IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/07 iphe. 2
  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
  • Imixholwana
  • Iveki Eqala NgoDisemba 10
  • Iveki Eqala NgoDisemba 17
  • Iveki Eqala NgoDisemba 24
  • Iveki Eqala NgoDisemba 31
  • Iveki Eqala NgoJanuwari 7
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2007
km 12/07 iphe. 2

Ucwangciso LweNtlanganiso Yenkonzo

Iveki Eqala NgoDisemba 10

Ingoma 46

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Usebenzisa amacebiso akwiphepha lesi-8 okanye ezinye iintshumayelo ezisebenzayo kwintsimi yenu, bonisa indlela yokuhambisa IMboniselo kaDisemba 15 noVukani! kaDisemba.

20 imiz: ISikolo Sobulungiseleli Sobuthixo Sowama-2008. Intetho enikelwa ngumveleli wesikolo. Thetha ngeengongoma ezifanele zibethelelwe ezikwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 2007. Thetha ngendima yomluleki wangasese. Khuthaza bonke ukuba bazenze izabelo zabo, bagqabaze kwiimbalasane zeBhayibhile, baze bawasebenzise amacebiso akwincwadi ethi Zuza Kwimfundo YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo anikelwa veki nganye.

15 imiz: “Thuthuzela Abantu Abanxungupheleyo.”a Balisa into enye okanye ezimbini eziye zenzeka ekuhlaleni.

Ingoma 34

Iveki Eqala NgoDisemba 17

Ingoma 28

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Khetha kwiZaziso ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Khuthaza bonke ukuba babukele iDVD ethi Jehovah’s Witnesses—Organized to Share the Good News ukuze balungele ingxubusho eza kuba kwiNtlanganiso Yenkonzo yeveki kaJanuwari 7.

15 imiz: “Masiqhubeke Siyikhuthalela Intsimi.”b Dlan’ indlebe nomvakalisi owaziwa ngokukhuthalela intsimi. Mbuze le mibuzo: Ziziphi izinto ekuye kwafuneka uzenze ukuze uhlale ukhuthele? Yintoni eye yakunceda uqhubeke ukhuthele?

20 imiz: “Hambisa Amaphephancwadi Angqinela Inyaniso.”c Cela ukuba kugqatyazwe ngoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaNovemba 2006, iphepha lesi-8. Khuthaza abaphulaphuli ukuba bafunde IMboniselo kaJanuwari 1 noVukani! kaJanuwari. Bacele ukuba beze nazo kwintlanganiso yeveki elandelayo.

Ingoma 139

Iveki Eqala NgoDisemba 24

Ingoma 212

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Funda ingxelo yemali neeleta ezibulela iminikelo. Chaza uncwadi oluza kuhanjiswa ngoJanuwari, uze wenze umboniso omnye wendlela yokuluhambisa.

15 imiz: Lungiselela Ukuhambisa Amaphephancwadi Akutshanje. Ingxubusho nabaphulaphuli esekelwe kwiMboniselo kaJanuwari 1 nakuVukani! kaJanuwari. Emva kokuthi gqaba-gqaba ngenkupho nganye, buza abaphulaphuli ukuba yiyiphi imixholo eya kubangela umdla kwintsimi yenu ibe ngenxa yasiphi isizathu. Mema abaphulaphuli ukuba bacebise ngendlela yokutshayelela amanqaku athile. Nguwuphi umbuzo onokubuzwa ukuqalisa incoko? Sisiphi isibhalo esikwinqaku esinokufundwa? Eso sibhalo sinokudityaniswa njani nelo nqaku? Yenza umboniso wendlela yokuhambisa iphephancwadi ngalinye usebenzisa iintshayelelo ezicetyiswe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani okanye usebenzise intshayelelo ecetyiswe ngabaphulaphuli.

20 imiz: “Zibekele Usukelo Lokuqhuba Isifundo SeBhayibhile.”d Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abasandul’ ukuqala isifundo seBhayibhile. Baziqale njani izifundo zabo? Ziqhuba njani ngoku?

Ingoma 21

Iveki Eqala NgoDisemba 31

Ingoma 89

10 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni. Iindaba Zobuthixo. Khumbuza abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo zentsimi zikaDisemba.

15 imiz: Ukuhlonela UThixo Kuyakhuthaza. Intetho ekhuthazayo esekelwe kwiMboniselo kaMatshi 1, 1990, iphepha lama-22 ukuya kwelama-23.

20 imiz: Qhubekani Nihamba Njengabantwana Bokukhanya. Intetho enodliwano-ndlebe. Sibushiyile ubumnyama beli hlabathi saza sazivumela ukuba sikhokelwe kukukhanya kukaYehova. (Efe. 5:8, 9) Loo nto ibuphucule ubomi bethu yabenza baba nenjongo. (1 Tim. 4:8) Oku kukhanya kukwasenza sibe nethemba. (Roma 15:4) Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abaye bahlangabezana nemiqobo yokuba nolwalamano oluhle noYehova baza bayoyisa loo miqobo. Ziziphi iingxaki ababa nazo xa babesamkela inyaniso? Bazoyisa njani ezo ngxaki? Buphucuke njani ubomi babo ngoku xa bebuthelekisa nangaphambili? Yintoni ebancedayo ukuba baqine enyanisweni? Qukumbela ngokukhuthaza bonke ukuba baqhubeke bebuqinisa ubuhlobo babo noYehova kwaye bayixabise inyaniso etyhilwe nguYehova.—2 Pet. 1:5-8.

Ingoma 202

Iveki Eqala NgoJanuwari 7

Ingoma 159

5 imiz: Izaziso zebandla lasekuhlaleni.

15 imiz: Iimfuno zebandla lasekuhleni.

25 imiz: “Elona Phulo Likhulu Lokushumayela Kwawakha Enziwa Ehlabathini!”e Cela abaphulaphuli ukuba babalise ngentsabelo entle eziye zanayo izihlobo, abantu ababaziyo, amabuyelo nezifundo zeBhayibhile xa bebezibukelisa ividiyo ethi Jehovah’s Witnesses—Organized to Share the Good News.

Ingoma 99

[Imibhalo esemazantsi]

a Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

b Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

c Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

d Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

e Intshayelelo yakho mayibe ngaphantsi komzuzu, wandule ke ukubuza imibuzo.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share