Lutsha—Fundani ILizwi LikaThixo!
1 Ubutsha lixesha elinzima nelokwenza izigqibo ezibalulekileyo. Mihla le, ulutsha oluninzi olungamaKristu lujamelana nengcinezelo yokwaphula imilinganiselo kaThixo yokuziphatha. Njengoko uqalisa ukwenza izigqibo kwizinto eziphathelele imfundo, umsebenzi nomtshato, ufanele ukuba sele uzibekele usukelo lwezinto zokomoya. Kungaloo ndlela kuphela onokwenza izigqibo eziya kuba yingenelo kubomi bakho bonke. Usukelo lwezinto zokomoya olucacileyo luya kukunceda wenze ngobulumko uze uphumelele. Xa ufunda uze ucamngce ngeLizwi likaThixo rhoqo, uya kuphila ngokuvisisana nesiluleko salo esiphefumlelweyo, kwaye imizamo yakho emihle iya kuphumelela.—Yosh. 1:8; INdu. 1:2, 3.
2 Uya Kungenelwa Njani? Ihlabathi likaSathana lizaliswe zizilingo zokwenza ububi. (1 Yoh. 2:15, 16) Kusenokwenzeka ukuba kukho abathile ofunda nabo okanye oontanga bakho abaye bahlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yokulandela umndilili. Ukunamathela kwisiluleko seBhayibhile kuya kukwenza ube nemilinganiselo ephakamileyo uze womelele ngokomoya ukuze ulichase ikhondo lesono. Ukongezelela koko, isiluleko seLizwi likaThixo sinokukunceda uphephe imigibe kaSathana echuliweyo. (2 Kor. 2:11; Heb. 5:14) Ukuhamba ezindleleni zikaThixo kuya kukuzisela ulonwabo lokwenene—kuya kukwenza waneliseke ngekhondo lakho lobomi.—INdu. 119:1, 9, 11.
3 Imigaqo engaphelelwayo yeLizwi likaThixo ibugqwesa lee ubulumko babantu. (INdu. 119:98-100) Ukuqhelana nemigaqo yeBhayibhile nokucamngca ngeenjongo zikaYehova azityhilileyo kunye nomthandazo osuka entliziyweni zinokukunceda wakhe ubuhlobo obusondeleyo noMbhali weBhayibhile osisilumko, uYehova uThixo. Uthembisa oku: “Ndiya kukuqiqisa ndikuyalele ngendlela ofanele uhambe ngayo. Ndiya kukucebisa iliso lam likuwe.”—INdu. 32:8.
4 Zibekele Ixesha Lokulifunda: Omnye umKristu oselula wazibekela usukelo lokufunda iBhayibhile iphela, ibe wayigqiba kwisithuba sonyaka. Wangenelwa njani? Ukhumbula oku: “Ndafunda lukhulu ngoYehova—ndafunda izinto ezandenza ndasondela ngakumbi kuye ndaza ndafuna ukumoyika ubomi bam bonke.” (Yak. 4:8) Ngaba ukhe wayifunda wayigqiba iBhayibhile? Ukuba akukayifundi, kutheni ungazibekeli usukelo lokuyifunda nje? Ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyisikelela imigudu oyenzayo, kwaye uya kuvuna lukhulu.