloo ngcinga banayo ngoThixo. Xubusha izinto ezine ezinokubangela ukuba abantu bangabi nalukholo ezichazwe kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 164-65. Abaphulaphuli mabachaze indlela enokuqaliswa ngayo incoko nabantu abanjalo. Balisa amava abonisa intshumayelo ephumelelayo, okanye usebenzise amava akuVukani! wesiNgesi ka-Agasti 22, 1993, iphepha 14-15.
Ingoma 122 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 16
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Bakhuthaze bonke ukuba baphinde bahlolisise amanqaku endibano yesiphaluka xa belungiselela iNtlanganiso Yenkonzo yeveki elandelayo.
18 imiz: Senze Njani Kunyaka Ophelileyo? Intetho enikelwa ngumveleli wenkonzo. Chaza iimbalasane zengxelo yebandla yonyaka wenkonzo wama-2002. Bancome bonke ngezinto ezintle abazenzileyo. Nikela ingqalelo kwinani labeze ezintlanganisweni, kumabuyelo nakwizifundo zeBhayibhile eziqhutyiweyo, nakoovulindlela abangabancedani, uze unikele amacebiso ngendlela ekunokuphuculwa ngayo. Misela usukelo abamele babe nalo kunyaka ozayo. Bakhuthaze bonke ukuba bakhuthalele inkonzo yasentsimini baze bafake ingxelo kwinyanga nganye yonyaka omtsha wenkonzo.
17 imiz: Ucelomngeni Lokuba Ngumzali Ongenaqabane. Umdala udlan’ indlebe nomzali omnye okanye ababini abangatshatanga (okanye abanamaqabane angengawo amaNgqina) ukuze aqonde indlela abahlangabezana ngayo neengxaki ezinjengokuqeqesha, ukufundisa, nokwalathisa abantwana babo kwizinto zokomoya. Bakwazi njani ukunyamekela iimbopheleleko zentsapho kodwa kwangaxeshanye babekho rhoqo ezintlanganisweni nasentsimini? Chaza amacebiso akwincwadi ethi Ulonwabo Lwentsapho, iphepha 104-10. Khankanya iindlela abanye abanokunceda ngazo eziboniswe kwiphepha 113-15.
Ingoma 149 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 23
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8, cela umdala abonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaOktobha 1 uze ucele isicaka solungiselelo sibonise indlela yokuhambisa uVukani! kaOktobha 8. Emva komboniso ngamnye, phinda isivakalisi esinye okanye ezibini ezisetyenzisiweyo ukuze kuvuselelwe umdla womninimzi.
10 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
25 imiz: “Moyikeni UThixo Nimzukise.” (ISityhi. 14:7) Intetho ebandakanya abaphulaphuli eyimpinda yendibano yesiphaluka yonyaka wenkonzo ophelileyo. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngeengongoma ezibalaseleyo abazifundileyo nendlela abaye bakwazi ngayo ukuzisebenzisa ebomini babo okanye njengentsapho. (Banokwabelwa iinxalenye abaza kugqabaza kuzo kusengaphambili.) Xubusha ezi ntetho: (1) “Ncedani Abasebatsha Bahlakulele Ukoyika UThixo.” Sinokubanceda njani abo bebeze kwiSikhumbuzo ukuba benze inkqubela baze babe ngabakhonzi bakaYehova abakhutheleyo? (2) “Ukoyika UYehova Kuthetha Ukuthiya Okubi.” (w87 4/15 16-18) IMizekeliso 6:16-19 inokusinceda njani ukuze sahlukane nezinto azithiyileyo uYehova—ikratshi, ukuxoka, ukusukelana nezinto eziphathekayo, ukuzonwabisa okungalunganga, ukusebenzisa kakubi i-Internet? (3) “Sondelelana Ngakumbi Nabo Ubathandayo.” Siyamthanda uYehova, uYesu, amalungu entsapho, amalungu ebandla, ukusondela kubo kunokusikhusela njani ehlabathini? (4) “Yoyikani UYehova, Kungekhona Abantu.” Ukoyika ukungamkholisi uYehova kukuncede njani woyisa umqobo wokoyika ukushumayela, wanamathela kwimigaqo yobuthixo emsebenzini okanye esikolweni, okanye wakwazi ukuxhathisa kwingcinezelo yomqeshi yokuphoswa ziintlanganiso, iindibano ezincinane nezinkulu? (5) “Zonke Izinto Zenzeleni Uzuko LukaThixo.” (INdu. 119:37; Heb. 4:13) Kutheni ukoyika uThixo kusithintela ekubeni sisele ngendlela engalawulekiyo, sibukele izinto ezingamanyala, okanye ekubeni senze isono esifihlakeleyo? (6) “Qhubekani Nihamba Ekoyikeni UYehova.” Ukusikelele njani uYehova ngokuvumela umoya wakhe usebenze ebomini bakho?—INdu. 31:19; 33:18; 34:9, 17; 145:19.
