Isihlandlo Sokondliwa Ngokomoya Nesokuba Nemihlali
1. UYehova ubanyamekela njani abakhonzi bakhe ngokomoya?
1 UYehova uyabanyamekela abakhonzi bakhe ngokomoya. Ngoxa ihlabathi libhuqwa liphango ngokomoya, kuthi yintlutha yodwa. (Isa. 65:13) Iindibano zesithili ziyenye indlela uYehova asondla ngayo ngokomoya. Ngaba ulungiselela ukubakho kulo lonke ucwangciso lweNdibano YeSithili ‘Yokukhokelwa Ngumoya KaThixo’? Silungiselelwe isidlo sokomoya esiluncuthu nesinesondlo.
2. Kubandakanya ntoni ukuceba kusengaphambili?
2 Ceba Kusengaphambili: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” (IMize. 21:5) Ngoko ke, xa usenza amalungiselelo okubakho kuzo zontathu iintsuku zendibano, musa ukulibazisa ukuthetha nomqeshi ukuba kufuneka ucelile. Ukuba uza kufuna indawo yokuhlala, ngaba sele uyilungisile? Kuza kufuneka ulungise nesidlo sasemini ukuze utye nabazalwana bakho endibanweni. Lungiselela ukufika kwangethuba endibanweni ukuze ufumane indawo yokuhlala kwaye ubekho xa kuculwa ingoma yokuvula naxa kuthandazwa.
3. Sifanele sicebe ukunxiba njani?
3 Sifanele siqiniseke ukuba izinto esizinxibayo zindilisekile yaye zilungiswe kakuhle. (1 Tim. 2:9, 10) Iindibano zesithili zisinika ithuba elihle lokushumayela kubantu basekuhlaleni. Xa sinxibe ngokundilisekileyo kwaye sinxiba iibheji zethu kwisixeko ekuqhutywa kuso indibano, siyahluka kubantu abangakholwayo kwaye nabantu ababukeleyo baya kusincoma.
4. Yintoni eya kusinceda thina neentsapho zethu ukuba singenelwe kucwangciso?
4 Phulaphula Kakuhle: Ngokuqinisekileyo asifuni ukuba kubekho nesuntswana eliwa phantsi kwesi sidlo sokomoya. (IMize. 22:17, 18) Ukuvula eyakho iBhayibhile njengoko isithethi sifunda izibhalo nokubhala amanqaku kuya kusinceda siphulaphule ucwangciso size singaphazamiseki. Kuya kuthi ke ngengokuhlwa, sikwazi ukusebenzisa amanqaku ethu xa sincokola nabanye ngocwangciso. Kutshanje kuye kwaphawuleka ukuba olunye ulutsha luhlala lodwa endibanweni luze luncokole okanye lubhalelane iisms ebudeni bocwangciso. Ukuba sinabantwana, kuquka abo bakwishumi elivisayo, kunokuba kuhle ukuba sihlale nabo size siphulaphule njengentsapho kunokubavumela ukuba bahlale nabanye abantwana kude nathi.
5. Sinokwenza njani ukuze indibano ibe mnandi nangakumbi?
5 Nxulumana Nabazalwana: Ukutya kuba mnandi nangakumbi xa sisitya nabahlobo. (IMize. 15:17) Ngendlela efanayo, ukunxulumana nabazalwana noodadewethu kuyenza ibe mnandi nangakumbi indibano. Ngoko ke, xa lungekaqali ucwangciso, kuya kuba kuhle kakhulu ukuba sizazise kwabanye abazalwana size sincokole nabo. (INdu. 133:1) Xa usihlalo esicela ukuba sihlale phantsi ngaphambi kokuba umculo uqale, masiyeke ukuncokola sihlale phantsi.
6. Balisa amava akho abonisa indlela esinokushumayela ngayo kubantu besixeko ekuqhutywa kuso indibano.
6 Shumayela Nanini Na Kuvela Ithuba: Iindibano zidla ngokusivulela amathuba amahle okushumayela. Abazalwana abaninzi abeze endibanweni, xa besiya kwiivenkile zokutyela emva kocwangciso, baye babuzwe ngabasebenzi balapho nabanye ngomxholo okwiibheji zabo. Ngenxa yoko kuye kwavuleka ithuba lokuncokola kwaza kwashunyayelwa. Abanye babo baye bamenyelwa endibanweni baza baya.
7. Kutheni sifanele siye kule ndibano yesithili izayo?
7 Kuchithwa iiyure ezininzi kulungiselelwa ucwangciso, kulungiswa iindawo ekuza kuqhutywa kuzo iindibano, kuhlengahlengiswa amasebe kwaye kulungiselelwa neentetho. Wonke lo msebenzi wenziwayo kulungiselelwa esi sidlo sokomoya ubonisa indlela uYehova abanyamekela ngayo abantu bakhe. Ngamana sonke singakho size sitye sanele! Ukuba senjenjalo, ngokwahlukileyo kwihlabathi, siya “kumemelela ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo.”—Isa. 65:14.
