Izaziso
◼ NgoJuni kuza kuhanjiswa incwadi ethi Ulwazi okanye incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Ukuba abaninimzi banazo ezi mpapasho, sebenzisa enye incwadana enemifanekiso efanelekileyo ekwisitokhwe sebandla. NgoJulayi nangoAgasti: Nayiphi na kwezi ncwadana zinemifanekiso zinamaphepha angama-32 zilandelayo: Ngaba Ngokwenene UThixo Usikhathalele?, Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade!, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, Urhulumente Oya Kuzisa IParadisi, Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa?, Iyintoni Injongo Yobomi?—Unokuyifumana Njani?, nethi Xa Umntu Omthandayo Esifa. Ezi ncwadana zinemifanekiso zilandelayo zisenokuhanjiswa xa kufanelekile: Incwadi Yabantu Bonke, A Satisfying Life—How to Attain It, Our Problems—Who Will Help Us Solve Them?, Imimoya Yabafileyo—Ngaba Inokukunceda Okanye Inokukwenzakalisa? Ngaba Ikho Ngokwenene?, nethi Will There Ever Be a World Without War? NgoSeptemba: Life—How Did It Get Here? By Evolution or by Creation?
◼ Amabandla afanele aqalise ukulungiselela iphulo lentsimi engabelwanga bani ngenxa yokuntinga kwamaxabiso ezinto zokuhamba neendawo zokuhlala. Zamani ukuyisebenzisela izinto zobuthixo yonke loo mpela-veki ngokushumayela ixesha elininzi kangangoko kunokwenzeka. Amabandla angakwaziyo ukulixhasa eli lungiselelo anokusebenza intsimi angafane ayisebenze.
◼ NCEDANI NIPHAWULE: Umhla wale ndibano yesithili ilandelayo utshintshiwe:
Disemba 26-28:
EWalvis Bay (isiBhulu/isiNgesi)
Ncedani niphawule ukuba nangona ucwangciso lweNdibano YeSithili ‘Yokuzukisa UThixo’ luza kuqalisa ngoLwesihlanu ngeye-9:00 kusasa, ucwangciso lwendibano yezizwe ngezizwe luza kuqalisa ngoLwesine ngeye-1:20 emva kwemini.