IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 11/07 iphe. 2
  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoNovemba 12
  • Iveki Eqala NgoNovemba 19
  • Iveki Eqala NgoNovemba 26
  • Iveki Eqala NgoDisemba 3
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 11/07 iphe. 2

Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

Iveki Eqala NgoNovemba 12

Ingoma 59

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Usebenzisa amacebiso akwiphepha lesi-4 okanye ezinye iintshumayelo ezisebenzayo kwintsimi yebandla lakho, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaNovemba 15 noVukani! kaNovemba. Kumboniso ngamnye, la maphephancwadi afanele ahanjiswe omabini, nangona kuthethwa ngephephancwadi elinye.

15 imiz: “Yeyam Isilivere, Negolide Yeyam.” Intetho enikelwa ngumdala nesekelwe kwiMboniselo kaNovemba 1, 2007, iphepha le-17 ukusa kwelama-21.

20 imiz: “Hambani Njengezilumko.”a Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli bagqabaze ngezibhalo ezibonisiweyo.

Ingoma 192

Iveki Eqala NgoNovemba 19

Ingoma 109

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Chaza uncwadi oluza kuhanjiswa ngoDisemba, uze wenze umboniso omnye.

15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhlaleni.

20 imiz: “Musani Ukwala!”b Xa uxubusha isiqendu sesi-5, quka amagqabaza abo baye bafunda nabantu abaye bamkela inyaniso. Kunawuphi umvuzo ukuqhuba isifundo seBhayibhile esinenkqubela ibe kutheni kusonwabisa? Unokulungiselela nomntu omnye okanye ababini kusengaphambili ukuba bagqabaze.

Ingoma 96

Iveki Eqala NgoNovemba 26

Ingoma 172

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta ezibulela iminikelo. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zenkonzo yasentsimini zikaNovemba. Bancome bonke abayileyo kwintsimi engabelwanga bani uze wazise ibandla ngemiphumo yoko. Ukuba ixesha liyavuma, dlan’ indlebe nabathile abaye baba nenxaxheba kweli phulo. Usebenzisa amacebiso akwiphepha lesi-4 okanye ezinye iintshumayelo ezisebenzayo kwintsimi yebandla lakho, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaDisemba 1 noVukani! kaDisemba.

15 imiz: Ngaba Unokuphangalala Eluthandweni? Intetho enikelwa ngumdala nesekelwe kwiMboniselo kaJanuwari 1, 2007, iphepha lesi-9 ukuya kwele-11.

20 imiz: Lutsha—Ninokumdumisa Njani uYehova? Xubusha IMboniselo kaJuni 15, 2005, iphepha lama-26 ukusa kwelama-28, isiqendu se-15 ukusa kwese-19, usebenzisa imibuzo yeziqendu. Xa uxubusha isiqendu se-18, cela ulutsha ukuba lubalise indlela oluye lwashumayela ngayo esikolweni kwabanye abafundi okanye kootitshala.

Ingoma 5

Iveki Eqala NgoDisemba 3

Ingoma 77

15 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Xubusha Ibhokisi Yemibuzo.

15 imiz: Isikolo Sabo Banceda Abantu Ehlabathini Lonke. Intetho esekelwe kwiMboniselo kaNovemba 15, 2006, iphepha le-10 ukusa kwele-13. Dlan’ indlebe ngokufutshane naye nawuphi na umdala okanye isicaka solungiselelo esiye kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli. Esi sikolo siye sabanceda njani baba ngabavangeli, abalusi nabafundisi abanenkqubela? Khuthaza abazalwana abafanelekayo ukuba bacinge ngokuzibekela usukelo lokuya kwiSikolo Sokuqeqesha Abalungiseleli.

15 imiz: “Siyabaxelela Abantu Ngethemba Lethu LoBukumkani.”c Ukuba ixesha liyavuma, cela abaphulaphuli bagqabaze ngezibhalo ezibonisiweyo.

Ingoma 173

[Imibhalo esemazantsi]

a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share