IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/05 iphe. 2-6
  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoDisemba 12
  • Iveki Eqala NgoDisemba 19
  • Iveki Eqala NgoDisemba 26
  • Iveki Eqala NgoJanuwari 2
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2005
km 12/05 iphe. 2-6

Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

PHAWULANI: Kwisithuba senyanga okanye ezimbini emva kokubuya kwebandla lenu kwiNdibano YeSithili ‘Yokuthobela UThixo,’ sebenzisani imizuzu eli-15 ukuya kwengama-20 kwiNtlanganiso Yenkonzo (mhlawumbi nisebenzisa ixesha elabelwe iimfuno zasekuhlaleni) ukuze kwenziwe impinda yezinto ezikhethekileyo abavakalisi abazizuze kwindibano nabaye bazifumanisa ziluncedo kwinkonzo yasentsimini. Le nxalenye ikhethekileyo yeNtlanganiso Yenkonzo iya kusinika ithuba lokuchaza indlela esikusebenzisa ngayo oko sikufunde endibanweni nendlela okuye kwasinceda ngayo ukuze siphumelele entsimini.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 2005, iphe. 2.

Iveki Eqala NgoDisemba 12

Ingoma 32

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. IZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseli Bethu BoBukumkani. Xubusha ibhokisi ethi “Nceda Umtyelele Ngokukhawuleza.” Bonisa abantu ifomu iS-43 ukuba unayo. Sebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu) ukuze ubonise indlela yokuhambisa IMboniselo kaDisemba 15 noVukani! kaDisemba 8. Kusenokusetyenziswa nezinye iintshumayelo ezisebenzayo. Emva komboniso ngamnye, chaza indlela isibhalo esinokuqukwa ngayo ngokulula kwintshumayelo.

15 imiz: “ISikolo Esinendima Ebonakalayo.” Intetho enikelwa ngumveleli wesikolo. Quka amagqabaza akwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 2005.

20 imiz: “Imfundo Ekhokelela Ebomini.”a Lungiselela kusengaphambili nomntu omnye okanye ababini ukuze bachaze indlela abaye bangenelwa ngayo kwimfundiso yobuthixo.

Ingoma 101 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoDisemba 19

Ingoma 160

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Khankanya ilungiselelo elikhethekileyo lentsimi ngoDisemba 25 noJanuwari 1. Bakhumbuze bonke ukuba baphathe uVukani! kaJanuwari 2006 kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki elandelayo.

15 imiz: “Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokuba Bhetyebhetye.”b Quka umboniso omfutshane obonisa indlela umvakalisi anokuba bhetyebhetye ngayo kwintshumayelo yakhe xa esiva oko kuthethwa ngumninimzi.

20 imiz: Ukuphila Ngemigaqo KaThixo Kwindlela Esinxiba Nesizilungisa Ngayo. Intetho enikelwa ngumdala nengxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo ka-Agasti 1, 2002, iphepha 17-19. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngendlela inkangeleko yethu engumzekelo enokuwavula ngayo amathuba okunikela ubungqina.

Ingoma 56 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoDisemba 26

Ingoma 85

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta zeminikelo. Xubusha inqaku elithi “Uthini Xa Uphendulwa Ngumatshini Wokushiya Imiyalezo?” Khumbuza abavakalisi ukuba bafake ingxelo yabo kaDisemba yenkonzo yasentsimini. Ukuba ibandla lenu liza kulitshintsha ixesha leentlanganiso kunyaka omtsha, chazani amaxesha aza kusetyenziswa. Khankanya uncwadi oluza kuhanjiswa ngoJanuwari, uze uchaze apho zinokufumaneka khona iintshumayelo ezicetyisiweyo.

15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.

20 imiz: Iinkalo Ezintsha KuVukani! Intetho nengxubusho nabaphulaphuli. Khankanya utshintsho olukhoyo kuVukani! oluye lwachazwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaMatshi 2005, kwiphepha 1, isiqendu 5-6. Quka amagqabaza afumaneka kwindawo ethi “Ileta Eya Kubafundi BakaVukani!” kuVukani! kaJanuwari 2006, iphepha 3-4. Chaza imizekelo yendlela eli phephancwadi elibalathisela ngokungqale ngayo abafundi eBhayibhileni. Cela abaphulaphuli bagqabaze ngenkalo entsha ekwiphepha 31. Siza kuqhubeka siwahambisa kunye amaphephancwadi IMboniselo noVukani! xa sisenza utyelelo lokuqala. Kakade ke, siza kubahambisela umbhalo ube mnye wenkupho nganye kaVukani! abo bakumzila wethu wamaphephancwadi nabanye abawamkelayo amaphephancwadi ngokuthe rhoqo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha 8 (ukuba ayasebenza kwintsimi yenu), yiba nomboniso ngendlela yokuhambisa IMboniselo kaJanuwari 1 noVukani! kaJanuwari. Kunokusetyenziswa nezinye iintshumayelo ezifanelekileyo. Inkupho kaJanuwari yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani iya kuquka intshumayelo yesibini kaVukani! kaJanuwari ebalaselisa amanye amanqaku asecaleni. Zombini ezi ntshumayelo zinokusetyenziswa kule nyanga.

Ingoma 222 nomthandazo wokuqukumbela.

Iveki Eqala NgoJanuwari 2

Ingoma 5

5 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.

15 imiz: “Masilusebenzise Ngobulumko Uncwadi Lwethu Olusekelwe EBhayibhileni.”c Quka amagqabaza akuBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaSeptemba 2002, kwiphepha 1.

25 imiz: “Ngaba Umntwana Wakho Unako Ukwenza Isigqibo Esibonisa Ukuba Uqolile?”d Mayinikelwe ngumdala. Cela umzalwana ofunda ngokutyibilikayo ukuba afunde isiqendu ngasinye. Xubusha zonke izibhalo ezicatshulweyo. Emva kokufunda isiqendu 2, chaza umahluko phakathi kwabantu abaselula ababini abakhankanywe kwisiqendu 16-17 yaye uquke amagqabaza akwibhokisi ekwiphepha 17 leMboniselo kaJuni 15, 1991. Xa uqukumbela, khuthaza abazali ukuba bahlole lonke inqaku elikule Mboniselo baze baxubushe nabantwana babo ngokukhawuleza ngomyalelo oseBhayibhileni ophathelele igazi, bebalungiselela ukuba bakwazi ukumela ukholo lwabo. Iintloko-ntsapho zifanele ziqiniseke ukuba umntwana ngamnye obhaptiziweyo uyaliphatha ikhadi leDPA yaye umntwana ngamnye ongabhaptizwanga uyayiphatha i-Identity Card. Nanini na umntu elaliswa esibhedlele yaye kuphakama umbandela wokutofelwa kwegazi, abadala bafanele baqhagamshelane neKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele ukuze bafumane uncedo. Ncedani Niphawule: Bandla ngalinye lifanele lilungiselele ukuxubusha le nkcazelo xa inkoliso yabazali nabantwana ikho, nokuba oku kuthetha ukuyimisela elinye ixesha le nxalenye apha kuJanuwari 2006.

Ingoma 48 nomthandazo wokuqukumbela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu omnye, wandule ke ukubuza imibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share