[Ibhokisi ekwiphepha 4]
Izinto Esifanele Sizikhumbule Ngendibano
◼ Ixesha Locwangciso: Ucwangciso luza kuqalisa ngeye-9:00 kusasa ngazo zontathu iintsuku. Xa kuqala umculo, sonke sifanele siye kuhlala phantsi ukuze ucwangciso luqalwe ngendlela endilisekileyo. Ucwangciso luya kuqukunjelwa nge-4:15 emva kwemini ngoLwesihlanu, nangoMgqibelo, luze luqukunjelwe nge-3:20 emva kwemini ngeCawa.
◼ Indawo Yokupaka Iimoto: Kuzo zonke iindawo ekuqhutyelwa kuzo iindibano ezineendawo zokupaka eziza kwalathiswa sithi, ziza kufumaneka simahla yaye ziya kunikwa abantu abafike kuqala. Abazalwana abafuna indawo yokupaka baya kubonwa ngeebheji zabo.
◼ Indawo Yokuhlala: Iifomu zeSicelo Samagumbi ziyafumaneka kubavakalisi abafuna indawo yokuhlala. IKomiti Yenkonzo Yebandla ifanele ihlole ukufaneleka kwabavakalisi, isebenzisa ulwalathiso oluchazwe kule fomu kunye neleta kaJulayi 15, 2008, eya kuwo onke amaqumrhu abadala. Eli lungiselelo lenzelwe abavakalisi abangumzekelo kunye nabantwana babo abaziphethe kakuhle.
◼ Ukubeka Izihlalo: Izihlalo unokuzibekela abantu ohamba nabo ngemoto okanye ohlala nabo endlwini kuphela.
◼ Isidlo Sasemini: Sicela niziphathele isidlo sasemini kunokuba niphume niye kufuna ukutya ebudeni bekhefu lasemini. Ninokusebenzisa icooler bag enokufakwa phantsi kwesitulo. Iicooler bag ezinkulu zepikiniki zinokubekwa kwindawo abalindi abacela ukuba nizibeke kuyo. Izitya zeglasi kunye notywala azivumelekanga kwindawo ekuqhutyelwa kuyo indibano.
◼ Iminikelo: Sinokubonisa uxabiso esinalo ngamalungiselelo endibano ngokunikela ngokuzithandela kumsebenzi owenziwa ehlabathini kwiHolo yethu yoBukumkani okanye endibanweni. Ukuba ungathanda ukunikela ngetsheke, cela igama leakhawunti kwiKomiti Yendibano.
◼ Iingozi Neengxaki Zesiquphe: Xa umntu egula ngesiquphe endibanweni, nceda uchazele umlindi okufutshane, ibe yena uya kwazisa iSebe Loncedo Lokuqala ukuze ibe ngabantu abaqeqeshiweyo abahlola imeko baze bancede.
◼ Iinqwelo Zabantwana Nezihlalo Eziphathwayo: Iinqwelo zabantwana nezihlalo eziphathwayo azifanele zingene eholweni. Noko ke, izihlalo ezenzelwe ukhuseleko lwabantwana ezinokukwazi ukufakwa zize zixokonyezelwe kwisihlalo esisecaleni kwabazali zinokungena.
◼ Iziqholo Ezenza Umntu Anuke Kamnandi: Ezinye iindibano ziqhutywa kwizakhiwo ezivalekileyo apho sixhomekeka kwiifeni ukuze kungene umoya. Ngoko ke, kuya kuba kuhle ukuba singazigaleli kakhulu iziqholo ezinamandla nezinokubaxakanisa abo baneengxaki zokuphefumla okanye abanezinye izigulo.—1 Kor. 10:24.
◼ Iifomu Zokubuyela Kwabanomdla: Ifomu ethi Nceda Ubuyele (S-43) ifanele isetyenziswe xa kubhalwa inkcazelo ephathelele abo banomdla ngoxa sishumayela ngokungacwangciswanga ebudeni bendibano. Abavakalisi bafanele baphathe ifomu ibe nye okanye zibe mbini endibanweni. Iifomu ezizalisiweyo zinokusiwa kwiSebe Leencwadi okanye xa ubuyela ebandleni uzinike unobhala webandla lakho.—Bona UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Aprili 2005, iphe. 5.
◼ Iivenkile Zokutyela: Zukisani igama likaYehova ngokuziphatha kakuhle kwiivenkile zokutyela. Kwiindawo ezininzi kuyinto eqhelekileyo ukushiya imadlana esisipho kubasebenzi bevenkile yokutyela emalunga ne-10 ukuya kwi-15 ekhulwini lexabiso laloo nto uyenzelweyo.
◼ Iingoma: Amabandla aya kukuvuyela ukuqhelisela ezi ngoma ziza kuculwa endibanweni kusengaphambili.
NgoLwesihlanu: 190, 79, 42, 57, 157, 191.
NgoMgqibelo: 215, 123, 207, 46, 3, 10.
NgeCawa: 163, 209, 4, 98, 8, 212.