Ingoma 171 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoSeptemba 30
15 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Mayisingathwe ngumveleli wenkonzo. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake ingxelo yenkonzo yasentsimini yenyanga kaSeptemba. Xubusha umxholo othi “Ucwangciso Lokwakhiwa KweeHolo ZoBukumkani Luhambela Phambili.” Xubusha amalungiselelo omhlaba ongabelwanga bani. Njengoko uOktobha iyinyanga yokugqibela yephulo lomhlaba ongabelwanga bani, bakhuthaze bonke ukuba babekho.
15 imiz: Yintoni Ebangela Ukuba Amaphephancwadi Ethu Abalasele? Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Ngo-Oktobha siza kuhambisa IMboniselo noVukani! Chaza izizathu zokuba amaphephancwadi abalasele: (1) Azukisa igama likaYehova. (2) Akhuthaza ukuba nokholo kuYesu. (3) Avakalisa uBukumkani bukaThixo. (4) Atsalela ingqalelo kumandla eBhayibhile. (5) Acacisa inzaliseko yeziprofeto zeBhayibhile. (6) Achaza intsingiselo yeziganeko ezenzeka ehlabathini. (7) Abonisa indlela esinokuhlangabezana ngayo neengxaki esijamelene nazo kule mihla. (8) Abangela umdla kubantu bonke. (9) Awapolitiki. Yenza imiboniso emibini, kuwo ngamnye ubonise indlela enokusetyenziswa ngayo enye yezi ngongoma ekuqaliseni incoko.
15 imiz: “Zixabise Izinto Zobuthixo.”b Mayisingathwe ngumdala. Quka amagqabaza oko kuye kwathethwa ngabantu basekuhlaleni uze uchaze into enokwenziwa libandla ukuze lizisebenzise ngobulumko iimpapasho zethu. Bongoza bonke ukuba bangaodoli uncwadi abangazi kulusebenzisa. Ungalilibali ilungelo onalo lokuxhasa umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ngemali.—Bona umxholo othi “Yabelana Nabanye Ngokweemfuno Zabo,” kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMeyi 2001, iphepha 3.
Ingoma 21 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala Ngo-Oktobha 7
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: Ukumela Inyaniso Esikolweni. Dlan’ indlebe nomvakalisi oselula omnye okanye ababini abasahamba isikolo nabasiqondayo isizathu sokunganxulumani kakhulu nabangakholwayo abafunda nabo. Bahlangabezana njani nocelomngeni lwemibhiyozo yomoya wobuzwe, imidaniso yesikolo kunye neerally, imidlalo eyenziwa emva kwexesha lesikolo, nehambo engcolileyo? Quka amagqabaza ngendlela yokushumayela esikolweni. Xubusha imbono yezibhalo ngokukhahlela indwe nokucula umhobe wesizwe njengoko kuchazwe kwincwadi ethi Ukuqiqa, iphepha 216.
20 imiz: “Musani Ukusukela ‘Izinto Ezingenaxabiso.’”c Emva kokuxubusha isiqendu 4, quka amagqabaza akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 1999, isiqendu 30-2. Xa nixubusha isiqendu 5, quka amagqabaza akwibhokisi yeMboniselo kaOktobha 1, 1994, iphepha 8. Xa ugqiba ukufunda isiqendu 6, funda isiqendu 18 sesihlomelo sikaNovemba 1999.
Ingoma 105 nomthandazo wokuqukumbela.
[Umbhalo osemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.