Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
Iveki Eqala NgoMatshi 14
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Sebenzisa amacebiso akwiphepha 4 (ukuba ayifanele intsimi yenu) ukuze wenze umboniso wendlela yokuhambisa IMboniselo kaMatshi 15 noVukani! ka-Aprili 8. Nezinye iintshumayelo eziphumelelayo zinokusetyenziswa. Komnye wale miboniso, bonisa indlela yokwenza ibuyelo kumntu okumzila wamaphephancwadi. Xa uqukumbela loo ntshumayelo, sebenzisa iphepha elingasemva leMboniselo kaMatshi 15 ukuze ukhumbuze umninimzi ngeSikhumbuzo esizayo.
15 imiz: “Siza Kugxininisa Ngakumbi EBhayibhileni!”a
20 imiz: “Iphulo Elikhethekileyo Lokuhambisa Incwadana Enemifanekiso Entsha.”b Imele isingathwe ngumveleli wenkonzo. Yenza imiboniso ngeentshumayelo ezicetyisiweyo. Komnye waloo miboniso, umninimzi akabi namdla kangako kwingxubusho yeBhayibhile kwaye unikwa iphecana kunokuba anikwe incwadana enemifanekiso. Inkcazelo eyongezelelekileyo ngokuphathelele iphulo elikhethekileyo ikwileta evela kwiofisi yesebe eya kubadala.
Ingoma 137 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 21
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: “Ukuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Ezinenkqubela—Icandelo 7.”c Xa ulungiselela le ntetho, jonga IMboniselo kaJulayi 15, 2002, iphepha 27, isiqendu 5-6.
20 imiz: Yintoni IArmagedon? Emva kwentshayelelo engaphantsi komzuzu omnye, qhuba ingxubusho yemibuzo neempendulo esekelwe kwiphepha 27-32 kwincwadi ethi Ukuqiqa. Cela abaphulaphuli ukuba baphendule imibuzo ebhalwe ngqindilili, besebenzisa izibhalo ezicatshulweyo nezibonisiweyo. Xubusha indlela esinokuyisebenzisa ngayo le nkcazelo entsimini.
Ingoma 109 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 28
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta ezibulela iminikelo. Khuthaza bonke ukuba bameme abanomdla ukuba babekho kwintetho ekhethekileyo ngoAprili 10. Khankanya uncwadi oluza kuhanjiswa ngoAprili nangoMeyi.
20 imiz: Hambisa IMboniselo NoVukani! Xubusha iingongoma ezinokuthethelwa kumaphephancwadi akutshanje. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 4 (ukuba ayifanele intsimi yenu), bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo ka-Aprili 1 noVukani! ka-Aprili 8. Nezinye iintshumayelo eziphumelelayo zinokusetyenziswa. Kwintshumayelo nganye, cacisa indlela umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke oxhaswa ngayo ngemali.—Jonga IMboniselo, iphe. 2, okanye uVukani! iphe. 5.
15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.
Ingoma 116 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAprili 4
10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.
15 imiz: Yibani Nothando Phakathi Kwenu. (Yoh. 13:35) Intetho enikelwa ngumdala esekelwe kwiMboniselo kaFebruwari 1, 2003, iphepha 15-18, isiqendu 10-21. Njengoko kubonisiwe kuncwadi oluza kuhanjiswa ngoAprili nangoMeyi, sikhuthazwa ukuba sizame ukuqalisa izifundo zeBhayibhile nabantu abasele beyifundelwe incwadi ethi Ulwazi nencwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo. Gxininisa indlela abavakalisi abanokusebenzisana ngayo nabadala ekuncedeni ababuthathaka.
20 imiz: Ilungiselelo Elenzelwe Ukusomeleza. Emva kwentshayelelo engaphantsi komzuzu, xubusha kunye nabaphulaphuli ngeNcwadi Yonyaka Yowama-2005. Ukucamngca ngemisebenzi emangalisayo kaYehova yale mihla kusenza sisondele ngakumbi kuye nakubazalwana bethu abasehlabathini. (INdu. 77:12-14) Kuyasomeleza ukuze simxhathise uMtyholi, ‘siqine elukholweni.’ (1 Pet. 5:8, 9) Kunceda abasebatsha bayixabise intlangano kaYehova. Cela abaphulaphuli ukuba babalise iingongoma abazithandileyo kwiNcwadi Yonyaka Yowama-2005. Lungiselela kusengaphambili ukuba kubekho umvakalisi omnye okanye ababini abaza kuchaza indlela abalihlengahlengisa ngayo ixesha lokufunda iNcwadi Yonyaka.
Ingoma 36 nomthandazo wokuqukumbela.
[Imibhalo esemazantsi]
a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.
c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.