IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/03 iphe. 7
  • Izaziso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Izaziso
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2003
km 5/03 iphe. 7

Izaziso

◼ NgoMeyi kuza kuhanjiswa amaphephancwadi IMboniselo noVukani! Xa ubuyela kubantu abanomdla, abasenokuquka abo bebeze eSikhumbuzweni okanye kwezinye iintlanganiso zobuthixo kodwa abanganxulumani rhoqo nebandla, bahambisele incwadi ethi Nqula UThixo. Zama ngandlela zonke ukuqalisa isifundo seBhayibhile, ingakumbi ukuba loo mntu sele eyifundile incwadi ethi Ulwazi nencwadana ethi Okufunwa NguThixo. NgoJuni: Hambisa incwadi ethi Ulwazi okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Ukuba abaninimzi banazo ezi mpapasho, sebenzisa enye incwadana enemifanekiso efanelekileyo ekwisitokhwe sebandla. NgoJulayi nangoAgasti: Kunokusetyenziswa nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zinamaphepha angama-32 zilandelayo: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi, Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?, Iyintoni Injongo Yobomi?—Unokuyifumana Njani?, nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Kwezinye iindawo zehlabathi kusenokufaneleka ukuhambisa ezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo: Incwadi Yabantu Bonke, A Satisfying Life—How to Attain It, Our Problems—Who Will Help Us Solve Them?, Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?, nethi Will There Ever Be a World Without War?

◼ Umveleli owongamelayo okanye omnye owabelwe nguye ufanele ahlole ingxelo yemali yebandla ngoJuni 1 okanye ngokukhawuleza emva koko. Xa sele kwenziwe oku, yenza isaziso ebandleni emva kokuba ingxelo elandelayo yemali ifundiwe.

◼ Kulo nyaka kuza kuqhutywa iindibano zezizwe ngezizwe ezine eMzantsi Afrika, ekuza kuba kukho kuzo iindwendwe zaphesheya kolwandle. Ezi ndibano ziya kuqhutywa ngempelaveki enye, ngoDisemba 4-7, eRhawutini, ePitoli, eThekwini naseKapa. Kuza kuqhutywa UCWANGCISO OLUFANAYO LOKOMOYA kwiindibano zezizwe ngezizwe nakwezesithili. Umahluko nje ngowokuba, kwiindibano zezizwe ngezizwe iindwendwe zaphesheya kolwandle ziza kunikela iingxelo ezivela kumazwe azo. Ngenxa yokunqongophala kwezihlalo nendawo yokufikela iindwendwe, ingakumbi eRhawutini naseKapa, asikhuthazi ukuba abazalwana beze kwezi ndibano zezizwe ngezizwe ukuba ababelwanga kuzo. Noko ke, ukuba indibano elabelwe kuyo ibandla lakho asiyoyolwimi lwakho, zive ukhululekile ukuya kweyolwimi lwakho.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share