Ucwangciso Olutsha Lwendibano Yesiphaluka
1 INkosi yethu yaxela kwangaphambili ukuba abafundi bayo babeza kubandezeleka. (Mat. 24:9) Simele sizijonge njani iimvavanyo? Yintoni eya kusenza sikwazi ukunyamezela imbandezelo? Ucwangciso lwendibano yesiphaluka lonyaka wenkonzo wama-2004 luza kuyiphendula le mibuzo. Umxholo walo uthi, “Yibani Nemihlali Ngalo Ithemba. Yinyamezeleni Imbandezelo.”—Roma 12:12.
2 Ungcelele Lokuqala Nolwesibini: Ungcelele lokuqala, olunomxholo othi, “Thwala Isiqhamo Ngonyamezelo,” luza kuxubusha iindlela esinokuthwala ngazo isiqhamo. Kuza kudliwan’ indlebe neqela labavakalisi ngokuphathelele iindlela abashumayela baze bafundise ngongxamiseko ngazo. Kuza kufuneka abazali banikel’ ingqalelo ngokukhethekileyo kwinxalenye ethi “Xa Uqeqeshwa NguYehova,” eza kuxubusha iindlela abanokuqiqa ngayo nabantwana babo. Isithethi sokugqibela kolu ngcelele siza kuxubusha ngoko simele sikwenze ukuze sithintele ihlabathi lingasiphembeleli size singabi nasiqhamo.—Marko 4:19.
3 Umxholo wongcelele lwesibini uthi, “Lubaleke Ngomonde Ugqatso.” Luza kuyenza icace indlela obufana ngayo ubomi bethu nogqatso. Kutheni simele sibaleke ngokuvisisana nemithetho yogqatso? Sinokubothula njani bonke ubunzima size singadinwa kolu gqatso lobomi? Isiluleko seZibhalo esisexesheni esiza kunikelwa siza kusinceda sonke ukuba siqhubeke silubaleka ngomonde ugqatso.
4 UThixo Uyakholiswa Ngabo Banyamezelayo: Iintetho eziza kunikelwa ngumveleli ohambahambayo ziza kulomeleza ukholo kwabo baziphulaphulayo baze bazisebenzise. Enye yeentetho zomveleli wesiphaluka inomxholo othi, “Unyamezelo Luvelisa Ukukholeka.” Intetho yesidlangalala iza kuphendula umbuzo othi: Zifanele zithembele egameni likabani iintlanga, yaye yintoni ebandakanyekileyo koko? Intetho yokuqukumbela enomxholo othi “Ngonyamezelo Niya Kuyizuza Imiphefumlo Yenu,” iza kuxubusha indlela uYesu awakunyamezela ngayo okungekho sikweni engenanqala.
5 Ungayilibali incwadi yakho yeSikolo Sobulungiseleli neMboniselo eza kufundwa ngaloo veki. Ukubhala amanqaku kuya kukunceda unikele ingqalelo kwaye aya kukunceda nakwixesha elizayo. Impinda yocwangciso iya kulandela kamva ebandleni.
6 NguYehova ngenkqu olungiselele esi sidlo sokomoya. Yizani! Sidle! Siya kumemelela ngovuyo ukuba sizile ukuze singenelwe kulo lonke ucwangciso.—Isa. 65:14.